Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Februwari 26–Matshi 3

INDUMISO 11-15

Februwari 26–Matshi 3

Ingoma 139 Nomthandazo | Amazwi Okuvula (umz. 1)

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO

1. Khawuzibone Ukwihlabathi Elitsha LikaThixo Elinoxolo

(imiz. 10)

Xa abantu bengawuhloniphi umthetho nocwangco loo nto ibangela kubekho ubundlobongela esibubonayo namhlanje (INd 11:​2, 3; w06 5/15 18 ¶4)

Sinokumthemba uYehova ukuba kungekudala uza kubuphelisa ubundlobongela (INd 11:5; wp16.4 11)

Ukucinga ngesithembiso sikaYehova sokusisindisa kungasinceda sililinde ngomonde ihlabathi elitsha (INd 13:​5, 6; w17.08 7 ¶15)

KHAWUZAME LE NTO: Funda uHezekile 34:​25, uze uziphe umzuzu ucinga ngawe ukwindawo entle enoxolo echazwe kule vesi.​—kr 236 ¶16.

2. Ubuncwane ObuseBhayibhileni

(imiz. 10)

  • INd 14:1​—Into ethethwa kule vesi inokuba yingozi njani nakumaKristu? (w13 9/15 19 ¶12)

  • Ziintoni ozifundileyo kufundo lweBhayibhile lwale veki?

3. Ufundo LweBhayibhile

YIKHUTHALELE INTSIMI

4. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 2) UKUSHUMAYELA NGOKUNGACWANGCISWANGA. Mmemele eSikhumbhuzweni loo mntu (lmd isifundo 5 ingongoma 3)

5. Ukuqalisa Incoko

(umz. 1) KWINDLU NGENDLU. Mmemele eSikhumbhuzweni loo mntu. (lmd isifundo 3 ingongoma 4)

6. Ukuqalisa Incoko

(imiz. 3) KWINDLU NGENDLU. Umntu othetha naye ubonisa umdla kwisimemo seSikhumbuzo. (lmd isifundo 7 ingongoma 4)

7. Ukwenza Abafundi

(imiz. 5) lff isifundo 13 neendawo ezithi ufunde ntoni, khawutsho, into endizimesele ukuyenza. Sebenzisa inqaku elikwindawo ethi “Jonga nezi zinto” ukuze uncede umntu omfundelayo aqonde indlela avakalelwa ngayo uThixo ngonqulo lobuxoki. (th isifundo 12)

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ingoma 8

8. “Ubulumko Bubhetele Kunezixhobo Zemfazwe”

(imiz. 10) Ingxubusho.

Izenzo zobundlobongela ziya zisanda emhlabeni wonke. UYehova uyazi ukuba ubondlongela esibubonayo nobusichaphazelayo bunokusenza sibe nexhala kakhulu. Uyaqonda nokuba siyakudinga ukukhuselwa. Enye yendlela asikhusela ngayo kungeLizwi lakhe, iBhayibhile.​—INd 12:​5-7.

IBhayibhile inobulumko ‘obubhetele kunezixhobo zemfazwe.’ (INt 9:18) Khawucinge ngendlela le migagqo yeBhayibhile ilandelayo enokusikhusela ngayo singabi ngamaxhoba obundlobongela.

  • INt 4:​9, 10​—Kulumkele ukuba wedwa kwiimeko nakwiindawo ezinobungozi

  • IMi 22:3​—Zijonge izinto ezenzekayo kufutshane nawe xa ukwindawo kawonke-wonke

  • IMi 26:17​—Sukungena kwiingxabano ezingakufuniyo

  • IMi 17:14​—Xa ubona ingathi kukho ububi obuza kwenzeka yishiye loo ndawo. Uze uhambele kude kubantu abalungele ukutoyi-toya

  • Luk 12:15​—Ungaze ubeke ubomi bakho esichengeni kuba ukhusela izinto onazo

Dlala IVIDIYO ethi Linganisa Abanokholo, Hayi Abangenalo​—UEnoki, Hayi ULameki. Uze ubuze lo mbuzo:

Umzekelo kaEnoki umncede njani lo tata wenza izigqibo ezifanelekileyo waza wahlala ezolile nangona kwakukho ubundlobongela?​—Heb 11:5

Kwezinye iimeko, umKristu usenokuvakalelwa kukuba umele azikhusele okanye akhusele izinto anazo. Xa kunjalo, uza kwenza konke okusemandleni akhe ukuze aphephe ukubulala umntu aze abenetyala legazi.​—INd 51:14; jonga “Imibuzo Evela KubafundikwiMboniselo yangoJulayi 2017.

9. Iphulo LeSikhumbuzo Liza Kuqala NgoMgqibelo Matshi 2

(imiz. 5) Mayinikelwe ngumdala. Thetha ngamalungiselelo ephulo lokumemela abantu kwintetho ekhethekileyo naseSikhumbuzweni. Khumbuza abavakalisi ukuba banokukhetha ukuba ngoovulindlela abangabancedani abenza iiyure eziyi-15 kwinyanga kaMatshi noAprili.

10. Isifundo SeBhayibhile Sebandla

(imiz. 30) bt isahl. 6 ¶9-17

Amazwi Okuvala (imiz. 3) | Ingoma 40 Nomthandazo