IPHULO LESIKHUMBUZO
UYesu Uza Kuphelisa Indlala
Xa uYesu wayesemhlabeni, wabonisa ukuba ubathanda kakhulu abantu, ingakumbi abo basokolayo nabasentlungwini. (Mateyu 9:36) Wancama nobomi bakhe ukuze ancede abanye. (Mateyu 20:28; Yohane 15:13) Kungekudala, uza kuphinda abonakalise uthando lwakhe ebantwini ngokusebenzisa igunya lakhe njengoKumkani woBukumkani bukaThixo ukuze aphelise indlala emhlabeni wonke.
IBhayibhile iyichaza kakuhle into uYesu aza kuyenza:
“Makawalwele amahlwempu aphakathi kwabantu, makasindise oonyana babo bangathathi ntweni.”—INdumiso 72:4.
Singabonisa njani ukuba siyayixabisa into esayenzelwe nguYesu, naleyo aza kusenzela yona? KuLuka 22:19, uYesu wathi kubalandeli bakhe mabakhumbule ukufa kwakhe. Ngenxa yalo nto, qho ngonyaka amaNgqina kaYehova aye adibane ukuze akhumbule ukufa kukaYesu. Siyakumema ukuba ube khona kwiSikhumbuzo Sokufa kukaYesu ngeCawa, Matshi 24, 2024.