Eyesibini YeziKronike 4:1-22

  • Isibingelelo, uLwandle nezitya zokuhlambela (1-6)

  • Iziphatho zezibane, iitafile neeyadi ((7-11a)

  • Izinto zokuhombisa itempile ziyagqitywa ukwenziwa (11b-22)

4  Emva koko wenza isibingelelo sekopolo+ saziikubhite eziyi-20 ubude, saziikubhite eziyi-20 ububanzi, saziikubhite eziyi-10 ukuphakama.  Wenza uLwandle+ lwekopolo* olurawundi. Lwaluziikubhite eziyi-10 ububanzi neekubhite eziyi-5 ukuphakama, ibe kwakuthatha intambo eziikubhite eziyi-30 ubude ukulujikeleza.+  Kwakukho amathanga amancinci okuhombisa+ ngaphantsi kwalo, elujikelezile, elishumi kwikubhite nganye macala onke olu Lwandle. La mathanga ayeyimiqolo emibini ethe nca kulo.  Lwalumi phezu kweenkunzi zeenkomo eziyi-12,+ eziyi-3 zijonge ngasentla, eziyi-3 zijonge ngasentshona, eziyi-3 zijonge ­ngasemzantsi, eziyi-3 zijonge ngasempuma. ULwandle lwaluphezu kwazo, ibe izinqe zazo zazijonge ngaphakathi.  Ubungqingqwa balo babulingana nobubanzi besandla,* yaye umlomo walo wawufana nomlomo wendebe, lufana nenyibiba edubuleyo. Eli tanki lalinokuthwala* iibhate* eziyi-3 000.  Wenza nezitya zokuhlambela ezilishumi, wabeka ezintlanu ngasekunene, nezintlanu ngasekhohlo.+ Babezihlambela kuzo izinto zokwenza iminikelo etshiswayo.+ Kodwa lona uLwandle lwalulolwababingeleli ukuze bahlambe kulo.+  Emva koko wenza iziphatho zezibane zegolide,+ ngokwemiyalelo,+ wazibeka etempileni. Ezintlanu wazibeka ngasekunene, ezintlanu wazibeka ngasekhohlo.+  Wenza neetafile ezilishumi, wazibeka etempileni. Ezintlanu wazibeka ngasekunene, ezintlanu wazibeka ngasekhohlo,+ wenza nezitya eziyi-100 zegolide.  Emva koko wenza iyadi+ yababingeleli,+ iyadi enkulu+ neengcango zeyadi. Ezo ngcango wazityabeka ngekopolo. 10  Wabeka uLwandle ngasekunene, ngakumzantsi-mpuma.+ 11  UHiram wenza neenkonkxa, imihlakulo nezitya.+ Ngoko uHiram wagqiba ukuwenza umsebenzi awayewenzela uKumkani uSolomon kwindlu yoThixo wokwenene:+ 12  iintsika ezimbini+ neengqukuva ezaziphezu kwazo, iminatha emibini+ eyenziwe ngamatsheyini aphothiweyo, eyayikwezi ngqukuva zaziphezu kweentsika, 13  iirharnati eziyi-400+ kwiminatha emibini, imiqolo emibini yeerharnati kumnatha ngamnye ukuze kuhonjiswe iingqukuva ezimbini ezaziphezu kweentsika,+ 14  iinqwelo* ezilishumi nezitya ezilishumi eziphezu kwazo,+ 15  uLwandle neenkunzi zeenkomo eziyi-12 ezingaphantsi kwalo,+ 16  iinkonkxa, imihlakulo, iifolokhwe,+ nayo yonke impahla yendlu kaYehova, uHiram-abhivi+ awayenzela uKumkani uSolomon, eyenza ngekopolo emenyezelisiweyo. 17  Ukumkani wathi mazenziwe kwingingqi yaseYordan, endaweni enodongwe phakathi kweSukoti+ neTsereda. 18  USolomon wayenza yonke le mpahla yaninzi kakhulu. Abuzange baziwe ubunzima bekopolo.+ 19  USolomon wenza yonke iimpahla+ yendlu kaThixo wokwenene: isibingelelo segolide,+ iitafile+ ekubekwe kuzo izonka zokubonisa,+ 20  iziphatho zezibane zegolide nezibane zazo zegolide esulungekileyo,+ zokukhanyisa phambi kwelona gumbi lingaphakathi, ngokomthetho, 21  iintyatyambo, izibane nemicephe yokucima umlilo, izezegolide, eyona golide isulungekileyo, 22  izicima-mlilo, izitya zokufefa, iindebe, iipani zamalahle, izezegolide esulungekileyo, neminyango yendlu, iingcango zeYona Ngcwele,+ neengcango zendlu yetempile, izezegolide.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “itanki lentsimbi.”
Malunga ne-7,4 cm. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “lalingena.”
Ibhate yayilingana ne-22 L. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “iinqwelo zamanzi.”