UBOMI BAMAKRISTU NOMSEBENZI WOKUSHUMAYELA–INCWADI YENTLANGANISO Januwari 2017
Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
Iintshayelelo onokuzisebenzisa zeMboniselo nonokufundisa ngazo inyaniso ngemiqondiso yemihla yokugqibela. Sebenzisa amacebiso akweli nqaku ukuze uzenzele eyakho intshumayelo.
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO
UYehova Uyabakhathalela Abantu Bakhe
Njengomamkeli weendwendwe, uYehova uThixo usinika ukutya okuninzi okusinceda sisondelelane naye.
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO
“Ukumkani Uya Kulawula Ngobulungisa”
UYesu, uKumkani, umisele abadala abanyamekela umhlambi. Bazisa iziqabu kumhlambi ngokuwunceda usondele kuThixo baze bawuhlaziye.
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO
UHezekiya Wavuzwa Ngokholo Lwakhe
AmaSiriya azama ukutyhafisa amaYuda ukuze anikezele kungaliwanga, kodwa uYehova uthumela ingelosi yakhe ukuze ilwele iYerusalem.
INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
”Owu Yehova, . . . Ndikholose Ngawe”
Kubalulekile ukuba sikholose ngoYehova xa kumnandi naxa kukubi. UHezekiya wabonisa njani ukuba ukholose ngoThixo?
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO
UYehova Unika Odiniweyo Amandla
Le ndlela libhabha ngayo lingasebenzisi mandla ibonisa indlela esincedwa ngayo ngamandla kaThixo ukuze siqhubeke simkhonza.
INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ungalibali Ukuthandazela AmaKristu Atshutshiswayo
Sinokuthandaza njani ukuze sincede amaKristu atshutshiswayo?
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO
UYehova NguThixo Weziprofeto Zokwenyaniso
Esebenzisa uIsaya, uYehova waxela kwiminyaka eyi-200 ngaphambili oko kwakuza kwenzeka kwiBhabhiloni.