Eyesibini KaSamuweli 7:1-29

  • Itempile ayizukwakhiwa nguDavide (1-7)

  • Kwenziwa isivumelwano sobukumkani noDavide (8-17)

  • UDavide uyathandaza ebulela (18-29)

7  Akuba ukumkani ezinzile endlini yakhe,+ wabe noYehova emphumzile kuzo zonke iintshaba zakhe ezazimjikelezile,  wathi kuNatan+ umprofeti: “Mna ndihlala endlini yemisedare+ ngoxa iTyeya kaThixo wokwenene ihlala phakathi kwamalaphu entente.”+  UNatan wathi kukumkani: “Hamba uyokwenza yonke into esentliziyweni yakho, kuba uYehova unawe.”+  Kwangobo busuku, kwafika ilizwi likaYehova kuNatan, lisithi:  “Yiya kumkhonzi wam uDavide, uthi kuye, ‘Uthi uYehova: “Ngaba ufanele undakhele indlu yokuhlala?+  Akukho ndlu ndikhe ndahlala kuyo ukususela ngemini endabanyusa ngayo abantu bakwaSirayeli, ndibakhupha eYiputa de kube namhlanje.+ Oko bendihamba iindawo ngeendawo ndihlala kwintente engcwele.+  Lonke ixesha ebendihamba nawo onke amaSirayeli,* ngaba ikho into endakha ndayithetha kwenye yeenkokheli zesizwe sakwaSirayeli, endaziyalela ukuba zaluse abantu bam amaSirayeli, ndisithi, ‘Kutheni ningandakhelanga indlu yemisedare?’”’  Ngoku ke uze uthi kumkhonzi wam uDavide, ‘Uthi uYehova wemikhosi: “Ndakuthatha edlelweni ukhaphela umhlambi,+ ukuze ube yinkokheli yabantu bam amaSirayeli.+  Ndiza kuba nawe naphi na apho uya khona,+ ndizisuse* zonke iintshaba zakho phambi kwakho.+ Ndiza kukwenzela igama elikhulu,+ elinjengegama lamadoda azukileyo emhlabeni. 10  Ndiza kubakhethela indawo abantu bam, ndibahlalise kuyo. Baza kuhlala apho bangaphinde baphazanyiswe, yaye abenzi-bubi abazukuphinda babacinezele njengokuba benzayo ngaphambili,+ 11  ukususela ngemini endabeka ngayo abagwebi+ phezu kwabantu bam amaSirayeli. Ndiza kukuphumza kuzo zonke iintshaba zakho.+ “‘“Kwaye uYehova ukuxelele ukuba uYehova uza kukwenzela indlu.*+ 12  Xa ifike esiphelweni imihla yakho,+ waza walaliswa kookhokho bakho, ndiza kukuvelisela inzala,* unyana wakho kanye,* yaye ndiza kubumisela ubukumkani bakhe, kungabikho nto ibugungqisayo.+ 13  Nguye ke oza kulakhela indlu igama lam,+ yaye ndiza kuyimisela itrone yobukumkani bakhe ngonaphakade, kungabikho nto iyigungqisayo.+ 14  Ndiza kuba ngutata wakhe, yena abe ngunyana wam.+ Xa esenza ububi, ndiza kumohlwaya ngentonga yabantu nangemivumbo yoonyana babantu.+ 15  Uthando lwam olungagungqiyo aluzukususwa kuye ngendlela endalususa ngayo kuSawule,+ lowo ndamsusayo phambi kwakho. 16  Indlu yakho nobukumkani bakho ziza kuhlala ziqinile phambi kwakho ngonaphakade, netrone yakho iza kumiselwa ngonaphakade.”’”+ 17  UNatan wamxelela uDavide onke la mazwi nawo wonke umbono.+ 18  Wasuka uKumkani uDavide wangena, wahlala phambi koYehova waza wathi: “Ndingubani na mna, Nkosi enguMongami Yehova? Xa ibiyintoni yona indlu yam, le nto ude undibeke kule ndawo ndikuyo?+ 19  Ngokungathi ayanelanga loo nto, Nkosi enguMongami Yehova, ngoku uthetha ngento eza kwenzeka kwindlu yomkhonzi wakho kwixesha elikude elizayo, yaye lo ngumyalelo* oya kubo bonke abantu, Nkosi enguMongami Yehova. 20  Yintoni ke enye anokuyithetha umkhonzi wakho uDavide, xa undazi kangaka,+ Nkosi enguMongami Yehova? 21  Ngenxa yelizwi lakho nangokuvumelana nentliziyo yakho* uzenzile zonke ezi zinto zinkulu waza wazityhilela umkhonzi wakho.+ 22  Yiloo nto umkhulu nyhani,+ Nkosi enguMongami Yehova. Akakho omnye onjengawe,+ yaye akakho omnye uThixo ngaphandle kwakho.+ Yonke into esiyivileyo ngeendlebe zethu iyayingqina loo nto. 23  Luluphi na olunye uhlanga emhlabeni olunjengabantu bakho amaSirayeli?+ UThixo wazikhululela bona bangabantu bakhe,+ ezenzela igama+ ngokubenzela izinto ezinkulu nezimangalisayo.+ Wagxotha iintlanga noothixo bazo ngenxa yabantu bakho, owazikhululela bona eYiputa. 24  AmaSirayeli uwenze abantu bakho ngonaphakade,+ yaye wena Yehova uye waba nguThixo wabo.+ 25  “Ngoku ke Yehova Thixo, sizalisekise ngonaphakade isithembiso osenzileyo ngomkhonzi wakho nendlu yakhe. Kwanga ungenza kanye njengokuba uthembisile.+ 26  Kwanga igama lakho lingadunyiswa ngonaphakade,+ ukuze abantu bathi, ‘UYehova wemikhosi nguThixo kaSirayeli,’ yaye kwanga indlu yomkhonzi wakho uDavide ingamiselwa ingagungqiswa phambi kwakho.+ 27  Kuba wena Yehova wemikhosi, Thixo kaSirayeli, uye wamtyhilela umkhonzi wakho, usithi, ‘Ndiza kukwakhela indlu.’*+ Yiloo nto umkhonzi wakho enesibindi sokuthandaza ngolu hlobo kuwe. 28  Nkosi enguMongami Yehova, unguThixo wokwenene, amazwi akho ayinyaniso,+ yaye umthembise izinto ezintle umkhonzi wakho. 29  Kwanga ungakuvuyela ukuyisikelela indlu yomkhonzi wakho, yaye kwanga ingahlala iphambi kwakho ngonaphakade.+ Kuba uthembisile, Nkosi enguMongami Yehova, yaye kwanga indlu yomkhonzi wakho ingahlala inentsikelelo yakho ngonaphakade.”+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “nabo bonke oonyana bakaSirayeli.”
Ngokoqobo, “ndizinqumle.”
Okanye “umnombo wookumkani.”
Ngokoqobo, “imbewu.”
Ngokoqobo, “lowo uza kuphuma ezibilinini zakho.”
Okanye “ngumthetho.”
Okanye “nokuthanda kwakho.”
Okanye “umnombo wookumkani.”