HLALANI NITHE QWA!
Iicawe Nemfazwe E-Ukraine—Ithini IBhayibhile Ngaloo Nto?
Khawuve le nto ithethekayo ngomfundisi odumileyo nemfazwe ese-Ukraine:
“Umfundisi ophethe iRussian Orthodox Church, uPatriarch Kirill, khange aqalise nokuyigxeka into eyenziwa yiRashiya e-Ukraine. . . . Icawe yakhe iyaqhubeka nokusasaza ubuxoki nge-Ukraine, ibe uPutin usebenzise obu buxoki ukuze athethelele into ayenza e-Ukraine.”—Iphepha-ndaba iEUobserver, ngo-Matshi 7, 2022.
“UPatriarch Kirill uthethelele ukuhlaselwa kwe-Ukraine yiRashiya ngokuthi le yimizamo yokuphelisa isono.”—Iphepha-ndaba iAP News, ngoMatshi 8, 2022.
“Umfundisi ophethe iCawe yaseUkraine, uMetropolitan Epiphanius I wase-Kyiv, wabathandazela abantu bakhe ngoMvulo ukuze bakwazi ‘ukulwa nemikhosi yaseRashiya’ . . . [Wade] wathi ukubulala amajoni aseRashiya akusosono.”—Iphepha-ndaba iJerusalem Post, ngoMatshi 16, 2022.
“Thina singumbutho omela iicawe neentlangano zonqulo eUkraine i-UCCRO, siyayixhasa imikhosi yase-Ukraine nabanye abantu abasikhuselayo. Sithandazela ukuba baphumelele kwimizamo yabo yokusikhusela.”—Amazwi athethwe yi-UCCRO, a ngoFebruwari 24, 2022.
Ucinga ntoni? Ngaba iicawe ezithi zilandela uYesu Kristu zifanele zikhuthaze abantu bazo ukuba baye emfazweni? Ithini iBhayibhile ngale nto?
Unqulo neemfazwe zakudala
Izinto ezenzeka kudala zibonisa ukuba iicawe bezivumela abantu baye emfazweni futhi zisithi akukho ngxaki ngokuya, okanye zisithi kunyanzelekile ukuba abantu baye emfazweni, kodwa kwelinye icala zibe zisithi makubekho uxolo. Kangangeminyaka, amaNgqina kaYehova ebefundisa ukuba ezi cawe zithetha le, zenze leya. Khawujonge nantsi imizekelo ekwiincwadi zethu.
“Imfazwe yeecawe” eyenzekayo, yabangelwa yicawe yamaRoma Katolika, ibe babesithi ngale ndlela, bakhonza uThixo noKristu.
“Icawe YamaKatolika eseAfrika” icacisa ukuba unqulo khange lukwazi ukuphelisa iimfazwe eziphakathi kweentlanga, nokubulawa kwabantu bebala elithile.
Amanqaku athi “Ngaba Unqulo Lungunobangela Wogonyamelo Nemfazwe?,” “Indima Yonqulo Kwiimfazwe Zabantu,” nelithi, “Xa Unqulo Luthabatha Icala” acacisa indlela abefundisi bamaKatolika, amaOthodoki, nabamaProtestanti abaye baxhasa ngayo omabini amacala.
Ngaba unqulo lwamaKristu lufanele luzixhase iimfazwe?
Into eyafundiswa nguYesu: “Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.” (Mateyu 22:39) ‘Qhubeka uzithanda iintshaba zakho.’—Mateyu 5:44-47.
Yicinge kanje: Ngaba iicawe zingathi ziyawuthobela umthetho kaYesu wokuthanda abanye kodwa kwazona ziphinde zikhuthaze abantu ukuba babulale abanye emfazweni? Ukuze ufumane impendulo, funda inqaku elithi “AmaKristu Okwenyaniso Nemfazwe” nelithi “Ngaba Singakwazi Ukuthanda Iintshaba Zethu?”
Into eyathethwa nguYesu: “UBukumkani bam ayibubo obeli hlabathi. Ukuba uBukumkani bam bebubobeli hlabathi, abalandeli bam bebeza kundilwela ukuze ndinganikelwa kumaYuda.” (Yohane 18:36) “Bonke abalwa ngekrele baza kufa kwangalo.”—Mateyu 26:47-52.
Yicinge kanje: Ukuba amaKristu akafanelanga alwele okanye akhusele uYesu, ngaba ikhona enye into afanele alwele yona? Funda inqaku elithi “Ngaba Imfazwe Iyavumelana Nemfundiso YobuKristu?” ukuze ubone ukuba amaKristu okuqala ayemthobela aze amlandele njani uYesu ngokuthembeka.
Kuza kwenzeka ntoni xa iicawe zisithi abantu mabaye ezimfazweni?
IBhayibhile ifundisa ukuba uThixo akazithandi iicawe ezithi zithanda uYesu kodwa zibe zingayenzi into ayifundisayo.—Mateyu 7:21-23; Tito 1:16.
Incwadi yeSityhilelo ithi, uThixo ityala lokuba kufe “bonke abaye babulawa emhlabeni,” ulibeka kwezi cawe. (ISityhilelo 18:21, 24) Ukuze wazi ukuba kutheni, funda inqaku elithi, “Yintoni IBhabhiloni Enkulu?”
UYesu wathi zonke iicawe ezingamthobeliyo uThixo ziza kutshatyalaliswa ngenxa yemisebenzi yazo. Njengomthi obolileyo okhupha iziqhamo ezibolileyo, nazo ziza ‘kugawulwa ziphoswe emlilweni.’ (Mateyu 7:15-20) Ukuze ubone ukuba iza kwenzeka njani le nto, funda inqaku elithi “Isiphelo Sonqulo Lobuxoki Sisemnyango!”
Photo credits, left to right: Photo by Sefa Karacan/Anadolu Agency/Getty Images; Maxym Marusenko/NurPhoto via Getty Images
a I-UCCRO, okanye umbutho omela iicawe neentlangano zonqulo eUkraine, ineecawe eziyi-15 ezimela unqulo lwamaOthodoki, eyamaGrike namaRoma yobuKatolika, eyamaProtestanti, ezobuVangeli, kunye neyamaYuda namaSilamsi.