Eksodus 38:1-31

  • Isibingelelo somnikelo otshiswayo (1-7)

  • Isitya sekopolo (8)

  • Iyadi (9-20)

  • Kubalwa izinto zentente engcwele (21-31)

38  Wenza isibingelelo ngomthi womnga. Ubude baso babuziikubhite ezintlanu,* ububanzi baso buziikubhite ezintlanu, ukuphakama kwaso kuziikubhite ezintathu yaye sisisikwere.+  Wasenza saneempondo kwiikona zaso zone. Ezo mpondo zaziyinto enye nesibingelelo, waza wasityabeka ngekopolo eso sibingelelo.+  Emva koko wenza zonke izinto zeso sibingelelo, iinkonkxa, imihlakulo, izitya, iifolokhwe nesiphatho sezibane. Zonke izinto zaso wazenza ngekopolo.  Eso sibingelelo wasenzela umnatha wekopolo, ezantsi kongqameko ngasezimbanjeni zaso.  Wasenzela amakhonkco amane, ngakumnatha wekopolo, ukuze iipali zokusithwala zingene kuwo.  Wenza iipali ngomthi womnga, wazityabeka ngekopolo.  Ezo pali wazifaka emakhonkcweni asemacaleni esibingelelo ukuze sithwalwe ngazo. Wasenza safana nebhokisi yamaplanga eholoholo.  Wenza isitya nesiphatho saso ngekopolo.+ Wasenza ngezipili* zamabhinqa awayesebenza emnyangweni wentente yokuhlangana.  Emva koko wenza iyadi.+ Kwicala lentente elingasemzantsi, loo yadi wayenza ngeekhethini zelinen ephothiweyo yodidi, ezinobude obuziikubhite eziyi-100 xa zidityanisiwe.+ 10  Wayenza yaneentsika eziyi-20 neziseko zazo eziyi-20 zekopolo. Iihaki zeentsika nezidibanisi* zazo wazenza ngesilivere. 11  Nakwicala elingasemntla, iyadi wayenza ngeekhethini ezinobude obuziikubhite eziyi-100 xa zidityanisiwe. Iintsika eziyi-20 neziseko zazo eziyi-20 wazenza ngesilivere. Iihaki nezidibanisi* zazo wazenza ngesilivere. 12  Kodwa kwicala elingasentshona, ezo khethini zaziziikubhite eziyi-50 xa zidityanisiwe. Wenza iintsika ezilishumi neziseko zazo ezilishumi. Iihaki zeentsika nezidibanisi* zazo wazenza ngesilivere. 13  Ububanzi beyadi kwicala elingasempuma babuziikubhite eziyi-50. 14  Iikhethini ezikwelo cala zaziziikubhite eziyi-15, zineentsika zazo ezintathu neziseko zazo ezithathu. 15  Nelinye icala legeyithi yeyadi, walenza ngeekhethini ezaziziikubhite eziyi-15, zineentsika zazo ezintathu neziseko zazo ezithathu. 16  Zonke iikhethini ezijikeleze iyadi zazenziwe ngelinen ephothiweyo yodidi. 17  Iziseko zeentsika zazenziwe ngekopolo. Iihaki zeentsika nezidibanisi* zazo zazenziwe ngesilivere. Umphezulu wazo wawugutyungelwe ngesilivere, ibe zonke ezo ntsika zeyadi zazinezidibanisi zesilivere.+ 18  Umkhusane* wendawo ekungenwa kuyo eyadini wenziwa ngomsonto oluhlaza,* uboya obumsobo,* uboya obubomvu krwe nelinen ephothiweyo yodidi. Yayiziikubhite eziyi-20 ubude, inokuphakama okuziikhubhite eziyi-5, ilingana neekhethini zeyadi.+ 19  Iintsika zawo zone neziseko zazo zone zazenziwe ngekopolo. Iihaki nezidibanisi* zawo zazenziwe ngesilivere ibe umphezulu wazo wawutyatyekwe ngesilivere. 20  Zonke izikhonkwane zentente engcwele nezeyadi zazenziwe ngekopolo.+ 21  Nalu uludwe olugciniweyo lwezinto zentente engcwele, intente engcwele yoBungqina,+ uMoses awayalela abaLevi ukuba bazibhalise,+ bekhokelwa nguItamare+ unyana ka-Aron umbingeleli. 22  UBhetsaleli+ unyana kaUri unyana kaHure wesizwe sakwaYuda, wayenza yonke into uMoses awayiyalelwa nguYehova. 23  Wayencediswa ngu-Oholiyabhi+ unyana ka-Ahisamaki wesizwe sakwaDan, umkhandi olichule, umluki wemisonto eluhlaza,* owoboya obumsobo,* owoboya obubomvu krwe nowelinen yodidi. 24  Xa iyonke igolide eyasetyenziswa emsebenzini wonke wendawo engcwele, yayilingana nexabiso legolide yomnikelo otshangatshangiswayo.+ Yayiziitalente* eziyi-29 neeshekele* eziyi-730 ngokomlinganiselo wendawo engcwele.* 25  Yona isilivere yabo babhaliswayo kwibandla, yaba ziitalente eziyi-100 neeshekele eziyi-1 775 ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.* 26  Ihafu yeshekele eyakhutshwa ngumntu ngamnye yayiyihafu eyakhutshwa ngokomlinganiselo weshekele yendawo engcwele.* Yakhutshwa ngabo bonke ababhaliswayo ukususela koneminyaka eyi-20 ukonyuka.+ Yaba ngamadoda ayi-603 550 xa ephelele.+ 27  Kwenziwa iziseko zendawo engcwele ngeetalente eziyi-100, iziseko zesilivere eziyi-100 zazilingana neetalente eziyi-100, isiseko esinye senziwa ngetalente enye.+ 28  Yaye ngeeshekele eziyi-1 775, wenza iihaki zeentsika, watyabeka umphezulu wazo, waza wazidibanisa. 29  Ikopolo eyanikelwayo* yayiziitalente eziyi-70 neeshekele eziyi-2 400. 30  Wenza ngayo iziseko zomnyango wentente yokuhlangana, isibingelelo sekopolo nomnatha waso wekopolo, izinto zonke zesibingelelo, 31  iziseko zeyadi, iziseko zendawo ekungenwa kuyo eyadini, zonke izikhonkwane zentente engcwele nazo zonke izikhonkwane zeyadi.+

Umbhalo osemazantsi

Ikubhite yayilingana ne-44,5 cm. Funda Isihlomelo B14.
Oko kukuthi, izipili zesinyithi ezazimenyezela ngeyona ndlela.
Okanye “namakhonkco.”
Okanye “namakhonkco.”
Okanye “namakhonkco.”
Okanye “namakhonkco.”
Okanye “Ikhethini.”
Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “namakhonkco.”
Okanye “eblu.”
Okanye “obupepuli.”
Ishekele yayilingana ne-11,4 g. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “ngokweshekele engcwele.”
Italente yayilingana ne-34,2 kg. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “ngokweshekele engcwele.”
Okanye “ngokweshekele engcwele.”
Okanye “yomnikelo otshangatshangiswayo.”