Eyokuqala YooKumkani 4:1-34
4 UKumkani uSolomon waba ngumlawuli kulo lonke elakwaSirayeli.+
2 La yayingamagosa akhe aphakamileyo:* uAzariya unyana kaTsadoki+ wayengumbingeleli;
3 uElihorefe noAhiya oonyana bakaShisha babengoonobhala,+ uYehoshafati+ unyana ka-Ahiludi wayegcina ingxelo;
4 uBhenaya+ unyana kaYehoyada wayephethe umkhosi; uTsadoki noAbhiyatare+ babengababingeleli;
5 uAzariya unyana kaNatan+ wayephethe amasekela; uZabhudi unyana kaNatan wayengumbingeleli nomhlobo kakumkani;+
6 uAhishare wayephethe indlu; uAdoniram+ unyana ka-Abheda yena ephethe abo babebhaliselwe ukusebenza ngokunyanzelwa.+
7 USolomon wayenamasekela ayi-12 awayejongene noSirayeli wonke, awayelungiselela ukumkani nendlu yakhe ukutya. Ngalinye lalinomsebenzi wokulungiselela ukutya inyanga enye ngonyaka.+
8 Nanga amagama awo: Unyana kaHure, kummandla weentaba wakwaEfrayim;
9 unyana kaDekere, eMakatse, eShahalebhim,+ eBhete-shemeshe nase-Elon-bhete-hanan;
10 unyana kaHesedi, eArubhoti (iSokho nalo lonke ilizwe laseHefere zaziphantsi kwakhe);
11 unyana ka-Abhinadabhi, kummango weentaba zaseDore (uTafati intombi kaSolomon, waba ngumkakhe);
12 uBhana unyana ka-Ahiludi, eTahanaki naseMegido+ nayo yonke iBhete-sheyan,+ engaseTsaretan ezantsi kweYizereli, ukusuka eBhete-sheyan ukuya eAbheli-mehola ukuya kummandla waseYokemam;+
13 unyana kaGebhere, eRamoti-giliyadi+ (zaziphantsi kwakhe iilali zeentente zikaYayire+ unyana kaManase, eziseGiliyadi;+ nommandla waseArgobhi,+ eBhashan:+ izixeko ezikhulu eziyi-60 zibiyelwe ngeendonga nemivalo yekopolo);
14 uAhinadabhi unyana kaIdo, eMahanayim;+
15 uAhimahatse, kwaNafetali (watshata uBhasemati, enye yeentombi zikaSolomon);
16 uBhana unyana kaHushayi, eAshere naseBheyaloti;
17 uYehoshafati unyana kaParuwa, kwaIsakare;
18 uShimeyi+ unyana kaEla, kwaBhenjamin;+
19 uGebhere unyana kaUri, kwilizwe laseGiliyadi,+ ilizwe likaSihon+ ukumkani wama-Amori, no-Ogi+ ukumkani waseBhashan, yaye kwakukho isekela elinye elaliphethe onke amanye amasekela awayekwelo lizwe.
20 UYuda noSirayeli babebaninzi njengesanti yolwandle;+ babesitya, besela bonwabile.+
21 USolomon walawula zonke izizwe* ukususela eMlanjeni+ ukuya kwilizwe lamaFilisti nakumda waseYiputa. Ezi zizwe zazikhupha umrhumo, zikhonza uSolomon yonke imihla yobomi bakhe.+
22 Ukutya kukaSolomon kosuku ngalunye kwakuziikore* eziyi-30 zomgubo ocolekileyo, neekore eziyi-60 zomgubo,
23 iinkomo ezityebileyo eziyi-10, iinkomo ezondliwa emadlelweni eziyi-20 neegusha eziyi-100, ngaphandle kwamaxhama, amabhadi, amanqa namagwababa atyebileyo.
24 Kaloku wayelawula yonke indawo enganeno koMlambo,*+ ukusuka eTifesa ukuya eGaza,+ kwanabo bonke ookumkani ababenganeno koMlambo; kwakukho uxolo kuyo yonke imimandla yakhe, kuzo zonke iindawo ezikufutshane naye.+
25 UYuda noSirayeli bahlala ngoxolo, wonke umntu ephantsi komthi wakhe weediliya naphantsi komthi wakhe wamafiya,* ukusuka kwaDan ukuya eBher-shebha, yonke imihla kaSolomon.
26 Amahashe eenqwelo zikaSolomon ayenezitali eziyi-4 000,* ibe wona eyi-12 000.*+
27 La masekela ayezisela uKumkani uSolomon nabantu ababehlala etafileni yakhe ukutya. Sekela ngalinye lalinenyanga yalo yokuqinisekisa ukuba akukho nto ingekhoyo.+
28 Ayesizisa irhasi neendiza zamahashe nezamaqela amahashe naphi na apho zazifuneka khona, sekela ngalinye ngokwesixa salo.
29 UThixo wanika uSolomon ubulumko nokuqonda okuninzi, kunye nentliziyo enolwazi oluninzi* okwesanti eselunxwemeni lolwandle.+
30 Ubulumko bukaSolomon babubuninzi kunabo bonke ubulumko baseMpumalanga nakunabo bonke ubulumko baseYiputa.+
31 Wayelumke ngaphezu kwakhe nawuphi na omnye umntu, ngaphezu kukaEtan+ umEzera noHeman,+ uKalkoli+ noDarda, oonyana bakaMaholi; waduma kuzo zonke iintlanga ezimngqongileyo.+
32 Waqamba* imizekeliso eyi-3 000+ neengoma eziyi-1 005.+
33 Wayethetha ngemithi, ukususela kumsedare oseLebhanon kuse kwihisope+ ekhula eludongeni; wayethetha ngezilwanyana,+ ngeentaka,*+ ngezinto ezirhubuluzayo+ nangeentlanzi.
34 Abantu babesiza bevela kuwo onke amazwe beze kumamela ubulumko bukaSolomon, nkqu nookumkani abasuka emhlabeni wonke ababevile ngobulumko bakhe.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Ezi yayiziinkosana zakhe.”
^ Okanye “izikumkani.”
^ Ikore yayilingana ne-220 L. Funda Isihlomelo B14.
^ Oko kukuthi, kwintshona yomEfrata.
^ Okanye “wamakhiwane.”
^ Eli nani livela kweminye imibhalo-ngqangi nakwenye ivesi ethetha la mazwi. Eminye imibhalo-ngqangi ithi zaziyi-40 000.
^ Okanye “ibe wayenabakhweli-mahashe abayi-12 000.”
^ Okanye “nentliziyo eqondayo.”
^ Okanye “Wathetha.”
^ Okanye “ngezidalwa ezibhabhayo.”