Eyesibini YeziKronike 10:1-19
-
AmaSirayeli alwa noRehobhoham (1-19)
10 URehobhoham waya kwaShekem,+ kuba uSirayeli wonke wayeze kwaShekem ezokumenza ukumkani.+
2 Ngoko nangoko akuba eyivile loo nto uYerobhoham+ unyana kaNebhati (ngelo xesha wayehlala eYiputa, kuba wayebaleke uKumkani uSolomon),+ wabuya eYiputa.
3 Kwathiwa makabizwe, yaye uYerobhoham naye wonke uSirayeli beza kuthetha noRehobhoham, bathi:
4 “Utata wakho wayenza nzima idyokhwe yethu.+ Kodwa ukuba wena uwenza lula umsebenzi onzima esawunikwa ngutata wakho uze uyenze khaphukhaphu idyokhwe enzima* awayibeka phezu kwethu, siza kukusebenzela.”
5 Wathi kubo: “Buyani emva kweentsuku ezintathu.” Ngoko abantu bemka.+
6 UKumkani uRehobhoham wafuna icebiso kumadoda amakhulu awayesebenzela* uSolomon utata wakhe ngoxa wayesaphila, wathi: “Nicebisa ukuba ndisiphendule njani esi sizwana?”
7 Wona athi: “Ukuba namhlanje unokuzingqina ulungile kwesi sizwana, usenzele ububele uze usiphendule kakuhle, naso siza kuhlala sizizicaka zakho.”
8 Kodwa akazange alihoye icebiso awayelinikwe ngamadoda amakhulu,* waza wafuna icebiso kubafana awayekhule nabo, abo ngoku babemsebenzela.+
9 Wathi kubo: “Nicebisa ukuba sisiphendule sithini esi sizwana sithe kum, ‘Yenze khaphukhaphu idyokhwe eyabekwa ngutata wakho phezu kwethu’?”
10 Aba bafana babekhule naye bathi: “Kubantu abathe kuwe, ‘Utata wakho wayenza nzima idyokhwe yethu, kodwa wena khawuyenze ibe khaphukhaphu kuthi,’ yithi kubo, ‘Ucikicane wam uza kuba mkhulu kunesinqe sikatata.
11 Utata wayenithwalisa idyokhwe enzima, kodwa mna ndiza kuyongeza idyokhwe yenu. Utata wayenohlwaya ngezabhokhwe, kodwa mna ndiza kunikatsa.’”
12 UYerobhoham nabo bonke abantu beza kuRehobhoham ngosuku lwesithathu, kanye njengokuba ukumkani wayethe: “Buyelani kum ngosuku lwesithathu.”+
13 Kodwa ukumkani wabaphendula ngqwabalala. Ngaloo ndlela uKumkani uRehobhoham walilahla icebiso awayelinikwe ngamadoda amakhulu.*
14 Wathetha nabo ngendlela eyayicetyiswe ngabafana, wathi: “Ndiza kuyenza nzima kakhulu idyokhwe yenu, ibe ndiza kongeza kuyo. Utata wayenohlwaya ngezabhokhwe, kodwa mna ndiza kunikatsa.”
15 Ngoko ukumkani akazange abamamele abantu, kuba nguThixo wokwenene owayebangele ukuba izinto zihambe ngolu hlobo,+ ukuze yenzeke into eyathethwa nguYehova ngoAhiya+ umShilo kuYerobhoham unyana kaNebhati.
16 AmaSirayeli akubona ukuba ukumkani wayengawamamelanga, athi kuye: “Yintoni kanene esidibanisa noDavide? Asinalifa kunyana kaYese. Ngamnye makaye koothixo bakhe Sirayeli. Zihoyele indlu yakho Davide!”+ AmaSirayeli abuyela ezindlini* zawo.+
17 Kodwa uRehobhoham waqhubeka elawula amaSirayeli awayehlala kwizixeko zakwaYuda.+
18 Emva koko uKumkani uRehobhoham wathumela uHadoram,+ owayephethe abo babebhaliselwe ukusetyenziswa ngenkani, kodwa amaSirayeli ambetha ngamatye wafa. UKumkani uRehobhoham wasinda, wakhwela enqwelweni yakhe wabaleka waya eYerusalem.+
19 AmaSirayeli aqhubeka esilwa nendlu kaDavide de kwanamhlanje.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ecinezelayo.”
^ Okanye “kubadala ababesebenzela.”
^ Okanye “ngabadala.”
^ Okanye “ngabadala.”
^ Ngokoqobo, “ezintenteni.”