2 Samuweli 8:1-18
8 Kwathi ke emva koko uDavide wawaxabela amaFilisti+ waza wayoyisa,+ yaye uDavide wayithabatha iMetege-ama esandleni samaFilisti.
2 Waqhubeka waxabela amaMowabhi+ waza wawalinganisa ngolutya, ewalalisa phantsi emhlabeni, ukuze alinganise izintya ezimbini zokuwabulala, nolutya olupheleleyo ukuze awagcine ephila;+ aza amaMowabhi aba ngabakhonzi bakaDavide+ bokuzisa unikelo.+
3 Waza uDavide wahlabela mgama waxabela uHadadezere+ unyana kaRehobhi ukumkani weTsobha+ njengoko wayesiya kubuyisela ulawulo lwakhe kuMlambo umEfrate.+
4 Yaye uDavide wathimba kuye iwaka elinamakhulu asixhenxe labakhweli-mahashe namashumi amabini amawaka amadoda ahamba ngeenyawo;+ waza uDavide wawanqumla imisipha+ onke amahashe atsala iinqwelo,+ kodwa washiya kuwo amahashe alikhulu atsala iinqwelo.
5 Xa iSiriya yaseDamasko+ yeza kuncedisa uHadadezere ukumkani waseTsobha, wandula ke uDavide waxabela kumaSiriya amadoda angamashumi amabini anesibini amawaka.+
6 Ngokubhekele phaya, uDavide wamisa iinkampu zomkhosi+ eSiriya yaseDamasko; aza amaSiriya aba ngabakhonzi bakaDavide bokuzisa unikelo.+ Yaye uYehova waqhubeka emsindisa uDavide naphi na apho wayesiya khona.+
7 Ngaphezu koko, uDavide wathabatha amakhaka+ egolide abusazinge awayekubakhonzi bakaHadadezere, wawazisa eYerusalem.
8 NaseBheta naseBherotayi, izixeko zikaHadadezere, uKumkani uDavide wathabatha ubhedu oluninzi kakhulu.+
9 Ke kaloku uToyi ukumkani waseHamati+ weva ukuba uDavide uxabele wonke umkhosi wamajoni kaHadadezere.+
10 Ngoko uToyi wathumela uYoram unyana wakhe kuKumkani uDavide ukuba ambuze ngentlalo-ntle+ yakhe aze avuyisane naye ngenxa yokuba wayelwe noHadadezere ngokokude amxabele (kuba uHadadezere wayeqeqeshelwe ukulwa noToyi); nasesandleni sakhe wayenempahla yesilivere nempahla yegolide nempahla yobhedu.+
11 Nezi uKumkani uDavide wazingcwalisela uYehova, kunye nesilivere negolide awayeyingcwalisile ivela kuzo zonke iintlanga awayezoyisile,+
12 eSiriya nakwaMowabhi+ nakoonyana baka-Amoni nakumaFilisti+ nakuAmaleki+ nakumaxhoba kaHadadezere unyana kaRehobhi ukumkani weTsobha.+
13 Waza uDavide wazenzela igama akubuya ekuxabeleni amaEdom kwiNtlambo yeTyuwa+—ishumi elinesibhozo lamawaka.+
14 Wabeka iinkampu zomkhosi kwaEdom.+ Kulo lonke elakwaEdom wabeka iinkampu zomkhosi, nawo onke amaEdom aba ngabakhonzi bakaDavide;+ uYehova waqhubeka emsindisa uDavide naphi na apho wayesiya khona.+
15 UDavide waqhubeka elawula wonke uSirayeli;+ yaye uDavide wayeqhubeka ebenzela izigwebo nobulungisa+ bonke abantu bakhe.+
16 Kwaye uYowabhi+ unyana kaTseruya wayephethe umkhosi; uYehoshafati+ unyana ka-Ahiludi wayegcina ingxelo.
17 UTsadoki+ unyana ka-Ahitubhi noAhimeleki+ unyana ka-Abhiyatare babengababingeleli, uSeraya yena engunobhala.
18 UBhenaya+ unyana kaYehoyada wayephethe amaKereti+ namaPeleti.+ Ke bona oonyana bakaDavide, baba ngababingeleli.+