Eyesibini YeziKronike 25:1-28
25 UAmatsiya waba ngukumkani xa wayeneminyaka eyi-25, ibe walawula iminyaka eyi-29 eYerusalem. Igama likamama wakhe yayinguYehowadan waseYerusalem.+
2 Waqhubeka esenza izinto ezilungileyo phambi kwamehlo kaYehova, kodwa engazenzi ngentliziyo epheleleyo.
3 Wathi akubuqinisa ubukumkani bakhe, wabulala izicaka zakhe ezabulala utata wakhe ukumkani.+
4 Kodwa akazange ababulale oonyana bazo, kuba wayethobela amazwi abhalwe eMthethweni, encwadini kaMoses, apho uYehova wathi: “Ootata mabangafi ngenxa yoonyana babo, noonyana mabangafi ngenxa yootata babo, kodwa ngamnye makafele isono sakhe.”+
5 UAmatsiya waqokelela uYuda, wammisa ngokwezindlu zootata babo, ngokweentloko zamawaka nangokweentloko zamakhulu, wonke uYuda noBhenjamin.+ Wababhalisa ukususela kwabaneminyaka eyi-20 ukuya phezulu,+ yaye wafumanisa ukuba kukho amakroti ayi-300 000 aqeqeshiweyo* anokuya emkhosini, akwaziyo ukuphatha umkhonto nekhaka elikhulu.
6 Waqesha namadoda ayi-100 000 angamakroti nanamandla kwaSirayeli, ngeetalente* zesilivere eziyi-100.
7 Kodwa kwafika indoda yoThixo wokwenene, yathi kuye: “Owu kumkani, umkhosi wakwaSirayeli mawungahambi nawe, kuba uYehova akakho kunye noSirayeli,+ akakho kunye nawo onke amaEfrayim.
8 Kodwa hamba wedwa, hamba uyokulwa, uze ube nesibindi emfazweni. UThixo wokwenene angakwenza ukhubeke phambi kotshaba, kuba uThixo unamandla okunceda+ nawokukhubekisa.”
9 UAmatsiya wathi kwindoda yoThixo wokwenene: “Kodwa kuza kwenziwa ntoni ngeetalente eziyi-100 endizinike amajoni akwaSirayeli?” Indoda yoThixo wokwenene yathi: “UYehova unako ukukunika nangaphezulu.”+
10 Ngoko uAmatsiya wawarhoxisa amajoni awayeze kuye evela kwaEfrayim, wathi mawagoduke. Noko ke, uYuda wawacaphukisa, ngoko agoduka enomsindo kakhulu.
11 Emva koko uAmatsiya waba nesibindi waza wakhokela amajoni akhe, waya kwiNtlambo YeTyiwa.+ Apho wabulala amadoda akwaSehire ayi-10 000.+
12 Amadoda akwaYuda abamba amadoda ayi-10 000 ephila. Awazisa phezu kweliwa aza awaphosa onke ezantsi, antlekeka.
13 Kodwa amajoni omkhosi awajikiswa nguAmatsiya ukuba angayi naye emfazweni,+ ayehlasela izixeko zakwaYuda, eqala eSamariya+ ayokuqhina ngeBhete-horon.+ Axabela abantu abayi-3 000 aza ohlutha izinto ezininzi.
14 Ukubuya kuka-Amatsiya ekuxabeleni amaEdom, wazisa oothixo bamadoda akwaSehire, wabenza oothixo bakhe,+ waqalisa ukuqubuda phambi kwabo, waqhumisa kubo umbingelelo.
15 Ngoko uYehova wavutha ngumsindo ngenxa ka-Amatsiya, yaye wathumela umprofeti waza wathi kuye: “Kutheni ulandela oothixo babantu abangakwazanga ukusindisa abantu babo kuwe?”+
16 Wathi loo mprofeti esathetha naye, ukumkani wathi: “Kanene ngaba sakumisela ukuba ube ngumcebisi kakumkani?+ Thula ufe!+ Kutheni kuza kufuneka bakuxabele nje?” Lo mprofeti wayiyeka la nto wayeyithetha, kodwa wathi: “Ndiyazi ukuba uThixo ugqibe kwelokuba akonakalise ngenxa yokuba wenze le nto yaye awalimamela icebiso lam.”+
17 UKumkani uAmatsiya wakwaYuda wathetha nabacebisi bakhe, waza wathumela kuYehowashe unyana kaYehowahazi unyana kaYehu ukumkani wakwaSirayeli, umyalezo othi: “Yiza! Masilwe emfazweni.”*+
18 UKumkani uYehowashe wakwaSirayeli wathumela umyalezo kuKumkani uAmatsiya wakwaYuda, esithi: “Ukhula olunameva oluseLebhanon luthumele umyalezo kumthi womsedare oseLebhanon, lusithi, ‘Yendisela intombi yakho kunyana wam.’ Kodwa irhamncwa lasendle laseLebhanon liye ladlula, lanyathela ukhula olunameva.
19 Uthe, ‘Jongani! Ndimoyisile* uEdom.’+ Ngoku intliziyo yakho igcwele likratshi, ifuna ukuzukiswa. Khawuhlale endlini yakho. Kutheni uziqalela inkathazo eza kukuwisa wena kunye noYuda?”
20 Kodwa uAmatsiya akazange ammamele,+ kuba le nto yayivela kuThixo wokwenene, ukuze abanikele esandleni sotshaba,+ kuba baye balandela oothixo bakwaEdom.+
21 UKumkani uYehowashe wakwaSirayeli wenyuka wayokudibana noKumkani uAmatsiya wakwaYuda, balwa eBhete-shemeshe+ yakwaYuda.
22 AmaYuda oyiswa ngamaSirayeli aza abaleka, ngamnye waya endlini* yakhe.
23 UKumkani uYehowashe wakwaSirayeli wathimba uKumkani uAmatsiya wakwaYuda, unyana kaYehowashe, unyana kaYehowahazi* eBhete-shemeshe. Emva koko wamzisa eYerusalem waza waqhekeza udonga oluseYerusalem kangangeekubhite eziyi-400* ukususela kwiGeyithi yakwaEfrayim+ ukuyokutsho kwiGeyithi Esekoneni.+
24 Wathatha yonke igolide nesilivere, nayo yonke into eyayifumaneka endlini kaThixo wokwenene eyayiphantsi kukaObhedi-edom, nakwindawo yokugcina ubutyebi bendlu kakumkani,*+ wathimba nabantu, waza wabuyela eSamariya.
25 UAmatsiya+ unyana kaYehowashe ukumkani wakwaYuda waphila iminyaka eyi-15 emva kokufa kukaYehowashe+ unyana kaYehowahazi ukumkani wakwaSirayeli.+
26 Enye imbali ka-Amatsiya, ukususela ekuqaleni ukuyokutsho ekugqibeleni, ayibhalwanga na eNcwadini YooKumkani BakwaYuda NabakwaSirayeli?
27 Ukususela mhla uAmatsiya wayekayo ukulandela uYehova, bambhunga+ eYerusalem, waza wabalekela eLakishe, kodwa bathumela amadoda ukuba amleqe, aza ambulalela apho.
28 Amthwala ngamahashe, ayokumngcwaba nookhokho bakhe kwisixeko sakwaYuda.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “akhethiweyo.”
^ Italente yayilingana ne-34,2 kg. Funda Isihlomelo B14.
^ Okanye “masihlangane.”
^ Ngokoqobo, “Umoyisile.”
^ Ngokoqobo, “ententeni.”
^ Okwabizwa ngokuba nguAhaziya.
^ Malunga ne-178 m. Funda Isihlomelo B14.
^ Okanye “bebhotwe likakumkani.”