Eyesibini YeziKronike 2:1-18
-
Kulungiselelwa ukwakhiwa kwetempile (1-18)
2 USolomon wakhupha umyalelo othi malakhelwe indlu igama likaYehova,+ kwakhiwe nendlu yobukumkani* bakhe.+
2 Wabhalisa amadoda ayi-70 000 ukuba abe ngabasebenzi,* amadoda ayi-80 000 ukuba abe ngabasiki bamatye ezintabeni,+ nabaphathi babo abayi-3 600.+
3 Wathumela lo myalezo kuHiram+ ukumkani waseTire: “Ndenzele le nto wamenzela yona uDavide utata, njengokuba wamthumelela imithi yomsedare ukuba azakhele indlu yokuhlala.*+
4 Ngoku ndilakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, ukuze ndiyingcwalisele yena, nditshise kuyo isiqhumiso esiqholiweyo+ phambi kwakhe, kubekwe kuyo izonka etafileni*+ qho, kutshiselwe kuyo neminikelo kusasa nangokuhlwa,+ ngeeSabatha,+ xa kuthwasa iinyanga+ nangamaxesha amatheko+ kaYehova uThixo wethu. Le yinto ekufuneka ahlale eyenza uSirayeli.
5 Le ndlu ndiyakhayo iza kuba nkulu, kuba kaloku uThixo wethu mkhulu kunabo bonke abanye oothixo.
6 Ngubani ke ocinga ukuba angakwazi ukumakhela indlu? Kuba kwanamazulu nezulu lamazulu awamlingenanga,+ bendingubani ke mna ukuba ndingamakhela indlu, ngaphandle kokwakha nje indawo yokuqhumisa imibingelelo phambi kwakhe?
7 Khawundithumelele umntu olichule lokusebenza ngegolide, ngesilivere, ngekopolo,+ ngentsimbi, ngoboya obumsobo,* ngomsonto obomvu krwe nangomsonto oluhlaza,* nonobuchule bokuzoba. Uza kusebenza kwaYuda naseYerusalem kunye nabantu bam abangamachule, endabanikwa nguDavide utata.+
8 Ndithumelele amaplanga emithi yomsedare, eyejunipha+ neyom-algumi+ waseLebhanon, kuba ndazi kakuhle ukuba izicaka zakho zinamava okugawula imithi yaseLebhanon.+ Izicaka zam ziza kusebenza nezicaka zakho+
9 ukuze zindilungiselele amaplanga amaninzi, kuba le ndlu endiza kuyakha iza kuba nkulu kakhulu.
10 Jonga! Ndiza kuzinika oku kutya izicaka zakho+ ezigawula imithi: iikore* eziyi-20 000 zengqolowa, iikore eziyi-20 000 zerhasi, iibhate* eziyi-20 000 zewayini neebhate eziyi-20 000 zeoli.”
11 UHiram ukumkani waseTire wathumela ileta kuSolomon esithi: “Ngenxa yokuba uYehova ebathanda abantu bakhe uye wakwenza ukumkani wabo.”
12 Waphinda wathi: “Makadunyiswe uYehova uThixo kaSirayeli, owenza amazulu nomhlaba, ngenxa yokuba unike uKumkani uDavide unyana osisilumko,+ ocingayo nonengqondo,+ oya kumakhela indlu uYehova, azakhele nendlu yobukumkani.
13 Ndithumela indoda elichule neqonda kakhulu, uHiram-abhi,+
14 unyana womfazi wakwaDan kodwa utata wakhe wayeyindoda yaseTire. Unamava okusebenza ngegolide, ngesilivere, ngekopolo, ngentsimbi, ngamatye, ngamaplanga, ngoboya obumsobo,* ngomsonto oluhlaza,* ngelaphu lodidi nangomsonto obomvu krwe.+ Akukho nto angakwaziyo ukuyizoba, yaye akukho plani imxakayo.+ Uza kusebenza kunye namadoda akho anobuchule namadoda anobuchule enkosi yam uDavide utata wakho.
15 Ngoku ke, inkosi yam mayithumele kwizicaka zayo ingqolowa, irhasi, ioli newayini njengokuba ibithembisile.+
16 Siza kugawula imithi yaseLebhanon+ kangangoko ufuna, siyibophe size siyithumele eYopa+ ngolwandle, wena ke uyithathe uyise eYerusalem.”+
17 Emva koko uSolomon wababala bonke abantu basemzini ababekwilizwe lakwaSirayeli,+ emva kokubalwa kwabo nguDavide utata wakhe.+ Kwafunyaniswa ukuba bayi-153 600.
18 Wabeka abayi-70 000 bangabasebenzi,* abayi-80 000 bangabasiki bamatye+ ezintabeni baza abayi-3 600 bangabaphathi ukuze baqinisekise ukuba abantu bayasebenza.+
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “nebhotwe lobukumkani.”
^ Okanye “ngabathwali bemithwalo.”
^ Okanye “ ibhotwe lokuhlala.”
^ Oko kukuthi, izonka zokubonisa.
^ Okanye “obupepuli.”
^ Okanye “oblu.”
^ Ikore yayilingana ne-220 L. Funda Isihlomelo B14.
^ Ibhate yayilingana ne-22 L. Funda Isihlomelo B14.
^ Okanye “obupepuli.”
^ Okanye “oblu.”
^ Okanye “bangabathwali bemithwalo.”