Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Into Endinokuyenza Ukuze Siqhubeke Sisaziwa Kakuhle

Into Endinokuyenza Ukuze Siqhubeke Sisaziwa Kakuhle

Abantu bayayijonga indlela azenza ngayo izinto amaNgqina kaYehova. (1Ko 4:9) Ngoko sisenokuzibuza ukuba, ‘Ngaba izinto endizithethayo nendizenzayo ziyamzukisa uThixo?’ (1Pe 2:12) Asifuni ukwenza nantoni na eza kungcolisa indlela amaNgqina kaYehova ebesaziwa kakuhle ngayo kuyo yonke le minyaka.​—INt 10:1.

Kwimeko nganye kwezi zingezantsi, bhala indlela umKristu amele enze ngayo kunye nomgaqo weBhayibhile onokumnceda:

  • Umntu ongakholwayo uyakucaphukisa ngento ayithethayo

  • Xa impahla yakho, imoto yakho nendlu yakho zimdaka

  • Xa umthetho wasekuhlaleni ubonakala unomkhethe okanye kunzima ukuwuthobela

Abaphandi abakwiSebe Lokubhala bancedisa njani ukuze amaNgqina kaYehova aqhubeke esaziwa kakuhle?

BUKELA IVIDIYO ETHI UKUTHANDA NOKUHLONIPHA INYANISO YEYONA NTO IBALULEKILEYO, UZE UPHENDULE LO MBUZO:

Yintoni ekwenza ungawuvali umlomo ngendlela intlangano ezama ngayo ukubhala izinto ezichanileyo?