Eksodus 36:1-38
36 “UBhetsaleli uza kusebenza no-Oholiyabhi nawo onke amadoda anobuchule,* lawo uYehova awenze alumka aza akwazi ukwenza wonke umsebenzi wenkonzo engcwele, njengokuba uYehova wayeyalele.”+
2 Emva koko uMoses wabiza uBhetsaleli, uOholiyabhi nawo onke amadoda anobuchule, lawo uYehova wayewenze alumka entliziyweni,+ onke awayeqhutywa ziintliziyo ukuba ancedise ekwenzeni umsebenzi.+
3 Bayithatha yonke iminikelo eyayiphambi koMoses,+ leyo yayiziswe ngamaSirayeli ukuze kwenziwe umsebenzi wenkonzo engcwele. Kodwa amaSirayeli aqhubeka esiza neminikelo yokuzithandela ntsasa nganye.
4 Xa wawusele uqaliwe umsebenzi ongcwele, bonke abasebenzi abanobuchule beza belandelelana,
5 bathi kuMoses: “Abantu beza nezinto ezininzi ngaphezulu lee kunezo zifunekayo ukuze kwenziwe umsebenzi uYehova ayalele ukuba wenziwe.”
6 UMoses wabayalela ukuba benze esi saziso enkampini: “Madoda nani bafazi, yekani ukuzisa iminikelo engcwele ngoku.” Bayeka ke abantu ukuzisa izinto.
7 Zaziphelele izinto ezazifuneka ukuze wenziwe ugqitywe umsebenzi, phofu zazininzi ngaphezu kwezifunekayo.
8 Bonke abasebenzi abanobuchule+ bayenza intente engcwele+ ngamalaphu alishumi elinen yodidi ephothiweyo, ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo* nangoboya obubomvu krwe. Wawenza* anemihombiso yeekherubhi.+
9 Onke la malaphu ayeziikubhite* eziyi-28 ubude, eziikubhite eziyi-4 ububanzi, onke elingana.
10 Emva koko wadibanisa amalaphu amahlanu kunye, namanye amahlanu kunye.
11 Wenza iindawo zokuhaka ngomsonto oluhlaza* kumphetho welaphu eliza kudityaniswa nelinye. Wenza kwaloo nto nakumphetho welokugqibela kula esibini, kwindawo awayeza kudityaniswa ngayo.
12 Wenza iindawo zokuhaka eziyi-50 kwilaphu elinye lentente, wenza zayi-50 nakumphetho welinye ilaphu lentente, kwindawo aza kudityaniswa ngawo la malaphu, ukuze ezi ndawo zokuhaka zingqamane.
13 Ekugqibeleni wenza iihaki zegolide eziyi-50, wawadibanisa ngazo la malaphu entente, yatsho yaba yinto enye intente engcwele.
14 Wenza namalaphu oboya bebhokhwe awayeza kuba phezu kwentente engcwele. Wenza amalaphu ayi-11.+
15 Onke la malaphu ayeziikubhite eziyi-30 ubude, eziikubhite eziyi-4 ububanzi, onke elingana.
16 Emva koko wadibanisa amalaphu entente amahlanu, waphinda wadibanisa amathandathu.
17 Walandelisa ngokwenza iindawo zokuhaka eziyi-50 kumphetho welaphu elisekugqibeleni, apho ayedibana khona, wenza neendawo zokuhaka eziyi-50 kumphetho welinye ilaphu elaliza kudityaniswa nalo.
18 Emva koko wenza iihaki zekopolo eziyi-50 ukuze kudityaniswe intente ibe yinto enye.
19 Wayogquma intente ngeemfele zeenkunzi zeegusha ezidaywe zabomvu nangezikhumba zeentini.+
20 Emva koko wenzela intente engcwele iifreyimi* ezimiswe nkqo+ ngamaplanga omnga.+
21 Ezo freyimi zazinobude obuziikubhite ezilishumi, ziyikubhite enehafu ububanzi.
22 Ifreyimi nganye yayinamaplanga amabini adityanisiweyo. Wazenza ngolo hlobo zonke iifreyimi zentente engcwele.
23 Wazenza ke iifreyimi eziyi-20 zecala elisemzantsi lentente engcwele.
24 Wenza iziseko eziyi-40 zesilivere ezaziza kufakwa phantsi kweefreyimi eziyi-20, iziseko ezibini phantsi kwefreyimi yokuqala, ukuze kungene amaplanga ayo amabini, wenza loo nto nakwezilandelayo iifreyimi.+
25 Wenza iifreyimi eziyi-20 nakwelinye icala lentente engcwele, icala elisemntla.
26 Wenza neziseko zesilivere eziyi-40, ezibini phantsi kwefreyimi yokuqala, wenza loo nto nakwezinye iifreyimi.
27 Icala lentente engcwele elingasemva, kwicala elingasentshona, walenzela iifreyimi ezintandathu.+
28 Wenza iifreyimi ezimbini eziza kuxhasa iikona ezingasemva zentente engcwele.
29 Iifreyimi wazenza ngamaplanga amabini ukusuka ezantsi ukuya phezulu, apho zidibana khona kwikhonkco lokuqala. Wazenza ngolo hlobo zombini ezi freyimi zokuxhasa iikona ezimbini.
30 Ngoko kwabakho iifreyimi ezisibhozo neziseko zazo zesilivere eziyi-16, kukho iziseko ezibini phantsi kwefreyimi nganye.
31 Wenza imiqadi ngomthi womnga, yamihlanu kwiifreyimi zecala elinye lentente engcwele,+
32 yamihlanu kwiifreyimi ezikwelinye icala lentente engcwele, yamihlanu nakwiifreyimi zentente engcwele ezingasentshona, ngasemva.
33 Emva koko wenza umqadi onqumla esiphakathini seefreyimi, oqala kwelinye icala uyokufika ekugqibeleni.
34 Wazityabeka ngegolide iifreyimi, wawenza ngegolide namakhonkco efakwa kuwo imiqadi, yona imiqadi wayityabeka ngegolide.+
35 Wenza ikhethini+ ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo,* ngoboya obubomvu krwe nangelinen ephothiweyo yodidi. Wayenza yanemihombiso yeekherubhi.+
36 Wayenzela iintsika zomnga ezine ezityatyekwe ngegolide, iihaki zegolide, wenzela neentsika iziseko zesilivere ezine.
37 Wenza umkhusane* wokuvala umnyango wentente, wawenza ngomsonto oluhlaza,* ngoboya obumsobo,* ngoboya obubomvu krwe, nangelinen ephothiweyo yodidi, elukiweyo,+
38 kunye neentsika zawo ezintlanu neehaki zazo. Wayityabeka ngegolide imiphezulu yazo nezidibanisi* zazo, kodwa zona iziseko zazo ezintlanu yayizezekopolo.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “alumkileyo entliziyweni.”
^ Okanye “oblu.”
^ Kubonakala ukuba kuthethwa ngoBhetsaleli.
^ Okanye “obupepuli.”
^ Ikubhite yayilingana ne-44,5 cm. Funda Isihlomelo B14.
^ Okanye “oblu.”
^ Okanye “amanqwanqwa.”
^ Okanye “oblu.”
^ Okanye “obupepuli.”
^ Okanye “ikhethini.”
^ Okanye “oblu.”
^ Okanye “obupepuli.”
^ Okanye “namakhonkco.”