Eyokuqala KaPetros 1:1-25
1 Mna Petros, ongumpostile+ kaYesu Kristu, ndibhalela nina nithe saa ePonto, eGalati, eKapadokiya,+ eAsiya, naseBhithiniya, nina eningabaphambukeli abakhethiweyo
2 njengokuba uThixo uTata wayecebe kwangaphambili.+ Waninika umoya wakhe ukuze nibe ngcwele+ nize nimthobele, aze anicoce ngegazi likaYesu Kristu:+
Kwanga uThixo anganenzela ububele,* aninike noxolo oluninzi.
3 Makadunyiswe uThixo noTata weNkosi yethu uYesu Kristu, oye ngenceba wasizala ngokutsha,+ ukuze sibe nethemba+ elingagungqiyo kuba uYesu Kristu evusiwe ekufeni,+
4 size sifumane ilifa elingasoze lonakale, lingcole okanye liphele.+ Libekelwe nina emazulwini,+
5 nina nikhuselwe nguThixo ngamandla akhe kuba ninokholo, ibe unikhusela ukuze nifumane usindiso. Olu sindiso luza kubonakaliswa ngemihla yokugqibela.
6 Yiloo nto nivuya kangaka, nangona okwangoku nisenokwehlelwa zizinto ezininzi ezibuhlungu,+
7 ukuze ukholo lwenu oluye lwavavanywa+ lunenze ninconywe nize nizukiswe nguThixo xa kubonakaliswa uYesu Kristu. Ukholo olunjalo luxabiseke ngaphezu kwegolide, kuba yona nangona iwunyamezela umlilo,* iyinto etshabalalayo ekugqibeleni.+
8 Nangona ningazange nambona uYesu, niyamthanda. Nangona ningamboni nangoku, niyazikholelwa kwaye niyazenza izinto awayezifundisa; nivuya ngendlela engathethekiyo ibe nonwabe ngokupheleleyo,
9 kuba niza kusindiswa ngenxa yokholo lwenu.+
10 Abaprofeti ababethetha ngobubele bukaThixo* obenzelwe nina babuzisisa baza baphanda ngolu sindiso.+
11 Baqhubeka befuna ukwazi izinto ezaziza kwenzeka kuKristu nexesha ezaziza kwenzeka ngalo,+ njengokuba umoya wawubatyhilela ngezinto ezibuhlungu ezaziza kwehlela uKristu+ nendlela awayeza kuzukiswa ngayo emva koko.
12 UThixo wabanceda babona ukuba izinto ababezithetha babengazithetheli bona, kodwa babezithethela nina, ibe zizo ezi niye nazixelelwa ngabo bebeshumayela iindaba ezilungileyo kuni, beqhutywa ngumoya oyingcwele ovela ezulwini.+ Neengelosi zikufuna nyhani ukuzazi ezi zinto.
13 Ngoko ke lungisani iingqondo zenu, nizilungiselela umsebenzi onzima;+ hlalani nisezingqondweni;+ bekani ithemba lenu kububele* eniza kubenzelwa ekutyhilweni kukaYesu Kristu.
14 Njengabantwana abathobelayo, yekani ukulawulwa yiminqweno enanikade ninayo ngokuya naningazi,
15 kodwa yibani ngcwele kuyo yonke into eniyenzayo njengaLowo Ungcwele wanibizayo,+
16 kuba kubhaliwe kwathiwa: “Nimele nibe ngcwele, kuba nam ndingcwele.”+
17 Ukuba nicela nantoni na kuTata, ogweba mntu ngamnye ngokwezenzo zakhe, engakhethi buso,+ ziphatheni njengabantu aboyika uThixo+ ngoxa nisekweli hlabathi.
18 Kuba niyazi ukuba anikhululwanga* ngezinto ezinokonakala, njengesilivere negolide,+ kubomi obulilize obabuphilwa ngookhokho benu.
19 Kodwa nakhululwa ngegazi elixabisekileyo,+ njengeletakane legusha elingenasiphako nelingenabala,+ igazi likaKristu.+
20 Yena ke wakhethwa kwangaphambi kokusekwa kwehlabathi,*+ kodwa wabonakaliswa ekupheleni kwamaxesha ngenxa yenu.+
21 Niye nakholwa kuThixo ngenxa yezinto ezenziwe nguYesu.+ UThixo wamvusa ekufeni+ waza wamzukisa,+ ukuze nibe nokholo nize nimthembe uThixo.
22 Njengokuba ngoku niye nazenza msulwa ngokuthobela inyaniso, nafunda nokubathanda nyhani abazalwana,+ thandanani kakhulu ngokusuka entliziyweni.+
23 Kuba niye nazalwa ngokutsha+ ngelizwi likaThixo ophilayo nohlala ekho,+ hayi ngembewu enokonakala, kodwa ngembewu engenakonakala.*+
24 Kuba “bonke abantu banjengengca,* ibe lonke uzuko lwabo lunjengentyatyambo yengca; iyabuna ingca, ivuthuluke intyatyambo,
25 kodwa lona ilizwi likaYehova* lihlala likho ngonaphakade.”+ Elo “lizwi” ziindaba ezilungileyo ezashunyayelwa kuni.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ububele obunganifanelanga.”
^ Okanye “ivavanywa ngomlilo.”
^ Okanye “ngobubele obungasifanelanga.”
^ Okanye “ububele obunganifanelanga.”
^ Ngokoqobo, “anihlawulelwanga; anisindiswanga.”
^ Oko kukuthi, ngaphambi kokuzalwa kwabantwana baka-Adam noEva.
^ Oko kukuthi, imbewu ekwaziyo ukuvelisa isiqhamo.
^ Ngokoqobo, “yonke inyama injengengca.”
^ Funda Isihlomelo A5.