HLALANI NITHE QWA!
Abantu Abasazithembi Ncam Iinkokheli Zepolitiki—Ithini IBhayibhile?
Ngo-2024 kuza kuvotwa emhlabeni wonke. Kodwa, abantu abaninzi abasazithemba ncam iinkokheli zepolitiki.
Abantu abaninzi baseMerika bathi, endaweni yokuba iinkokheli zepolitiki ezininzi zifune ukunceda abantu, “zizicingela zodwa.” a—IPew Research Center, ngoSeptemba 19, 2023.
Abantu abaninzi abasebatsha ababathembi abantu beepolitiki.
“Abantu abasebatsha basoloko bekhangela iindlela zokulungisa iingxaki, kodwa xa kusenziwa uphando bathi abantu beepolitiki abade bazifumane iindlela zokulungisa iingxaki zabo.”—I-The New York Times, ngoJanuwari 29, 2024.
“Uphando lubonisa ukuba abantu abasebatsha bathemba kakhulu abantu abafaka iividiyo kwiwebhsayithi ezifana no-YouTube, nabanabantu abaninzi kwiiwebhsayithi zokuncokola ngaphezu kwabantu beepolitiki.”—I-The Korea Times, ngoJanuwari 22, 2024.
Singabathemba abezepolitiki ukuba bazokwenza izinto zibe bhetele? Sinokuthemba bani?
Bajonge kakuhle abantu onokubathemba
Abantu bayazinceda ngokubalumkela abantu abanokubathemba. IBhayibhile ithi, “Umntu ongalumkanga ukholelwa yonke into, kodwa olumkileyo uyacinga ngaphambi kokuba enze.”—IMizekeliso 14:15.
Ukuze ubone amacebiso endlela onokubona ngayo xa into iyinyani naxa ibubuxoki, jonga inqaku elithi, “Zilumkele Izinto Ezingeyonyani.”
Enye into, nabona bantu bezepolitiki bafuna ukunceda nabanyanisekileyo abanawo amandla okwenza zonke izinto abazicingayo. Yiloo nto iBhayibhile ilumkisa isithi:
“Sanukuthembela kwiinkosana, nakunyana womntu, ongenakukwazi ukunisindisa.”—INdumiso 146:3.
Inkokheli onokuyithemba
IBhayibhile ithi uThixo ubeke eyona nkokheli sinokuyithemba nenamandla okwenza izinto: uYesu Kristu. (Luka 1:32, 33) UYesu nguKumkani woBukumkani bukaThixo ongurhulumente olawula ezulwini.—Mateyu 6:10.
Funda ukuba kutheni unokumthemba uYesu nokuba yintoni aza kuyenza ngeengxaki esinazo ngoku. Funda inqaku elithi “Ngubani UKumkani WoBukumkani BukaThixo?” nelithi “Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?”
a I-Pew Research Center, “Americans’ Dismal Views of the Nation’s Politics,” ngoSeptemba 2023.