Eyesibini YeziKronike 22:1-12

  • UAhaziya, ukumkani wakwaYuda (1-9)

  • UAtaliya ubhukuqa ubukumkani (10-12)

22  Abahlali baseYerusalem babeka uAhaziya, unyana omncinci kakumkani esikhundleni sakhe, kuba amajoni angabaphangi awayeze nama-Arabhu abulala bonke oonyana abadala.+ Ngoko uAhaziya unyana kaYehoram waba ngukumkani wakwaYuda.+  UAhaziya wayeneminyaka eyi-22 ukuqalisa kwakhe ukulawula, yaye walawula unyaka omnye eYerusalem. Igama likamama wakhe yayinguAtaliya+ umzukulwana* kaOmri.+  Naye wenza izinto ezazisenziwa yindlu ka-Ahabhi,+ kuba umama wakhe wayengumcebisi wakhe ekwenzeni izinto ezimbi.  Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova njengabendlu ka-Ahabhi, kuba baba ngabacebisi bakhe emva kokufa kukatata wakhe, bembeka kwindlela eya entshabalalweni.  Walandela icebiso labo waza wahamba noYehoram unyana kaKumkani uAhabhi wakwaSirayeli beyokulwa noKumkani uHazayeli+ waseSiriya eRamoti-giliyadi.+ UYehoram wonzakaliswa ngabatoli apho.  Wabuyela eYizereli+ ukuze aphole amanxeba awawafumana eRama xa wayesilwa noKumkani uHazayeli waseSiriya.+ UAhaziya* unyana kaYehoram+ ukumkani wakwaYuda, wehla waya kubona uYehoram+ unyana ka-Ahabhi, kuba wayonzakele.*+  Kodwa uThixo wavula elo thuba ukuze uAhaziya afe xa esiya kuYehoram. Akufika, waphuma noYehoram baya kudibana noYehu+ umzukulwana* kaNimshi, owakhethwa nguYehova ukuba ayitshayele* kuthi tu indlu ka-Ahabhi.+  Uthe uYehu xa eqalisa ukuzisa umgwebo kwindlu ka-Ahabhi, wafumana iinkokheli zakwaYuda noonyana babantakwaboAhaziya, izicaka zika-Ahaziya, wababulala.+  Emva koko bakhangela uAhaziya. Bamfumana ezifihle eSamariya baza bamzisa kuYehu. Bambulala baza bamngcwaba,+ kuba bathi: “Ngumzukulwana kaYehoshafati, owayemfuna uYehova ngentliziyo yakhe yonke.”+ Kwakungekho mntu wendlu ka-Ahaziya owayenamandla okulawula isizwe.* 10  Xa uAtaliya+ umama ka-Ahaziya ebona ukuba unyana wakhe ufile, waphakama waza watshabalalisa wonke umntu oyinzala yasebukhosini.*+ 11  Kodwa ke, uYehoshabhati intombi kakumkani weba uYehowashe+ unyana ka-Ahaziya phakathi koonyana bakakumkani ababeza kubulawa, wambeka yena nempelesi yakhe kwigumbi lokulala elingaphakathi. UYehoshabhati intombi kaKumkani uYehoram,+ (owayengumfazi kaYehoyada+ umbingeleli nodadeboAhaziya) wamfihla ku-Ataliya ukuze angambulali.+ 12  Wahlala nabo iminyaka emithandathu, efihlwe endlini kaThixo wokwenene, ngoxa uAtaliya wayelawula kwelo lizwe.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “intombi.”
Okanye “wayegula.”
Kweminye imibhalo yesiHebere kubhalwe “uAzariya.”
Ngokoqobo, “unyana.”
Ngokoqobo, “anqumle.”
Okanye “ubukumkani.”
Ngokoqobo, “yonke imbewu yobukumkani.”