Eyokuqala YeziKronike 12:1-40
-
Abantu ababexhasa uDavide (1-40)
12 La ngamadoda aweza kuDavide eTsikelage+ ngoxa wayengakwazi ukuhamba-hamba ekhululekile ngenxa kaSawule+ unyana kaKishe, yaye ayephakathi kwamakroti awayemxhasa edabini.+
2 Ayexhobe ngesaphetha, ekwazi ukuzisebenzisa zozibini izandla, esasekunene nesasekhohlo,+ ukuze agibisele amatye ngesilingi+ okanye atole ngesaphetha. AyengabantakwaboSawule wakwaBhenjamin.+
3 UAhiyezere wayeyintloko, ekunye noYowashe, bobabini bengoonyana bakaShemaha umGibheya,+ uYeziyeli noPelete oonyana baka-Azimaveti,+ uBheraka, uYehu umAnatoti,
4 uIshmaya umGibheyon,+ ikroti phakathi kwabangamashumi amathathu+ nelalikhokela amashumi amathathu, noYeremiya, uYahaziyeli, uYohanan, uYozabhadi umGedera,
5 uEluzayi, uYerimoti, uBheyaliya, uShemariya, uShefatiya umHarifi,
6 uElikana, uIshiya, uAzareli, uYowezere noYashobheyam, amaKora,+
7 noYowela noZebhadiya oonyana bakaYeroham waseGedore.
8 Amanye amaGadi aya kwicala likaDavide kwikhusi elalisentlango.+ Ayengamakroti, amajoni aqeqeshelwe imfazwe, elungele ukulwa, ephethe ikhaka elikhulu nomkhonto, ubuso bawo bunjengobeengonyama, yaye enamendu oku kwamabhadi ezintabeni.
9 UEtsere wayeyintloko, uObhadiya engowesibini, uEliyabhi engowesithathu,
10 uMishmana engowesine, uYeremiya engowesihlanu,
11 uAtayi engowesithandathu, uEliyeli engowesixhenxe,
12 uYohanan engowesibhozo, uElzabhadi engowesithoba,
13 uYeremiya engoweshumi, uMakebhanayi engoweshumi elinanye.
14 Aba yayingamaGadi,+ iintloko zomkhosi. Oyena mncinci wayenokulwa ne-100, oyena mkhulu ne-1 000.+
15 La ngamadoda awawela iYordan iphuphuma ngenyanga yokuqala, aza abagxotha bonke abo babehlala emathafeni, abagxothela empuma nasentshona.
16 Namanye amadoda akwaBhenjamin nawakwaYuda aya kuDavide kwikhusi lakhe.+
17 Waphuma uDavide waya kuwo waza wathi: “Ukuba nize ngoxolo kum ukuze nindincede, intliziyo yam iza kumanyana nani. Kodwa ukuba nize kundingcatsha kwiintshaba zam, ekubeni kungekho bubi zibenzileyo izandla zam, uThixo wookhokho bethu makayibone loo nto aze agwebe.”+
18 UAmasayi, intloko yabo bangamashumi amathathu, wafikelwa* ngumoya+ waza wathi:
“Singabakho Davide, singakuwe nyana kaYese.+
Uxolo, uxolo malube nawe, kunye nalowo ukuncedayo,Kuba uncedwa nguThixo wakho.”+
Wabamkela uDavide waza wababeka phakathi kweentloko zamajoni.
19 Abanye bakwaManase baqhwesha baya kuDavide xa wayehamba namaFilisti esiya kulwa noSawule, kodwa akazange awancede amaFilisti kuba iinkosi zamaFilisti+ zathethathethana zaza zamgxotha zisithi: “Uza kuqhwesha aye kwinkosi yakhe uSawule, thina ke siza kunqunyulwa iintloko.”+
20 Xa wayesiya eTsikelage,+ naba abaqhwesha baya kuye besuka kwaManase: uAdenahi, uYozabhadi, uYediyayeli, uMikayeli, uYozabhadi, uElihu noTsiletayi, iintloko zamawaka akwaManase.+
21 Bancedisa uDavide walwa namajoni angabaphangi, kuba bonke babengamadoda anamandla nesibindi,+ yaye baba ziintloko zomkhosi.
22 Abantu baqhubeka besiya kuDavide yonke imihla+ ukuze bamncede, de baba ngumkhosi omkhulu njengomkhosi kaThixo.+
23 La ngamanani eentloko zabo babexhotyiselwe idabi, abeza kuDavide eHebron+ bezokumnika ubukumkani bukaSawule ngokomyalelo kaYehova.+
24 Amadoda akwaYuda awayephatha ikhaka elikhulu nomkhonto ayeyi-6 800, exhobele idabi.
25 KumaSimeyon, amadoda omkhosi anamandla nesibindi ayeyi-7 100.
26 KubaLevi, ayeyi-4 600.
27 UYehoyada+ wayeyinkokheli yoonyana baka-Aron,+ yaye wayekunye nabayi-3 700,
28 phakathi kwabo kukho noTsadoki,+ umfana onamandla nesibindi, ekunye neentloko eziyi-22 zendlu katata wakhe.
29 KumaBhenjamin, abantakwaboSawule,+ kwakukho abayi-3 000. Abaninzi kubo babekade begade indlu kaSawule.
30 KumaEfrayim kwakukho amadoda ayi-20 800 anamandla nesibindi, nawayedumile kwizindlu zootata bawo.
31 Kwihafu yesizwe sakwaManase kwakukho abayi-18 000 ababekhethwe ngamagama ukuba bayokwenza uDavide ukumkani.
32 Kwisizwe sikaIsakare, esasiwaqonda amaxesha sikwazi noko kumele kwenziwe nguSirayeli, kwakukho abayi-200 kwababeziintloko zabo, yaye bonke abantakwabo babeyalelwa zizo.
33 KumaZebhulon kwakukho abayi-50 000 ababenokungena emkhosini, belungele ukulwa ngazo zonke izixhobo zemfazwe, bonke bexhasa uDavide bengagungqi.*
34 KumaNafetali kwakukho iintloko eziyi-1 000, yaye kunye nazo kwakukho abayi-37 000 ababephatha ikhaka elikhulu nomkhonto.
35 KumaDan, abo babelungele idabi babeyi-28 600.
36 Yaye kuma-Ashere, abo babenokungena emkhosini ukuze balungele idabi babeyi-40 000.
37 Kwabangaphesheya kweYordan,+ amaRubhen, amaGadi nehafu yesizwe sakwaManase, kwakukho amajoni ayi-120 000 enazo zonke iintlobo zezixhobo zokulwa imfazwe.
38 Bonke aba babengamadoda emfazwe, awahlanganisana edabini, aya eHebron ngentliziyo epheleleyo ukuze enze uDavide ukumkani kuSirayeli wonke. Wonke omnye umntu kwaSirayeli wayemanyene* efuna ukumenza ukumkani uDavide.+
39 Bahlala apho noDavide iintsuku ezintathu, besitya besela, kuba abantakwabo babebalungiselele.
40 Nabo babekufuphi nabo, kwanabo babekude njengakwaIsakare, kwaZebhulon nakwaNafetali, babesizisa ukutya ngeedonki, iinkamela, iimeyile neenkomo. Beza nezinto ezenziwe ngomgubo, izonka zamafiya,* izonka zeerasintyisi, iwayini, ioli, neenkomo neegusha ezininzi, kuba abantu babevuya kakhulu kwaSirayeli.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “wogqunywa.”
^ Ngokoqobo, “bonke abo babexhasa uDavide babengenantliziyo imbaxa.”
^ Ngokoqobo, “wayenentliziyo enye.”
^ Okanye “zamakhiwane.”