Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Bakhethe Kakuhle Abahlobo

Bakhethe Kakuhle Abahlobo

Into eyenzeka kumaSirayeli kwintlango yakwaMowabhi isisilumkiso kumaKristu. (1Ko 10:6, 8, 11) AmaSirayeli aqalisa ukuba ngabahlobo nabantu ababeziphatha kakubi ngesondo, nabafazi abakhonza izithixo bakwaMowabhi ibe loo nto yawenza enza izono ezonyanyisayo. Angena ezingxakini ezinkulu ngenxa yaloo nto. (Num 25:9) Nathi sihlala nabantu abangamkhonziyo uYehova, emisebenzini, esikolweni, abamelwane, abo sizalana nabo nezihlobo. Yintoni esiyifundayo kweli bali ngokuba ngabahlobo kunye nabantu abangamkhonziyo uYehova?

BUKELA IVIDIYO ETHI IMIZEKELO ESISILUMKISO KUMHLA WETHU​—ISICATSHULWA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • UZimri nabanye abantu bathini kuYamin?

  • UFinehas wamnceda njani wazijonga kakuhle izinto uYamin?

  • Yintoni umahluko phakathi kokuba nobubele emntwini ongamkhonziyo uYehova nasekubeni ngumhlobo wakhe?

  • Kutheni sifanele sibakhethe kakuhle abahlobo abaza kusondela kuthi nasebandleni?

  • Kutheni sifanele sikuphephe ukuncokola nabantu esingabaziyo kwiiwebhsayithi zokuncokola?