Eyesibini YeziKronike 23:1-21

  • UYehoyada uyangenelela; uYehowashe wenziwa ukumkani (1-11)

  • UAtaliya uyabulawa (12-15)

  • UYehoyada wenza utshintsho (16-21)

23  Ngonyaka wesixhenxe, uYehoyada waba nesibindi ngokuthi enze isivumelwano neentloko zamakhulu,+ ezizezi: uAzariya unyana kaYeroham, uIshmayeli unyana kaYehohanan, uAzariya unyana kaObhedi, uMahaseya unyana ka-Adaya noElishafati unyana kaZikri.  Emva koko, balihamba lonke elakwaYuda baza baqokelela abaLevi+ kuzo zonke izixeko zakwaYuda neentloko zezindlu zakwaSirayeli. Xa bafika eYerusalem,  lonke ibandla lenza isivumelwano+ nokumkani endlini kaThixo wokwenene, emva koko uYehoyada wathi kubo: “Jongani! Unyana kakumkani uza kulawula, kanye njengokuba wathembisayo uYehova ngoonyana bakaDavide.+  Yenzani le nto: Iqela lokuqala kwamathathu lababingeleli nelabaLevi eligada+ ngeSabatha, liza kuba ngoonogada basemnyango,+  elesibini iqela liza kuba kwindlu kakumkani,*+ iqela lesithathu liza kuba kwiGeyithi YesiSeko, yaye bonke abantu baza kuba kwiiyadi zendlu kaYehova.+  Ningavumeli nabani na ukuba angene endlini kaYehova ngaphandle kwababingeleli nabaLevi abasebenza apho.+ Bona bangangena kuba baliqela elingcwele, yaye bonke abantu baza kwenza into abayixelelwa nguYehova, baze beme ngaphandle.  AbaLevi bamele bamrhangqe ukumkani macala onke, ngamnye aphathe izixhobo zakhe. Nabani na ongenayo endlini makabulawe. Hlalani nikunye nokumkani naphi na apho aya khona.”*  AbaLevi nawo onke amaYuda benza kanye ngendlela abayalele ngayo uYehoyada umbingeleli. Ngamnye wathatha amadoda akhe awayesebenza ngeSabatha, kunye nalawo ayengasebenzi ngeSabatha,+ kuba uYehoyada umbingeleli akazange awakhulule amaqela+ kwizabelo zawo.  UYehoyada umbingeleli wanika iintloko zamakhulu+ imikhonto, amakhaka amancinci* namakhaka arawundi awayekade engakaKumkani uDavide,+ awayesendlini kaThixo wokwenene.+ 10  Wabamisa bonke abantu, ngamnye ephethe isixhobo sakhe,* besusela kwicala lasekunene lendlu ukuya kwelasekhohlo, ngasesibingelelweni nangasendlini bemrhangqile ukumkani. 11  Emva koko bamkhupha unyana kakumkani,+ bamthwalisa isithsaba, bambeka neSingqino,*+ bamenza ukumkani, uYehoyada noonyana bakhe bamthambisa baza bathi: “Phila ngonaphakade kumkani!”+ 12  Wathi xa uAtaliya esiva izingqi zabantu ababalekayo, bedumisa ukumkani, ngoko nangoko weza ebantwini endlini kaYehova.+ 13  Wafika wabona ukumkani emi apho ecaleni kwentsika yakhe kwindawo ekungenwa kuyo. Abaphathi+ nabakhalisi bamaxilongo babengakukumkani, bonke abantu belizwe bevuya,+ bevuthela amaxilongo neemvumi ezazinezixhobo zomculo zazikhokela* ekudumiseni. Akuyibona uAtaliya le nto, wakrazula iimpahla zakhe, wakhwaza esithi: “Liyelenqe! Liyelenqe!” 14  Kodwa uYehoyada umbingeleli wakhupha iintloko zamakhulu, ezo zimiselwe ukuphatha umkhosi, wathi kuzo: “Mkhupheni phakathi kwenu, futhi ukuba kukho nabani na omlandelayo, mbulaleni ngekrele!” Kuba umbingeleli wayethe: “Ningambulaleli endlini kaYehova.” 15  Ngoko zamthi nqaku, yaye zathi xa zifika kwiGeyithi Yamahashe yendlu kakumkani, ngokukhawuleza zambulalela apho. 16  Emva koko, uYehoyada wenza isivumelwano phakathi kwakhe nabo bonke abantu nokumkani, sokuba babeza kuhlala bengabantu bakaYehova.+ 17  Bonke abantu beza endlini* kaBhahali, bayidiliza,+ nezibingelelo zakhe bazidiliza, nemifanekiso yakhe bayikroboza yaziingceba,+ noMatan umbingeleli kaBhahali+ bambulalela phambi kwezibingelelo. 18  Emva koko, uYehoyada wathi ababingeleli nabaLevi mabaphathe endlini kaYehova, abo uDavide wayebabeke ngokwamaqela ukuze basebenze endlini kaYehova, bebingelela imibingelelo etshiswayo kaYehova+ ngendlela ekubhalwe ngayo kuMthetho kaMoses,+ benza le nto bevuya, becula ngokomyalelo kaDavide.* 19  Wamisa noonogada basegeyithini+ ngakwiigeyithi zendlu kaYehova, ukuze kungangeni nabani na ongacocekanga nangayiphi na indlela. 20  Wathatha iintloko zamakhulu,+ abantu abahloniphekileyo, abalawuli babantu, nabo bonke abantu belizwe, ukuze bakhaphe ukumkani besuka endlini kaYehova. Ngoko bangena kwigeyithi ephezulu, baya endlini kakumkani, bamhlalisa ukumkani etroneni+ yobukumkani.+ 21  Bonke abantu belizwe bavuya, kwabe kukho ucwangco esixekweni kuba babembulele ngekrele uAtaliya.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ebhotwe.”
Ngokoqobo, “xa engena naxa ephuma.”
La makhaka ayeqhele ukuphathwa ngabatoli.
Okanye “intshuntshe yakhe.”
Kusenokwenzeka ukuba lo yayingumsongo onoMthetho kaThixo.
Okanye “zaziculisa.”
Ngokoqobo, “kwitempile.”
Ngokoqobo, “ngezandla zikaDavide.”