Eksodus 8:1-32

  • Isibetho 2: amasele (1-15)

  • Isibetho 3: iimbuzane (16-19)

  • Isibetho 4: izibawu (20-32)

    • Izibawu azibikho eGoshen (22, 23)

8  Wathi uYehova kuMoses: “Yiya kuFaro uze uthi kuye, ‘Uthi uYehova: “Bakhulule bahambe abantu bam ukuze baye kundikhonza.+  Ukuba uqhubeka ungafuni ukubakhulula, ndiza kuwubetha ngamasele+ wonke ummandla wakho.  UMlambo UmNayile uza kunyakazela amasele, yaye aza kuza endlini yakho, kwigumbi lakho lokulala, ebhedini yakho, kwizindlu zezicaka zakho nakubantu bakho. Aza kungena nakwiionti zakho nakwizitya zakho zokuxovela.+  Amasele aza kuza kuwe, ebantwini bakho nakuzo zonke izicaka zakho.”’”  Kamva uYehova wathi kuMoses: “Yithi kuAron, ‘Yolula isandla sakho esinentonga phezu kwemilambo, imijelo yomNayile nemigxobhozo, uze wenze kuphume amasele, angene elizweni laseYiputa.’”  Ngoko uAron wasolula isandla sakhe phezu kwamanzi aseYiputa, aphuma amasele aza agcwala elizweni laseYiputa.  Kodwa ke nababingeleli abenza imilingo benza into efanayo ngemilingo yabo, baza nabo benza ukuba kuphume amasele+ angene elizweni laseYiputa.  Emva koko uFaro wabiza uMoses noAron waza wathi: “Cengani uYehova ukuba awasuse la masele kum nakubantu bam,+ kuba ndifuna ukubakhulula bahambe abantu bayokubingelela kuYehova.”  Wathi uMoses kuFaro: “Ndiza kulindela kuwe mna undixelele ukuba mandicele nini ukuba asuswe amasele kuwe, kwizicaka zakho, kubantu bakho nakwizindlu zakho. Aza kushiyeka kuMlambo UmNayile kuphela.” 10  Waphendula wathi: “Ngomso.” UMoses wathi: “Yonke into oyithethileyo iza kwenzeka, ukuze wazi ukuba akukho nabani na ofana noYehova uThixo wethu.+ 11  Aza kusuka amasele kuwe, kwizindlu zakho, kwizicaka zakho nakubantu bakho. Aza kushiyeka kumNayile kuphela.”+ 12  Ngoko uMoses noAron bemka kuFaro, waza uMoses wacenga uYehova ukuba asuse amasele awayewazise kuFaro.+ 13  Wayenza uYehova le nto yayicelwa nguMoses, aza afa amasele ezindlini, kwiiyadi nasemasimini. 14  Bawaqokelela aziimfumba ezininzi kakhulu, kwaza kwanuka kakubi elizweni. 15  Wathi akubona uFaro ukuba kuthe xibilili, wayenza lukhuni intliziyo yakhe,+ akavuma ukubamamela, kanye njengokuba uYehova wayetshilo. 16  Wathi uYehova kuMoses: “Yithi kuAron, ‘Yolula intonga yakho uze ubethe uthuli, yaye luza kuba ziimbuzane kulo lonke ilizwe laseYiputa.’” 17  Bayenza loo nto. UAron wasolula isandla sakhe esinentonga waza walubetha uthuli, yaye iimbuzane zaya ebantwini nakwizilwanyana. Lonke uthuli lwaba ziimbuzane kulo lonke ilizwe laseYiputa.+ 18  Ababingeleli abenza imilingo bazama ukulinganisa, befuna ukwenza kuvele iimbuzane ngemilingo yabo,+ kodwa abakwazi tu. Zona iimbuzane zonda ngabantu nezilwanyana. 19  Ngoko ababingeleli abenza imilingo bathi kuFaro: “Ngumnwe kaThixo lo!”+ Kodwa yaqhubeka ilukhuni intliziyo kaFaro, yaye zange abamamele, kanye njengokuba uYehova wayetshilo. 20  Wathi uYehova kuMoses: “Vuka ekuseni uze ume phambi koFaro. Jonga! Uza kube esiza emanzini! Uze uthi kuye, ‘Uthi uYehova: “Bakhulule abantu bam bayokundikhonza. 21  Ukuba awubakhululi bahambe, ndiza kuthumela izibawu kuwe, kwizicaka zakho, kubantu bakho nakwizindlu zakho, yaye izindlu zaseYiputa ziza kunyakazela izibawu, ibe ziza kugcwala nakumhlaba lo bemi* kuwo. 22  Ngaloo mini ndiza kulikhetha ilizwe laseGoshen abahlala kulo abantu bam. Akuzukubakho zibawu apho,+ yaye le nto iza kukwenza uqonde ukuba ndikhona mna Yehova apha elizweni.+ 23  Ndiza kuwenza ucace umahluko phakathi kwabantu bam nabantu bakho. Uza kwenzeka ngomso lo mmangaliso.”’” 24  Wayenza loo nto uYehova, yaye ibubu elikhulu lezibawu lahlasela indlu kaFaro, izindlu zezicaka zakhe nalo lonke ilizwe laseYiputa.+ Lonakala ilizwe zizibawu.+ 25  Ekugqibeleni uFaro wabiza uMoses noAron waza wathi: “Hambani, bingelelani kuThixo wenu kweli lizwe.” 26  Kodwa uMoses wathi: “Ayizukulunga leyo, kuba loo nto siza kuyibingelela kuYehova uThixo wethu yinto ayenyanyayo amaYiputa.+ Ukuba ke singenza umbingelelo awucaphukelayo amaYiputa, siwenze phambi kwawo, aza kuthini ukungasibethi ngamatye? 27  Siza kuhamba uhambo lweentsuku ezintathu siye entlango, apho siza kubingelela khona kuYehova uThixo wethu, kanye njengokuba etshilo kuthi.”+ 28  Wathi ke uFaro: “Ndiza kunikhulula nihambe, niyokubingelela kuYehova uThixo wenu entlango. Kodwa ke ze ningayi kude kakhulu. Ndicengeleni ke.”+ 29  Wathi uMoses: “Ngoku ndiyemka kuwe, ndiza kumcenga uYehova, yaye ziza kumka ngomso izibawu kuFaro, kwizicaka zakhe nakubantu bakhe. Kodwa uFaro makangadlali ngathi, ngokumane engafuni ukukhulula abantu bahambe bayokubingelela kuYehova.”+ 30  Wemka ke uMoses kuFaro waza wacenga uYehova.+ 31  UYehova wayenza le nto yayicelwa nguMoses, zemka izibawu kuFaro, kwizicaka zakhe nakubantu bakhe. Zange kushiyeke nesinye. 32  UFaro waphinda wayenza lukhuni intliziyo yakhe, akabakhulula abantu.

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, amaYiputa.