Duteronomi 6:1-25

  • Thanda uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke (1-9)

    • “Mamela Sirayeli” (4)

    • Abazali mabafundise abantwana (6, 7)

  • Ungamlibali uYehova (10-15)

  • Ningamlingi uYehova (16-19)

  • Xelela isizukulwana esilandelayo (20-25)

6  “Ngoku ke nantsi imiyalelo, imithetho nezigwebo uYehova uThixo wenu afuna nizifundiswe, ukuze nizithobele xa niwela nisiya kwilizwe eliza kuba lelenu,  ukuze nimoyike uYehova uThixo wenu, nize niyithobele yonke imithetho yakhe nemiyalelo yakhe aniyalele yona, wena, unyana wakho nomzukulwana wakho,+ ubomi benu bonke ukuze niphile ixesha elide.+  Umele umamele Sirayeli, uthobele ukuze uphumelele uze wande kwilizwe eligcwele ubisi nobusi, kanye njengokuba uYehova uThixo wookhokho bakho ekuthembisile.  “Mamela Sirayeli: ­UYehova uThixo wethu nguYehova mnye.+  Umele umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo* wakho wonke+ nangamandla akho onke.*+  La mazwi ndikuyalela wona namhlanje amele abe sentliziyweni yakho,  uze uwabethelele* ebantwaneni* bakho+ yaye uthethe ngawo xa uhleli endlini yakho, xa uhamba endleleni, xa ulala naxa uvuka.+  Wabophelele esandleni sakho ukuze uwakhumbule, uwabophelele nasebunzi.+  Wabhale emigubasini yendlu yakho nakwiingcango zesixeko. 10  “Xa uYehova uThixo wakho ekungenisa kwilizwe awalifungela ookhokho bakho, uAbraham, uIsake noYakobi,+ ekungenisa kwizixeko ezikhulu nezihle ongazakhanga,+ 11  kwizindlu ezigcwele izinto ezintle ongazisebenzelanga, ekunika namaqula ongawembanga, intsimi yeediliya nemithi yeminquma ongayityalanga, utye wanele,+ 12  uze ulumke, ungamlibali uYehova+ owakukhupha kwilizwe laseYiputa kwindlu yobukhoboka. 13  Uze umoyike uYehova uThixo wakho,+ umkhonze+ yaye ufunge ngegama lakhe.+ 14  Nize ningalandeli abanye oothixo, nabaphi na oothixo bezizwana eziningqongileyo,+ 15  kuba uYehova uThixo wenu ophakathi kwenu nguThixo ofuna umntu azinikele ngokupheleleyo kuye.+ Kungenjalo uYehova uThixo wenu uza kuba nomsindo+ anitshabalalise phezu komhlaba.+ 16  “Nize ningamlingi uYehova uThixo wenu,+ ngendlela enamlinga ngayo eMasa.+ 17  Nize nizimisele ukugcina imiyalelo kaYehova uThixo wenu, nezinto anikhumbuza zona nemithetho yakhe aniyalele ukuba niyithobele. 18  Umele wenze okufanelekileyo nokulungileyo emehlweni kaYehova, ukuze uphumelele, nokuze ungene ulithathe ilizwe elihle uYehova awalifungela ookhokho bakho,+ 19  ngokuthi uzigxothe zonke iintshaba zakho, kanye njengoko uYehova wathembisayo.+ 20  “Kwixesha elizayo, xa unyana wakho ekubuza esithi, ‘Zithetha ukuthini ezi zikhumbuzo, le mithetho nezi zigwebo uYehova uThixo wakho akuyalele zona?’ 21  uze uthi kunyana wakho, ‘Sasingamakhoboka kaFaro eYiputa, kodwa uYehova wasikhupha apho ngesandla esinamandla. 22  Sathi sijongile uYehova waqhubeka ethumela imiqondiso nemimangaliso emikhulu netshabalalisayo eYiputa,+ kuFaro nakwindlu yakhe yonke.+ 23  Wasikhupha apho ukuze asizise apha asinike eli lizwe awalifungela ookhokho bethu.+ 24  Emva koko uYehova wasiyalela ukuba siyithobele yonke le mithetho nokuba simoyike uYehova uThixo wethu ukuze izinto zihlale zisihambela kakuhle,+ nokuze sihlale siphila+ njengokuba kunjalo namhlanje. 25  Siya kuba singamalungisa ukuba siyithobela kakuhle yonke le miyalelo ukuze sithobele uYehova uThixo wethu, kanye njengokuba esiyalele.’+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “nangezinto zakho zonke.”
Ngokoqobo, “koonyana.”
Okanye “uwaphindaphinde.”