Eyesibini YeziKronike 9:1-31

  • Ukumkanikazi waseShebha uyobona uSolomon (1-12)

  • Ubutyebi bukaSolomon (13-28)

  • USolomon uyafa (29-31)

9  Ukumkanikazi waseShebha+ weva ngokuduma kukaSolomon, ngoko weza eYerusalem ezokuvavanya uSolomon ngemibuzo enzima.* Wayekhatshwa ngabantu abaninzi, neenkamela ezazithwele ioli yebhalsam negolide eninzi+ namatye axabisekileyo. Wafika wathetha noSolomon ngayo yonke into eyayisentliziyweni yakhe.+  USolomon wayiphendula yonke imibuzo yakhe. Akukho nto yamxakayo uSolomon.*  Xa ukumkanikazi waseShebha wabubonayo ubulumko bukaSolomon,+ indlu awayeyakhile,+  ukutya okusetafileni yakhe,+ ukuhlala kwezicaka zakhe, abantu ababelungiselela etafileni nesinxibo sabo, abathwali bakhe beendebe nesinxibo sabo, nemibingelelo yakhe etshiswayo awayeyinikela qho endlini kaYehova,+ washiyeka ebambe ongezantsi.*  Wathi kukumkani: “Kuthe kanti iyinyani le nto ndiyivileyo elizweni lam ngempumelelo yakho* nobulumko bakho.  Kodwa andizange ndizikholelwe ezi zinto de ndazibonela ngala wam amehlo.+ Ibe jonga! andixelelwanga yonke into ngobukhulu bobulumko bakho.+ Into endiyivileyo ngawe ayifiki kule ndiyibonayo.+  Bayavuya abantu bakho, ziyavuya nezicaka zakho ezima phambi kwakho qho zimamele ubulumko bakho!  Makadunyiswe uYehova uThixo wakho, oye wavuyiswa nguwe ngokukubeka etroneni yakhe njengokumkani ngenxa kaYehova uThixo wakho. Ngenxa yokuba uThixo wakho emthanda uSirayeli,+ efuna aqhubeke ekho ngonaphakade, ukwenze ukumkani ukuze wenze okusesikweni* nobulungisa.”  Emva koko ukumkanikazi waseShebha wanika ukumkani iitalente* zegolide eziyi-120,+ ioli yebhalsam eninzi namatye axabisekileyo. Akuzange kuphinde kuziswe oli ininzi njengaleyo yanikwa uKumkani uSolomon.+ 10  Ngaphezu koko, abakhonzi bakaHiram nabakhonzi bakaSolomon ababezisa igolide eyayivela eOfire,+ babezisa namaplanga om-algumi namatye axabisekileyo.+ 11  Ukumkani wenzela indlu kaYehova+ nendlu yakhe*+ izitepsi ngamaplanga om-algumi, kunye neehadi nemirhubhe yeemvumi.+ Akazange akhe abonwe amaplanga amaninzi kangako kwaYuda. 12  UKumkani uSolomon wanika ukumkanikazi waseShebha yonke into awayeyinqwenela nawayeyicela, engaphezu* kwayo yonke into awayeyizisele ukumkani. Emva koko ukumkanikazi wabuyela elizweni lakhe kunye nezicaka zakhe.+ 13  Ubunzima begolide eyayisiza kuSolomon ngonyaka, babuziitalente zegolide eziyi-666,+ 14  ngaphandle kwegolide nesilivere eyayisiziswa kuSolomon ngabathengisi, ngoosomashishini, ngabo bonke ookumkani bama-Arabhu nabalawuli bamaphondo elizwe.+ 15  UKumkani uSolomon wenza amakhaka amakhulu egolide exutyiweyo ayi-200+ (khaka ngalinye lalenziwe ngeeshekele* eziyi-600 zegolide exutyiweyo),+ 16  namakhaka amancinci egolide exutyiweyo ayi-300 (iziimina* ezintathu zegolide kwikhaka ngalinye). Emva koko ukumkani wawabeka kwiNdlu Yehlathi LaseLebhanon.+ 17  Ukumkani wenza netrone enkulu yophondo lwendlovu waza wayaleka ngegolide esulungekileyo.+ 18  Kwakukho izitepsi ezintandathu eziya etroneni, ibe kwakukho nesihlalo seenyawo segolide esasithe nca etroneni, kukho nendawo yokubeka iingalo macala omabini esihlalo, kumi neengonyama ezimbini+ emacaleni eendawo zokubeka iingalo. 19  Ibe kwakukho iingonyama eziyi-12+ ezazimi kwezo zitepsi zintandathu, inye kweli cala nakweliya cala, kuzo zonke izitepsi. Asikho esinye isizwe esakha senza into efana naleyo. 20  Zonke izitya zokusela zikaKumkani uSolomon yayizezegolide, nezitya zeNdlu Yehlathi LaseLebhanon yayizezegolide esulungekileyo. Kwakungekho nto yesilivere, kuba isilivere yayijongelwa phantsi ngemihla kaSolomon.+ 21  Kuba iinqanawa zikakumkani zazisiya eTarshishe+ kunye nabakhonzi bakaHiram.+ Qho emva kweminyaka emithathu, iinqanawa zaseTarshishe zazifika zithwele igolide nesilivere, iimpondo zeendlovu,+ iinkawu neepikoko. 22  UKumkani uSolomon wayengoyena usisityebi nosisilumko+ kubo bonke abanye ookumkani bomhlaba. 23  Bonke ookumkani bomhlaba babefuna ukuncokola noSolomon* ukuze beve ubulumko uThixo wokwenene awayebubeke entliziyweni yakhe.+ 24  Ngamnye wayesiza nesipho: izinto zesilivere, izinto zegolide, iimpahla,+ izixhobo, ioli yebhalsam, amahashe neemeyile. Le nto yayisenzeka unyaka nonyaka. 25  USolomon wayenezitali zamahashe eziyi-4 000, iinqwelo, namahashe emfazwe ayi-12 000,*+ yaye wawabeka kwizixeko zeenqwelo nakufuphi nokumkani eYerusalem.+ 26  USolomon walawula bonke ookumkani ukususela eMlanjeni* ukuya kwilizwe lamaFilisti nakumda waseYiputa.+ 27  Ukumkani wayenza yaxhaphaka okwamatye isilivere eYerusalem, wenza namaplanga omsedare aba maninzi njengemithi yesikamore eseShefela.+ 28  Babemphathela amahashe avela eYiputa,+ nakuwo onke amanye amazwe. 29  Enye imbali kaSolomon,+ ukususela ekuqaleni ukuyokutsho ekugqibeleni, ayibhalwanga na phakathi kwamazwi kaNatan+ umprofeti, kwiziprofeto zika-Ahiya+ umShilo, nakwingxelo yemibono kaIdo+ imboni ethetha ngoYerobhoham+ unyana kaNebhati? 30  USolomon walawula wonke uSirayeli eYerusalem iminyaka eyi-40. 31  USolomon wabekwa kookhokho bakhe. Wangcwatyelwa kwisiXeko SikaDavide utata wakhe,+ waza uRehobhoham unyana wakhe wangena ezihlangwini zakhe.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ngooqashi-qashi abanzima.”
Ngokoqobo, “eyayifihlakele kuSolomon.”
Ngokoqobo, “waphelelwa ngumoya.”
Okanye “ngamazwi akho.”
Okanye “ubulungisa.”
Italente yayilingana ne-34,2 kg. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “nebhotwe lakhe.”
Okanye kusenokwenzeka, “ukongezelela kwizipho ezilingana nezo wayezizisele ukumkani.”
Ishekele yayilingana ne-11,4 g. Funda Isihlomelo B14.
Imina kwiZibhalo ZesiHebhere ilingana ne-570 g. Funda Isihlomelo B14.
Ngokoqobo, “babefuna ubuso bukaSolomon.”
Okanye “nabakhweli-mahashe abayi-12 000.”
Oko kukuthi, umEfrate.