Ucinga Ntoni Ngekamva?
Ngaba izinto ezimbi . . .
-
ziza kuhlala zisenzeka?
-
ziza kuye zisiba mbi?
-
ziza kude ziphele?
ITHINI IBHAYIBHILE?
“UThixo . . . uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu. Izinto zangaphambili azisekho.”—ISityhilelo 21:3, 4, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha.
INGAKUNCEDA NJANI LE NTO?
Uza kwenza umsebenzi omnandi nowanelisayo.—Isaya 65:21-23.
Ukugula nezinto ezibuhlungu ziza kuphela.—Isaya 25:8; 33:24.
Uza konwaba uze uphile ubomi obungapheliyo nabantu obathandayo. —INdumiso 37:11, 29.
NGABA SINOKUYIKHOLELWA INTO ETHETHWA YIBHAYIBHILE?
Ewe, nazi ezinye zezizathu zokuyikholelwa:
-
UThixo akanakuxakwa kukwenza le nto. EBhayibhileni, nguYehova uThixo yedwa obizwa ngokuba ‘nguSomandla,’ kuba unamandla angapheliyo. (ISityhilelo 15:3) Ngenxa yoko, akanakuxakwa kukuyenza into ayithembisileyo yokuphelisa izinto ezimbi emhlabeni. Kanye njengokuba iBhayibhile isitsho, “kuThixo yonke into ingenzeka.”—Mateyu 19:26.
-
UThixo uyafuna ukuyenza into ayithembisileyo. Ngokomzekelo, uYehova uThixo ukufuna ngamandla ukuvusa abantu abaswelekileyo.—Yobhi 14:14, 15.
IBhayibhile isichazela ukuba uNyana KaThixo, uYesu, waphilisa abantu abagulayo. Kwakutheni ukuze abaphilise? Wayefuna. (Marko 1:40, 41) UYesu wayefuna ukubanceda abantu njengoTata wakhe.—Yohane 14:9.
Yiloo nto sinokuqiniseka ukuba bobabini uYehova noYesu bafuna sibe nekamva elihle size sonwabe.—INdumiso 72:12-14; 145:16; 2 Petros 3:9.
NANK’ UMBUZO
UThixo uza kuzilungisa njani izinto emhlabeni?
IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo KUMATEYU 6:9, 10 NAKUDANIYELI 2:44.