Genesis 26:1-35
26 Kwabakho indlala elizweni, ngaphandle kwale yokuqala yayikho ngemihla ka-Abraham,+ waza uIsake waya kuAbhimeleki ukumkani wamaFilisti, eGerare.
2 Emva koko uYehova wabonakala kuIsake waza wathi: “Sukuya eYiputa. Hlala elizweni endikubonisa lona.
3 Hlala njengomntu wasemzini kweli lizwe,+ ibe ndiza kuqhubeka ndinawe, ndikusikelele kuba ndiza kuwanika wena nenzala* yakho onke la mazwe.+ Ndiza kuyenza into endayifungayo kuAbraham+ utata wakho ndisithi:
4 ‘Ndiza kuyandisa inzala* yakho ibe njengeenkwenkwezi zamazulu,+ yaye ndiza kuwanika inzala* yakho onke la mazwe,+ ibe zonke iintlanga zomhlaba ziza kuzifumanela intsikelelo ngenzala* yakho,’+
5 kuba uAbraham walimamela ilizwi lam waza waqhubeka ezenza izinto endizifunayo, wayigcina imiyalelo yam, imimiselo yam, nemithetho yam.”+
6 UIsake waqhubeka ehlala eGerare.+
7 Xa amadoda aloo ndawo ayemane embuza ngomfazi wakhe, wayesithi: “Ngudadewethu.”+ Wayesoyika ukuthi “Ngumfazi wam” kuba wathi, “Amadoda ale ndawo asenokundibulala ngenxa kaRebheka,” kuba wayemhle, esithi ndijonge.+
8 Ekuhambeni kwexesha, uAbhimeleki ukumkani wamaFilisti, wayejonge efestileni, wabona uIsake ebonisa uRebheka umfazi wakhe indlela amthanda ngayo.*+
9 Ngoko nangoko uAbhimeleki wambiza uIsake, wathi: “Ngumfazi wakho lo! Bekutheni ukuze uthi, ‘Ngudadewethu’?” Wathi uIsake kuye: “Nditsho kuba bendisoyika ukufa ngenxa yakhe.”+
10 Kodwa uAbhimeleki wathi: “Yintoni le usenze yona?+ Omnye waba bantu ebenokusuka nje alale nomfazi wakho, ube ke usizisele ityala!”+
11 UAbhimeleki wayalela bonke abantu, esithi: “Nabani na ophatha le ndoda nomfazi wayo, uza kubulawa nakanjani!”
12 UIsake waqalisa ukutyala imbewu kwelo lizwe, yaye ngaloo nyaka wavuna ngokuphindaphindwe kayi-100, kuba uYehova wayemsikelela.+
13 Le ndoda yaba sisityebi ibe yaqhubeka iphumelela de yaba sisityebi kakhulu.
14 Yaba nemihlambi yeegusha, imihlambi yeenkomo nezicaka ezininzi,+ aza amaFilisti aqalisa ukuyimonela.
15 Ngoko amaFilisti athatha umhlaba aza avala onke amaqula awayembiwe zizicaka zikatata wakhe uAbraham esaphila.+
16 UAbhimeleki wathi kuIsake: “Mka endaweni yethu, kuba usuke waba namandla kakhulu kunathi.”
17 Ngoko uIsake wemka, wayokumisa inkampu kwintlambo yaseGerare,+ wahlala khona.
18 UIsake waphinda wawemba amaqula awayembiwe ngemihla ka-Abraham utata wakhe, kodwa aditywa ngamaFilisti emva kokufa kuka-Abraham,+ ibe waphinda wawabiza ngamagama awayethiywe ngutata wakhe.+
19 Kuthe xa izicaka zikaIsake zisemba kuloo ntlambo, zafumana iqula lamanzi acocekileyo.
20 Abalusi baseGerare baxabana nabalusi bakaIsake, besithi: “La manzi ngawethu!” Ngoko wathi igama lelo qula yiEsek,* kuba baxabana naye.
21 Bemba elinye iqula, baza baphinda baxabana nangalo. Ngoko ke wathi igama lalo yiSitena.*
22 Kamva wayishiya loo ndawo waza wemba elinye iqula, kodwa abaxabananga ngalo. Ngoko wathi igama lalo yiRehobhoti,* wathi: “Kungenxa yokuba ngoku uYehova usinike indawo enkulu waza wasenza saqhama elizweni.”+
23 Emva koko wenyuka waya eBher-shebha.+
24 UYehova wabonakala kuIsake ngobo busuku, wathi: “NdinguThixo ka-Abraham+ utata wakho. Ungoyiki,+ kuba ndinawe, ndiza kukusikelela ndize ndiyenze iphindaphindeke inzala* yakho ngenxa ka-Abraham umkhonzi wam.”+
25 UIsake wakha isibingelelo apho waza wabiza egameni likaYehova.+ Wayimisa kuloo ndawo intente yakhe,+ ibe izicaka zakhe zemba iqula apho.
26 Kamva uAbhimeleki weza kuIsake esuka eGerare noAhuzati umcebisi wakhe noFikoli intloko yomkhosi wakhe.+
27 UIsake wathi kubo: “Nizokuthini kum, ekubeni nandicaphukelayo naza nandigxotha endaweni yenu?”
28 Bona bathi: “Sibone ngokucacileyo ukuba uYehova ebekunye nawe.+ Ngoko sithe, ‘Siyacela, makubekho isifungo sokuzibophelela phakathi kwethu nawe, yaye masenze isivumelwano nawe+
29 sokuba awuzukwenza nto imbi kuthi, njengokuba nathi singakwenzakalisanga, ekubeni siye sakuphatha kakuhle ngokuthi sikukhulule ngoxolo. Ngoku usikelelwe nguYehova.’ ”
30 Emva koko wabenzela isidlo esikhulu baza batya, basela.
31 Bavuka ekuseni ngosuku olulandelayo baza bafungelana.+ Emva koko uIsake wabakhulula, bemka ngoxolo.
32 Ngaloo mini zafika izicaka zikaIsake zaza zamxelela ngequla ezazilembile,+ zathi kuye: “Siwafumene amanzi!”
33 Ngoko wathi igama lalo yiShibha. Yiloo nto igama leso sixeko liyiBher-shebha,+ kude kube namhlanje.
34 Uthe xa uEsawu eneminyaka eyi-40 wazithathela uYuditi intombi kaBheri umHiti, wamenza umfazi, wathatha noBhasemati intombi kaElon umHiti.+
35 Aba bafazi bamzisela intlungu engathethekiyo* uIsake noRebheka.+
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “nembewu.”
^ Ngokoqobo, “imbewu.”
^ Ngokoqobo, “imbewu.”
^ Ngokoqobo, “ngembewu.”
^ Okanye “esanga.”
^ Ethetha ukuthi “Ukuxambulisana.”
^ Ethetha ukuthi “Isityholo.”
^ Ethetha ukuthi “Iindawo Ezinkulu.”
^ Ngokoqobo, “imbewu.”
^ Ngokoqobo, “bawenza wakrakra umoya.”