Genesis 2:1-25

  • UThixo uyaphumla ngosuku lwesixhenxe (1-3)

  • UYehova uThixo, umdali wezulu nomhlaba (4)

  • Indoda nomfazi emyezweni wase-Eden (5-25)

    • Kwenziwa umntu ngothuli (7)

    • Umthi wokwazi emakungatyiwa kuwo (15-17)

    • Kudalwa umfazi (18-25)

2  Agqitywa ke amazulu nomhlaba nayo yonke into ekuwo.*+  Yaye ngosuku lwesixhenxe uThixo wayesele ewugqibile umsebenzi awayewenza, waza waphumla ngosuku lwesixhenxe kuwo wonke umsebenzi wakhe.+  UThixo walusikelela usuku lwesixhenxe waza walwenza ngcwele, kuba waphumla ngalo kuwo wonke umsebenzi wakhe, kuyo yonke into awayezimisele ukuyenza.  Le yimbali yamazulu nomhlaba ngexesha ezadalwa ngalo, ngosuku uYehova* uThixo awenza ngalo umhlaba nezulu.+  Ayengekabikho amatyholo asendle emhlabeni yaye bungekahlumi utyani basendle, kuba uYehova uThixo wayengekanisi mvula emhlabeni yaye kwakungekho mntu wakuwulima umhlaba.  Kodwa kwakumane kusenyuka inkungu emhlabeni, ize imanzise phezu komhlaba.  Emva koko uYehova uThixo wabumba umntu ngothuli lomhlaba,+ wavuthela impefumlo yobomi+ ezimpumlweni zakhe, waza waba ngumntu* ophilayo.+  UYehova uThixo watyala umyezo e-Eden,+ ngasempuma, wambeka khona umntu awayemenzile.+  Ngoko uYehova uThixo wantshulisa emhlabeni yonke imithi eyayibukeka yaye ilungele ukutyiwa, wantshulisa nomthi wobomi+ kwanomthi wokwazi okulungileyo nokubi+ phakathi emyezweni. 10  Kwakukho umlambo owawunkcenkceshela umyezo, uphuma e-Eden, uze wahlukane ube yimilambo emine.* 11  Igama lowokuqala yiPishon; ngulo ujikeleze lonke ilizwe laseHavila, apho kukho igolide. 12  Igolide yelo lizwe intle. Kukwakho nentlaka yeBhideliyu nelitye leanikis apho. 13  Igama lomlambo wesibini yiGihon; ngulo ujikeleze lonke ilizwe lakwaKushe. 14  Igama lomlambo wesithathu yiHidekeli;*+ ngulo uya ngasempuma yeAsiriya.+ Yaye umlambo wesine ngumEfrate.+ 15  UYehova uThixo wamthatha umntu wambeka emyezweni wase-Eden ukuze awulime, aze awunyamekele.+ 16  UYehova uThixo wamnika lo myalelo umntu: “Kuyo yonke imithi yomyezo ungatya wanele.+ 17  Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungatyi kuwo, kuba mhla uthe watya kuwo, ngokuqinisekileyo uza kufa.”+ 18  Emva koko uYehova uThixo wathi: “Ayilunganga into yokuba umntu ahlale eyedwa. Ndiza kumenzela umncedi oza kumfanela.”*+ 19  UYehova uThixo wayezibumbe ngomhlaba zonke izilwanyana zasendle nazo zonke izidalwa ezibhabhayo zasemazulwini, waza wazizisa emntwini ukuze abone ukuba angazibiza ngawaphi na amagama; yaye igama awayebiza ngalo isidalwa ngasinye esiphilayo,* yayisiba ligama laso elo.+ 20  Ngoko umntu wazithiya amagama zonke izilwanyana zasekhaya, izidalwa ezibhabhayo zasemazulwini nazo zonke izilwanyana zasendle, kodwa yena umntu wayengenamncedi umfanelayo. 21  Ngoko ke uYehova uThixo wamlalisa yoyi umntu, yaye njengoko wayelele, wathatha ubambo lwakhe, waza wavala ngenyama endaweni yalo. 22  Walwakha ke uYehova uThixo ubambo awayeluthathe endodeni lwaba ngumfazi, waza wamzisa endodeni.+ 23  Ngoko indoda yathi: “Ekugqibeleni, eli lithambo lasemathanjeni amNenyama yasenyameni yam. Lo uza kubizwa ngokuba nguMfazi,Kuba uthathwe endodeni.”+ 24  Yiloo nto indoda iza kumshiya utata nomama wayo, ithi nca emfazini wayo,* baze babe nyama-nye.+ 25  Bobabini babehamba ze,+ indoda leyo nomfazi wayo, kodwa babengenazintloni.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “nawo wonke umkhosi wazo.”
Apha livela okokuqala igama likaThixo elikhethekileyo, יהוה (YHWH). Funda Isihlomelo A4.
Okanye “ngumphefumlo.” NgesiHebhere, neʹphesh, ngokoqobo othetha ukuthi “isidalwa esiphefumlayo.”Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “ube ziintloko ezine.”
Okanye “yiTigris.”
Okanye “oza kuba ngumphelelisi wakhe.”
Okanye “umphefumlo ngamnye ophilayo.”
Okanye “ihlale nomfazi wayo.”