KwabaseGalati 3:1-29

  • Imisebenzi yoMthetho ithelekiswa nokholo (1-14)

    • Ilungisa liza kuphila ngenxa yokuba nokholo (11)

  • UAbraham zange athenjiswe ngenxa yoMthetho (15-18)

    • Inzala ka-Abraham, uKristu (16)

  • Wawusuka phi uMthetho, nesizathu sawo (19-25)

  • Bangoonyana bakaThixo ngenxa yokholo (26-29)

    • Inzala ka-Abraham, abantu bakaKristu (29)

3  MaGalati angayisebenzisiyo ingqondo! Ngubani lo unilahlekisileyo,+ nangona nacaciselwa kakuhle ngokubethelelwa kukaYesu Kristu esibondeni?+  Inye nje into endifuna ukunibuza yona: Ngaba umoya oyingcwele nawufumana ngenxa yokuthobela umthetho okanye ngenxa yokuba nokholo kwizinto enazivayo?+  Aniyisebenzisi ngolo hlobo na ingqondo? Ekuqaleni benikhokelwa ngumoya kaThixo, kutheni ngoku senilandela iminqweno yemizimba yenu enesono?+  Ngaba nadlala ngexesha lenu ngokunyamezela iintlungu ezingaka? Andikholelwa ukuba nadlala ngalo.  Ngoko ke, ngaba lowo uninika umoya oyingcwele nowenza imimangaliso+ phakathi kwenu, uzenza ezo zinto ngenxa yokuthobela kwenu umthetho okanye ngenxa yokuba ninokholo kwizinto enizivileyo?  Kunjengokuba kanye uAbraham “wakholwa kuYehova* yaye uThixo wamjonga njengelungisa.”+  Nazi kakuhle ukuba ngabo banokholo abangoonyana baka-Abraham.+  Kuba iSibhalo sabona kwangaphambili ukuba uThixo wayeza kuthi abantu beentlanga bangamalungisa ngenxa yokuba benokholo, sazithetha kwangaphambili ezi ndaba zilungileyo kuAbraham, sathi: “Zonke iintlanga ziza kusikelelwa ngenxa yakho.”+  Ngenxa yaloo nto abo banokholo basikelelwa kunye noAbraham owayenokholo.+ 10  Bonke abo baxhomekeke ekuthobeleni umthetho baqalekisiwe, kuba kubhaliwe kwathiwa: “Uqalekisiwe wonke umntu ongazenzi zonke izinto ezibhaliweyo kumsongo woMthetho.”+ 11  Ngaphezu koko, kuyabonakala ukuba uThixo akathi umntu lilungisa ngenxa yokuthobela kwakhe umthetho,+ kuba “umntu olilungisa uza kuphila ngenxa yokuba nokholo.”+ 12  UMthetho awuxhomekekanga kukholo, kodwa “umntu ozenzayo ezi zinto uza kuphila ngenxa yazo.”+ 13  UKristu wasithenga,+ esikhulula+ kwisiqalekiso soMthetho, kwaqalekiswa yena endaweni yethu, kuba kubhaliwe kwathiwa: “Uqalekisiwe wonke umntu oxhonywe esibondeni.”+ 14  Injongo yayikukuba zonke iintlanga zifumane intsikelelo ka-Abraham ngenxa kaKristu Yesu,+ ukuze ngokuba nokholo kwethu sifumane umoya oyingcwele owathenjiswayo.+ 15  Bazalwana mandinenzele umzekelo oqhelekileyo ebantwini: Xa kwenziwe isivumelwano ngokusemthethweni, nokuba senziwa ngumntu, akukho mntu unokusiphelisa okanye ongeze kuso. 16  Ezi zithembiso zachazelwa uAbraham nenzala* yakhe.+ Akuthiwa: “Nakubantwana bakho,” ngokungathi kuthethwa ngabantu abaninzi. Kodwa kuthiwa: “Nakwinzala* yakho,” kuthethwa ngomntu omnye, uKristu.+ 17  Ngaphezu koko ndithi: UMthetho owabakho emva kweminyaka eyi-430,+ awusicimi isivumelwano esenziwa nguThixo ngaphambili, ibe awusiphelisi isithembiso. 18  Kuba, ukuba ilifa elivela kuThixo lifunyanwa ngenxa yomthetho, loo nto ibiza kuthetha ukuba alifunyanwa ngenxa yesithembiso, kodwa uThixo ngobubele uye wamnika uAbraham ngesithembiso.+ 19  Kwakutheni ke ukuze kufuneke uMthetho? Wongezwa ukuze zibonakale izinto eziphosakeleyo ezenziwa ngabantu,+ ide ifike inzala*+ ekwenziwa kuyo isithembiso; ibe uThixo wawunika iingelosi+ zaza zona zawuchaza zisebenzisa umlamli.+ 20  Kodwa akufuneki mlamli xa kukho umntu nje omnye, ibe uThixo wayemnye xa wenza isithembiso. 21  Ngaba loo nto ithetha ukuba uMthetho uyaphikisana nezithembiso zikaThixo? Tu ke ngoku! Kaloku ukuba bekukho umthetho owenza abantu bafumane ubomi, abantu bebeza kuba ngamalungisa ngenxa yaloo mthetho. 22  Kodwa iZibhalo zithi bonke abantu babanjwe sisono, ukuze isithembiso esifumaneka ngenxa yokuba nokholo kuYesu Kristu sinikwe abo banokholo. 23  Kodwa ke, ngaphambi kokuba sikholelwe kuKristu, sasigadwe ngumthetho, sibanjwe sisono, silinde into eyayiza kutyhilwa nguThixo.+ 24  Ngenxa yaloo nto uMthetho uye wasigada de kwafika uKristu,+ ukuze kuthiwe singamalungisa ngenxa yokholo.+ 25  Kodwa ngoku ekubeni sikholelwa kuKristu,+ akusekho mfuneko yokuba sigadwe nguMthetho.+ 26  Nonke ningoonyana bakaThixo+ ngenxa yokuba ninokholo kuKristu Yesu.+ 27  Kuba nonke nina niye nabhaptizwa naza namanyana noKristu niye nafana naye.+ 28  Akukho mahluko phakathi komYuda nomGrike,+ phakathi kwekhoboka nomntu okhululekileyo,+ naphakathi kwendoda nebhinqa,+ kuba nonke ningabalandeli bakaKristu Yesu abamanyeneyo.+ 29  Ngaphezu koko, ukuba ningabakaKristu, niyinzala* ka-Abraham,+ eza kufumana ilifa+ ngenxa yesithembiso sikaThixo.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo “nakwimbewu.”
Ngokoqobo “nembewu.”
Ngokoqobo, “imbewu.”
Ngokoqobo, “niyimbewu.”