Genesis 43:1-34

  • AbantakwaboYosefu babuyela okwesibini eYiputa noBhenjamin (1-14)

  • UYosefu uphinda adibane nabantakwabo (15-23)

  • UYosefu utya nabantakwabo (24-34)

43  Indlala yayiqatha kwelo lizwe.+  Bathi bakukugqiba ukutya okuziinkozo ababebuye nako eYiputa,+ wathi utata wabo kubo: “Phindani niye, niyokusithengela intwana yokutya.”  UYuda wathi kuye: “Laa ndoda yasilumkisa ngokucacileyo yathi, ‘Ningaphinde nize apha ningahambi nomntakwenu.’+  Ukuba usithuma kunye nomntakwethu, siza kuhla siyokukuthengela ukutya.  Kodwa ukuba akahambi asizukuhla, kuba yathi laa ndoda kuthi, ‘Ningaphinde nize apha ningahambi nomntakwenu.’ ”+  USirayeli+ wabuza wathi: “Ngaba bekunyanzelekile ukuba nindibizele le nkathazo, ngokuxelela laa ndoda ukuba ukhona omnye umntakwenu?”  Bathi bona: “Laa ndoda yavele yasingqala xa isibuza ngathi nezizalwana zethu yathi, ‘Usaphila na utata wenu? Ninaye omnye umntakwenu?’ saza sayixelela ezi zinto yayizibuza.+ Sasiza kuyazi njani ukuba iza kusuke ithi, ‘Yihlani nomntakwenu’?”+  UYuda wamcenga uSirayeli utata wakhe wathi: “Mthumele kunye nam umfana sihambe,+ ukuze siphile, singafi,+ thina, nawe, nabantwana bethu.+  Ndiza kuqinisekisa ukuba ukhuselekile.*+ Uze uphendulise mna. Ukuba ndiye andabuya naye, ndiza kube ndikone ngonaphakade. 10  Kodwa ukuba besingakhange silibazise, ngesesibuya okwesibini ngoku.” 11  USirayeli utata wabo wathi kubo: “Ukuba kunyanzelekile ke ukuba yenzeke le nto, nantsi into emaniyenze: Fakani ezona zinto zintle zifumanekayo kweli lizwe kwiingxowa* zenu, nihambe nazo, zibe sisipho salaa ndoda:+ intwana yebhalsam,+ intwana yobusi, intlaka emhlophe, intlaka emnandi,+ amantongomane epistasi neeamangile. 12  Thathani imali ephindwe kabini; nize niphindise nalaa mali eyabuyiselwa kwiingxowa zenu.+ Mhlawumbi yaba yimpazamo. 13  Hambani naye umntakwenu, nibuyele kula ndoda. 14  Kwanga uThixo uSomandla angenza laa ndoda inisizele, ukuze inikhululele umntakwenu noBhenjamin. Mna ukuba kunyanzelekile ukuba ndilahlekelwe, mandilahlekelwe ke!”+ 15  Ngoko la madoda asithatha eso sipho, athatha imali ephindwe kabini, aza emka noBhenjamin. Asuka ehla aya eYiputa aza aphinda ema phambi koYosefu.+ 16  Wathi uYosefu akumbona uBhenjamin ekunye nawo, ngoko nangoko wathi kumphathi wendlu yakhe: “Ngenisa la madoda endlini, uxhele izilwanyana uze ulungise isidlo, kuba la madoda aza kutya nam emini emaqanda.” 17  Yakhawulezisa le ndoda yayenza loo nto yayiyixelelwa nguYosefu,+ yawangenisa la madoda endlini kaYosefu. 18  Kodwa oyika xa engeniswa endlini kaYosefu, aza athi: “Yilaa mali eyabuyiselwa ezingxoweni zethu le yenze ukuba siziswe apha. Baza kusihlasela ke ngoku, basenze amakhoboka, bathathe needonki zethu!”+ 19  Aya kumphathi wendlu kaYosefu aza athetha naye emnyangweni wendlu. 20  Athi: “Sixolele nkosi yam! Sasikhe sehla sizokuthenga ukutya.+ 21  Kodwa sathi sakubuyela kwindawo esihlala kuyo, savula iingxowa zethu, tyhini, nantso imali yethu sonke ezingxoweni zethu, futhi isaphelele.+ Ngoku siyayibuyisela. 22  Size nenye imali ukuze sithenge ukutya. Asazi ukuba ngubani owafaka imali yethu ezingxoweni zethu.”+ 23  Wathi yena: “Khululekani. Sanukoyika. UThixo wenu noThixo katata wenu ufake ubutyebi ezingxoweni zenu. Le mali yenu ibiqale yaziswa kum.” Emva koko wawakhuphela uSimeyon.+ 24  Wawangenisa endlini kaYosefu la madoda, wawanika amanzi okuhlamba iinyawo, wanika needonki zawo ukutya. 25  Alungisa esa sipho+ ukuze asinike uYosefu ukufika kwakhe emini emaqanda, kuba ayevile ukuba ayeza kufumana isidlo apho.+ 26  Wathi akungena uYosefu, amnika isipho, aza aqubuda phambi kwakhe.+ 27  Emva koko wawabuza impilo waza wathi: “Unjani utata wenu owalupheleyo ebenithethe ngaye? Usaphila kodwa?”+ 28  Baphendula bathi: “Utata, isicaka sakho, uphilile. Usadla ubomi.” Emva koko baqubuda.+ 29  Wathi akuphakamisa amehlo akhe waza wabona uBhenjamin umntakwabo, unyana kamama wakhe,+ wathi: “Nguye na lo umninawa wenu, enanithethe ngaye kum?”+ Waza waphinda wathi: “Kwanga uThixo angakholwa nguwe nyana wam.” 30  Waphuma ngokungxama uYosefu, kuba wayechukumisekile ngumntakwabo, waza wakhangela indawo aza kulilela kuyo. Wangena kwigumbi elingaphakathi, zasuka zathi waxa iinyembezi.+ 31  Emva koko wahlamba ubuso bakhe, waphuma ezibambile, wathi: “Bekani ukutya.” 32  Bambekela yedwa, bababekela bodwa nabantakwabo, namaYiputa azityela odwa, kuba amaYiputa ayengenakutya namaHebhere, ayeyenyanya gqitha loo nto.+ 33  Abantakwabo* babehleli phambi kwakhe, owamazibulo ngokwelungelo lakhe lobuzibulo+ noyena mncinci ngokobuncinci bakhe, bajongana bemangalisiwe. 34  Wayemane ethumela ukutya kusuka kweyakhe itafile kusisiwa kweyabo, kodwa okukaBhenjamin kwakukuphinda kahlanu okwabanye.+ Batya ke baza basela naye bada banela.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Ndiza kuba sisibambiso ngenxa yakhe.”
Okanye “kwizikhongozelo.”
Ngokoqobo, “Bona.”