Eyesibini YeziKronike 30:1-27
-
UHezekiya ubhiyozela iPasika (1-27)
30 UHezekiya wathumela ilizwi kuSirayeli wonke+ noYuda, wade wabhalela uEfrayim noManase+ iileta, ukuze bazokwenzela uYehova uThixo kaSirayeli iPasika endlini kaYehova eseYerusalem.+
2 Sekunjalo, ukumkani, iinkokheli zakhe nalo lonke ibandla laseYerusalem bagqiba kwelokuba bayenze ngenyanga yesibini iPasika,+
3 kuba zange bakwazi ukuyenza ngexesha layo elifanelekileyo,+ kuba babenganelanga ababingeleli abazingcwalisileyo,+ babe nabantu bengekaqokelelani eYerusalem.
4 Esi sigqibo sabonakala silungile kukumkani nakulo lonke ibandla.
5 Ngoko bagqiba kwelokuba benze isaziso kuSirayeli wonke, ukususela eBher-shebha ukuya kuqhina kwaDan,+ ukuba abantu bamele bazokwenzela uYehova uThixo kaSirayeli iPasika eYerusalem, kuba zange bayibhiyozela iPasika bebonke, ngokwendlela ekubhalwe ngayo.+
6 Emva koko abathunywa* baya kulo lonke elakwaSirayeli, ngokomyalelo kakumkani. Babephethe iileta ezivela kukumkani nakwiinkokheli, zisithi: “Bantu bakwaSirayeli, buyelani kuYehova uThixo ka-Abraham, kaIsake nokaSirayeli, ukuze uThixo abuyele kubantu abaseleyo nabasinde esandleni sookumkani baseAsiriya.+
7 Sanukuba njengookhokho benu nabantakwenu abangazange bathembeke kuYehova uThixo wookhokho babo, kangangokuba wabenza into eyoyikekayo, njengokuba nani nizibonela.+
8 Sanukuba nenkani njengookhokho benu.+ Zithobeni kuYehova, nize kwingcwele yakhe+ awayingcwalisa ngonaphakade, nize nikhonze uYehova uThixo wenu, ukuze wehle umsindo wakhe kuni.+
9 Kuba xa nibuyela kuYehova, abazalwana benu noonyana benu baza kwenzelwa inceba ngabo babathimbileyo,+ ibe baza kuvunyelwa babuyele kweli lizwe,+ kuba uYehova uThixo wenu uyabavela abantu* kwaye unenceba.+ Ukuba nibuyela kuye, akasoze abususe ubuso bakhe kuni.”+
10 Abathunywa* baya kwisixeko nesixeko, balityhutyha lonke ilizwe lakwaEfrayim nelakwaManase,+ baya nkqu nakwaZebhulon, kodwa abantu bahlekisa ngabo, bebagculela.+
11 Kodwa babakho abantu abavela kwa-Ashere, kwaManase nakwaZebhulon abazithobayo, beza eYerusalem.+
12 Isandla soThixo wokwenene saba naye noYuda, sabamanyanisa abantu* ukuze bayenze into eyayiyalelwe ngukumkani neenkokheli, ngokwelizwi likaYehova.
13 Ngenyanga yesibini,+ isihlwele sabantu sadibana eYerusalem ukuze sibhiyozele iTheko Lezonka Ezingenagwele.+ Yayilibandla elikhulu kakhulu.
14 Sasuka eso sihlwele sazisusa izibingelelo ezaziseYerusalem,+ sasusa zonke izibingelelo zeziqhumiso eziqholiweyo+ sayokuzilahla kwiNtlambo YeKidron.
15 Emva koko, ngenyanga yesibini, isihlwele saxhela umbingelelo wePasika ngosuku lwe-14. Ababingeleli nabaLevi baba neentloni, bazenza baba ngcwele, baza bazisa iminikelo etshiswayo endlini kaYehova.
16 Bema kwiindawo zabo zesiqhelo, ngokoMthetho KaMoses, umntu kaThixo wokwenene. Emva koko ababingeleli bafefa ngegazi+ abalinikwa ngabaLevi.
17 Baninzi abantu ebandleni ababengazenzanga baba ngcwele, ngoko abaLevi baxhelela bonke ababengacocekanga imibingelelo+ yePasika, ukuze babenze babe ngcwele kuYehova.
18 Kwakukho abantu abaninzi ababengazicocanga, ngokukodwa kwabo babevela kwaEfrayim, kwaManase,+ kwaIsakare nakwaZebhulon, sekunjalo bayitya iPasika, ibe loo nto yayiphikisana nento ebhaliweyo. Kodwa uHezekiya wabathandazela wathi: “Kwanga uYehova, ekubeni elungile,+ angamxolela
19 wonke umntu oye wayilungisa intliziyo yakhe ukuba afune uThixo wokwenene,+ uYehova uThixo wookhokho bakhe, nangona engacocwanga ngokomlinganiselo wokuba ngcwele.”+
20 Ngoko uYehova wammamela uHezekiya waza wabaxolela* abantu.
21 Ngoko amaSirayeli awayeseYerusalem alibhiyozela iTheko Lezonka Ezingenagwele+ iintsuku ezisixhenxe, evuya ngeyona ndlela.+ AbaLevi nababingeleli babedumisa uYehova imihla ngemihla, bezikhalisela phezulu izixhobo zabo, bedlalela uYehova.+
22 Ngaphezu koko, uHezekiya wathetha nabo bonke abaLevi ababesebenzela uYehova ngobulumko, ebakhuthaza.* Batya ngazo zonke ezo ntsuku zisixhenxe+ zazibekelwe itheko, bebingelela imibingelelo yobuhlobo,+ bembulela noYehova uThixo wookhokho babo.
23 Emva koko lonke ibandla lagqiba kwelokuba lilibhiyozele ezinye iintsuku ezisixhenxe elo theko, ngoko lalibhiyozela ezinye iintsuku ezisixhenxe livuya.+
24 Ngoko uKumkani uHezekiya wakwaYuda wanikela kwibandla iinkunzi zeenkomo eziyi-1 000 neegusha eziyi-7 000, zona iinkokheli zakhupha iinkunzi zeenkomo eziyi-1 000 neegusha eziyi-10 000,+ ababingeleli abaninzi bezingcwalisa.+
25 Lonke ibandla lakwaYuda, ababingeleli, abaLevi, lonke ibandla elalivela kwaSirayeli+ nabantu basemzini+ abezayo bevela kwilizwe lakwaSirayeli nabo babehlala kwaYuda, bavuya kakhulu.
26 Kwakuvuywa nyhani eYerusalem. Kaloku into enjengale yagqibela ukubakho eYerusalem ngemihla kaSolomon, unyana kaDavide, ukumkani wakwaSirayeli.+
27 Ekugqibeleni, ababingeleli abangabaLevi, baphakama babasikelela abantu,+ uThixo waliva ilizwi labo, umthandazo wabo wafika endaweni yakhe yokuhlala engcwele, emazulwini.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “iimbaleki.”
^ Okanye “unobabalo.”
^ Ngokoqobo, “iimbaleki.”
^ Ngokoqobo, “abanike intliziyo enye.”
^ Ngokoqobo, “wabaphilisa.”
^ Ngokoqobo, “ethetha ezintliziyweni zabo.”