Eyesibini KaSamuweli 20:1-26
20 Apho kwakukho indoda eyayihlupha, egama linguShebha,+ unyana kaBhikeri umBhenjamin. Yavuthela uphondo+ yathi: “Akukho nto isidibanisa noDavide, singenalo nalifa kunyana kaYese.+ Wonke umntu makaye koothixo* bakhe Sirayeli!”+
2 Akuva loo mazwi, onke amadoda akwaSirayeli ayeka ukulandela uDavide, aza alandela uShebha unyana kaBhikeri,+ kodwa wona amadoda akwaYuda, aba ngakukumkani wawo ukususela eYordan ukuya eYerusalem.+
3 Uthe akufika uDavide endlini yakhe eYerusalem,+ wathatha abafazi bakhe* abalishumi awayebashiye ngasemva ukuba bahoye indlu,+ wabavalela endlini egadiweyo. Wababonelela ngokutya kodwa akazange abelane nabo ngesondo.+ Bahlala bevalelwe de kwayimini yokusweleka kwabo. Babephila njengabahlolokazi, nangona indoda yabo yayiphila.
4 Ukumkani wathi kuAmasa:+ “Khawundibizele amadoda akwaYuda ukuba eze apha kwiintsuku ezintathu, nawe uze ube khona.”
5 UAmasa wahamba waya kubiza uYuda, kodwa yena wafika emva kwexesha awayelibekelwe.
6 UDavide wathi kuAbhishayi:+ “UShebha+ unyana kaBhikeri usenokusenzela umonakalo omkhulu ngakumbi kunoAbhisalom.+ Thatha izicaka zenkosi yakho uze umleqe, ukuze angazifumani izixeko ezikhuselekileyo aze asinde kuthi.”
7 Ngoko amadoda kaYowabhi,+ amaKereti, amaPeleti+ nawo onke amadoda anamandla amleqa, aphuma eYerusalem ukuze aleqe uShebha unyana kaBhikeri.
8 Xa ayekufutshane nelitye elikhulu eliseGibheyon,+ uAmasa+ wawakhawulela. UYowabhi wayenxibe iimpahla zomkhosi, yaye esinqeni enekrele lisesingxotyeni salo. Xa wayesiza ngaphambili, ikrele lawa.
9 UYowabhi wathi kuAmasa: “Uyaphila mntakwethu?” Emva koko uYowabhi wabamba iindevu zika-Amasa ngesandla sasekunene, ngokungathi uza kumphuza.*
10 UAmasa zange aliqaphele ikrele elalisesandleni sikaYowabhi, ngoko uYowabhi wamhlaba ngalo esiswini,+ aza amathumbu akhe aphalala emhlabeni. Zange kufuneke amphinde, wamhlaba kwakanye. Emva koko uYowabhi noAbhishayi umntakwabo baleqa uShebha unyana kaBhikeri.
11 Omnye kubafana bakaYowabhi wema ecaleni kwakhe, wathi: “Nabani na okwicala likaYowabhi naye nabani na ongokaDavide, makalandele uYowabhi!”
12 Lonke elo xesha uAmasa wayeqikaqikeka egazini lakhe phakathi endleleni. Xa loo ndoda yabona ukuba bonke abantu babesima, yamsusa uAmasa endleleni. Yaphosa isambatho phezu kwakhe, kuba yabona ukuba wonke umntu wayesima xa efika kuAmasa.
13 Emva kokuba imsusile, onke amadoda alandela uYowabhi eleqa uShebha+ unyana kaBhikeri.
14 UShebha wagqitha kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli waya eAbheli YaseBhete-mahaka.+ AmaBhikeri aqokelelana aza amlandela.
15 UYowabhi namadoda akhe* bafika eAbheli YaseBhete-mahaka baza bamrhangqa. Bakha ithambeka lokuhlasela elimelene neso sixeko ukuze basihlasele. Onke amadoda awayekunye noYowabhi agrumba phantsi kodonga ukuze aludilize.
16 Waza umfazi osisilumko wakhwaza esesixekweni wathi: “Mamelani madoda, mamelani! Khanincede nithi kuYowabhi, ‘Yiza apha, undivumele ndithethe nawe.’”
17 Ngoko yena waya ngakuye, waza umfazi wathi: “UnguYowabhi?” Yena wathi: “Ndinguye.” Wathi kuye: “Khawumamele amazwi esicakakazi sakho.” Yena wathi: “Ndimamele.”
18 Lo mfazi wathi: “Babedla ngokuthi kumaxesha angaphambili, ‘Mababuze eAbheli, ube ke ugqityiwe umbandela ngolo hlobo.’
19 Ndimela abantu abaseluxolweni nabathembekileyo kwaSirayeli. Ufuna ukutshabalalisa isixeko esinjengomama kwaSirayeli. Kutheni ufuna ukulitshabalalisa* ilifa likaYehova?”+
20 UYowabhi wathi: “Andiyicingi nokuyicinga into yokusidiliza nokusitshabalalisa.
21 Andizelanga loo nto, kodwa indoda egama linguShebha,+ unyana kaBhikeri, evela kwingingqi yeentaba zakwaEfrayim,+ ilwa noKumkani* uDavide. Ukuba ningazisa le ndoda yodwa, ndiza kumka kwesi sixeko.” Lo mfazi wathi kuYowabhi: “Jonga! Intloko yayo iza kuphoselwa kuwe ngaphaya kodonga!”
22 Ngoko nangoko, lo mfazi ulumkileyo waya kubo bonke abantu, baza bayinqumla intloko kaShebha unyana kaBhikeri, bayiphosa kuYowabhi. Yena wavuthela uphondo, baza bachithakala, bemka esixekweni, ngamnye waya ekhayeni lakhe,+ yena uYowabhi wabuyela eYerusalem kukumkani.
23 UYowabhi wayeyintloko yomkhosi wonke wakwaSirayeli,+ uBhenaya+ unyana kaYehoyada+ eyintloko yamaKereti namaPeleti.+
24 UAdoram+ wayeyintloko yabantu ababhaliselwe umsebenzi osisinyanzelo, uYehoshafati+ unyana ka-Ahiludi egcina ingxelo.
25 USheva wayengunobhala, uTsadoki+ noAbhiyatare+ bengababingeleli.
26 UIra umYayire waba ligosa eliyintloko likaDavide.*
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye kusenokwenzeka, “ezintenteni zakhe.”
^ Okanye “amashweshwe akhe.”
^ Ukuphuza umntu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.
^ Ngokoqobo, “Bonke.”
^ Ngokoqobo, “ukuliginya.”
^ Ngokoqobo, “imphakamisele isandla.”
^ Ngokoqobo, “wayengumbingeleli kaDavide.”