Genesis 36:1-43
36 Nantsi imbali kaEsawu, okwabizwa ngokuba nguEdom.+
2 UEsawu wabathatha ezintombini zakwaKanan abafazi bakhe: UAda+ intombi kaElon umHiti,+ u-Oholibhama+ intombi ka-Anahi, umzukulwana kaTsibheyon umHivi,
3 noBhasemati,+ intombi kaIshmayeli, udadeboNebhayoti.+
4 UAda wazalela uEsawu uElifazi, waza uBhasemati wazala uRehuweli,
5 yena uOholibhama wazala uYewushe, uYalam noKora.+
Aba ngoonyana bakaEsawu awabazalelwa elizweni lakwaKanan.
6 Emva koko uEsawu wabathatha abafazi bakhe, oonyana bakhe, iintombi zakhe, bonke abantu bendlu* yakhe, umhlambi wakhe, yonke enye imfuyo yakhe nabo bonke ubutyebi awayebuqwebe+ elizweni lakwaKanan, waya kwelinye elizwe elikude kuYakobi umntakwabo.+
7 Kaloku izinto zabo zaba ninzi kakhulu ukuba bangahlala ndawonye yaye ilizwe ababehlala* kulo lalingasaboneli ngenxa yemihlambi yabo.
8 Ngoko uEsawu wahlala kummandla weentaba wakwaSehire.+ UEsawu lo nguEdom.+
9 Le yimbali kaEsawu utata wamaEdom owayehlala kummandla weentaba wakwaSehire.+
10 Nanga amagama oonyana bakaEsawu: NguElifazi unyana ka-Ada, umfazi kaEsawu, noRehuweli unyana kaBhasemati, umfazi kaEsawu.+
11 Oonyana bakaElifazi nguTeman,+ uOmare, uTsefo, uGatam noKenazi.+
12 UTimna waba ngomnye umfazi kaElifazi,* unyana kaEsawu. Ekuhambeni kwexesha wazalela uElifazi uAmaleki.+ Abo ke ngoonyana baka-Ada, umfazi kaEsawu.
13 Aba ngoonyana bakaRehuweli: NguNahati, uZera, uShamaha noMiza. Abo ke yayingoonyana bakaBhasemati,+ umfazi kaEsawu.
14 Aba yayingoonyana bakaOholibhama intombi ka-Anahi, umzukulwana kaTsibheyon, umfazi kaEsawu, awabazalela uEsawu: nguYewushe, uYalam noKora.
15 Ezi ziinkosi zoonyana bakaEsawu:+ Oonyana bakaElifazi, izibulo likaEsawu: YiNkosi uTeman, iNkosi uOmare, iNkosi uTsefo, iNkosi uKenazi,+
16 iNkosi uKora, iNkosi uGatam neNkosi uAmaleki. Ezi ziinkosi ezaphuma kuElifazi+ elizweni lakwaEdom. Abo ke ngoonyana baka-Ada.
17 Aba ngoonyana bakaRehuweli, unyana kaEsawu: INkosi uNahati, iNkosi uZera, iNkosi uShamaha neNkosi uMiza. Ezi ziinkosi ezaphuma kuRehuweli elizweni lakwaEdom.+ Abo ke ngoonyana bakaBhasemati, umfazi kaEsawu.
18 Aba ke ngoonyana bakaOholibhama, umfazi kaEsawu: INkosi uYewushe, iNkosi uYalam neNkosi uKora. Ezi ziinkosi ezaphuma kuOholibhama, intombi ka-Anahi, umfazi kaEsawu.
19 Abo ke ngoonyana bakaEsawu neenkosi ezaphuma kubo. NguEdom+ ke lowo.
20 Naba oonyana bakaSehire umHori, abemi belo lizwe:+ ULotan, uShobhali, uTsibheyon, uAnahi,+
21 uDishon, uEtsere noDishan.+ Ziinkosi zamaHori ezo, oonyana bakaSehire, elizweni lakwaEdom.
22 Oonyana bakaLotan yayinguHori noHemam yaye udadeboLotan yayinguTimna.+
23 Naba oonyana bakaShobhali: UAlvan, uManahati, uEbhali, uShefo no-Onam.
24 Naba oonyana bakaTsibheyon:+ UAya noAnahi. Lo Anahi, ngulo wafumana imithombo eshushu entlango xa wayesalusa iidonki zikaTsibheyon, utata wakhe.
25 Aba ngabantwana baka-Anahi: UDishon no-Oholibhama intombi ka-Anahi.
26 Naba oonyana bakaDishon: UHemdan, uEshibhani, uItran noKeran.+
27 Naba oonyana bakaEtsere: UBhilehan, uZavan noAkhan.
28 Naba oonyana bakaDishan: U-Utse noAran.+
29 Ezi ziinkosi zamaHori: INkosi uLotan, iNkosi uShobhali, iNkosi uTsibheyon, iNkosi uAnahi,
30 iNkosi uDishon, iNkosi uEtsere neNkosi uDishan.+ Ezo ke ziinkosi zamaHori ngokweenkosi zawo elizweni lakwaSehire.
31 Aba balandelayo ngookumkani ababelawula kwilizwe lakwaEdom+ ngaphambi kokuba nawuphi na ukumkani alawule amaSirayeli.*+
32 UBhela unyana kaBhehore walawula kwaEdom, yaye igama lesixeko sakhe yayiyiDinabha.
33 Xa wafayo uBhela, kwalawula uYobhabhi unyana kaZera waseBhotsera endaweni yakhe.
34 Xa wafayo uYobhabhi, kwalawula uHusham waselizweni lamaTeman endaweni yakhe.
35 Xa wafayo uHusham, kwalawula uHadadi unyana kaBhedadi endaweni yakhe, lo woyisa amaMidiyan+ emhlabeni wakwaMowabhi.* Isixeko sakhe yayiyiAviti.
36 Xa wafayo uHadadi, kwalawula uSamla waseMasereka endaweni yakhe.
37 Xa wafayo uSamla, kwalawula uShawule waseRehobhoti engaseMlanjeni endaweni yakhe.
38 Xa wafayo uShawule, kwalawula uBhahali-hanan unyana ka-Akebhore endaweni yakhe.
39 Xa wafayo uBhahali-hanan unyana ka-Akebhore, kwalawula uHadare endaweni yakhe. Isixeko sakhe yayiyiPawu, igama lomfazi wakhe inguMehetabheli, intombi kaMatrede, intombi kaMezahabhi.
40 La ngamagama eenkosi ezaphuma kuEsawu ngokweentsapho zazo, ngokweendawo zazo, nangokwamagama azo: YiNkosi uTimna, iNkosi uAlva, iNkosi uYetete,+
41 iNkosi uOholibhama, iNkosi uElaha, iNkosi uPinon,
42 iNkosi uKenazi, iNkosi uTeman, iNkosi uMibhetsare,
43 iNkosi uMagediyeli, neNkosi uIram. Ezo ke ziinkosi zakwaEdom ngokweendawo zazo zokuhlala elizweni lazo.+ Lowo ke nguEsawu utata wamaEdom.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “yonke imiphefumlo yendlu.”
^ Okanye “ababengabantu basemzini.”
^ Okanye “lishweshwe likaElifazi.”
^ Ngokoqobo, “koonyana bakaSirayeli.”
^ Ngokoqobo, “kwintsimi yakwaMowabhi.”