INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Shumayela Iindaba Ezilungileyo Zokuba Ihlabathi Elibhetele Likufuphi!
NgoNovemba, siza kuba nephulo elikhethekileyo lokushumayela ngokuba ihlabathi elibhetele likufuphi. (Nd 37:10, 11; ISi 21:3-5) Lungisa iimeko zakho ukuze ukwazi ukubakhona xa sisenza lo msebenzi ukhethekileyo. Oovulindlela abangabancedani bangakhetha ukwenza iiyure eziyi-30 okanye eziyi-50 ngoNovemba.
Lungiselela ukushumayela ngesibhalo esithetha ngehlabathi elibhetele kubo bonke obafumanayo. Xa ukhetha isibhalo oza kushumayela ngaso, cinga ngezinto abasenokuba nomdla kuzo abantu oza kuthetha nabo. Ukuba umntu othetha naye unomdla, mnike iMboniselo No. 2 yango-2021. Emva kokuba uthethile naye, khawuleza ubuyele kuye, uze uzame ukuqalisa isifundo seBhayibhile usebenzisa incwadana ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Kuyasivuyisa ukushumayela “iindaba ezilungileyo zento elunge ngakumbi”!—Isa 52:7.
BUKELA IVIDIYO YENGOMA YE-JW BROADCASTING ETHI KWIHLABATHI ELITSHA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:
-
Ziintoni ezintle eziza kwenzeka kwixesha elizayo ecinga ngazo le ntombi?
-
Ziintoni ofuna ukuzibona zisenzeka kwihlabathi elitsha?
-
Ukucinga ngezinto onethemba lazo kunokukunceda njani ushumayele nangakumbi kweliphulo lika Novemba?—Luk 6:45