Kwabase-Efese 3:1-21
3 Mna Pawulos, ndilibanjwa+ kuba ndingokaKristu Yesu yaye ndincede nina bantu beentlanga.
2 Nani niye neva ngomsebenzi+ endiwunikwe nguThixo ngenxa yobubele bakhe* ukuze ndincede nina.
3 UThixo wandixelela imfihlelo engcwele, kanye njengokuba bendikhe ndanibhalela.
4 Ngoko xa nifunda le leta, niza kutsho nibone ukuba ndiyazi kakuhle imfihlelo engcwele+ kaKristu.
5 Ezinye izizukulwana azizange ziyixelelwe le mfihlelo, njengokuba ngoku iye yaxelelwa abapostile bakhe abangcwele nabaprofeti ngomoya kaThixo,+
6 le yokuba abantu beentlanga abamanyene noKristu Yesu bafanele babe ziindlalifa kunye naye, baze ngenxa yeendaba ezilungileyo babe ngamalungu omzimba+ size sibe nethemba elinye.
7 Ndaba ngumshumayeli wale mfihlelo ngenxa yesipho esibububele* bukaThixo awandinika sona esebenzisa amandla akhe.+
8 Mna mntu ungaphantsi nakoyena uphantsi kubo bonke abo bangcwele,+ ndabunikwa obu bubele*+ ukuze ndishumayele kwiintlanga iindaba ezilungileyo ezingobutyebi bukaKristu obungenakulinganiswa nanto
9 ndize ndincede bonke abantu babone indlela ephunyezwa ngayo le mfihlelo ingcwele,+ ebifihlwe ixesha elide nguThixo owadala zonke izinto.
10 Le nto yenzeka ukuze kusetyenziswe ibandla+ ukwazisa oorhulumente namagunya asezulwini ngobulumko bukaThixo obubonakala ngeendlela ezininzi.+
11 Ivumelana nenjongo kanaphakade awayeza kuyiphumeza ngoKristu,+ uYesu iNkosi yethu.
12 Nguye osenze sakwazi ukuthetha sikhululekile saza sakwazi ukusondela kuThixo+ siqinisekile yaye sinokholo kuKristu.*
13 Ngoko ke ndiyanicela ukuba ninganikezeli ngenxa yobunzima endijongene nabo ngenxa yenu, kuba buza kunenza nizukiswe.+
14 Ngenxa yaloo nto ndiguqa ngamadolo kuTata,
15 lowo zikho ngenxa yakhe zonke iintsapho ezisezulwini nasemhlabeni.
16 Ndithandazela ukuba anenze nomelele ngaphakathi+ esebenzisa amandla omoya wakhe ngenxa yozuko lwakhe olungenakulinganiswa nanto,
17 aze uKristu ahlale ezintliziyweni zenu ngenxa yokholo lwenu, nize nibathande nabanye abantu.+ Kwanga ningangagungqi+ nize nibambelele nkqi kwisiseko sokholo,+
18 ukuze nina nabo bonke abangcwele nibuqonde ngokupheleleyo ububanzi, ubude, ukuphakama nobunzulu benyaniso,
19 niyazi nendlela uKristu anithanda ngayo+ ngendlela engenakuqondwa mntu, ukuze nifumane zonke iimpawu zikaThixo.
20 UThixo uyakwazi ukusebenzisa amandla akhe kuthi+ ukuze enze izinto ezingaphaya kwezo sizicelayo nesinokuzicinga.+
21 Makazukiswe ngenxa yezinto azenzileyo ngebandla nangoKristu Yesu kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade. Amen.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ububele obungandifanelanga.”
^ Okanye “esibububele obungandifanelanga.”
^ Okanye “bubele bungandifanelanga.”
^ Ngokoqobo, “kuye.”