Genesis 45:1-28

  • UYosefu uyazichaza ukuba ungubani (1-15)

  • AbantakwaboYosefu bayokuthatha uYakobi (16-28)

45  UYosefu wayengasakwazi ukuzibamba phambi kwabo bonke oonogada bakhe.+ Ngoko wakhwaza wathi: “Khuphani wonke umntu!” Akekho omnye umntu owayekho xa uYosefu wayezazisa kubantakwabo.+  Watsho walila kakhulu kangangokuba amaYiputa eva, yeva nendlu kaFaro.  Ekugqibeleni uYosefu wathi kubantakwabo: “NdinguYosefu. Usaphila phofu utata?” Kodwa abantakwabo abazange bakwazi ukumphendula kuba babemangalisiwe.  UYosefu wathi kubo: “Ndicela nisondele.” Batsho basondela ke. Wathi kubo: “NdinguYosefu umntakwenu enamthengisa eYiputa.+  Kodwa ningakhathazeki yaye ningabekani tyala kuba nathengisa ngam apha. Kaloku uThixo wandithumela phambi kwenu ukuze kusindiswe ubomi.+  Lo ngunyaka wesibini wendlala emhlabeni,+ ibe kuseza iminyaka emihlanu ekungazukulinywa okanye kuvunwe ngayo.  Kodwa uThixo undithumele phambi kwenu ukuze kubekho abasindayo+ kuni emhlabeni* nokuze nigcinwe niphila ngendlela emangalisayo.  Ngoko ke andithunyelwanga nini apha kodwa nguThixo wokwenene, ukuze andenze umcebisi oyintloko kaFaro,* ndibe yinkosi endlini yakhe yonke, nomlawuli walo lonke ilizwe laseYiputa.+  “Khawulezani nibuyele kutata, nithi kuye, ‘Nantsi into ethethwe ngunyana wakho uYosefu: “UThixo undimisele ndaba yinkosi yelizwe lonke laseYiputa.+ Yihla uze kum, ungalibazisi.+ 10  Nimele nihlale kwilizwe laseGoshen,+ apho niza kuba kufuphi nam, wena, oonyana bakho, abazukulwana bakho, imihlambi yakho yeegusha kunye nemihlambi yakho yeenkomo, nento yonke nje onayo. 11  Ndiza kukunika ukutya apho, kuba kusasele iminyaka emihlanu yendlala.+ Kungenjalo wena, indlu yakho, nento yonke onayo niza kuhlwempuzeka.” ’ 12  Nina nomntakwethu uBhenjamin, niyazibonela ngokwenu ukuba ndim ngenene lo uthetha nani.+ 13  Ngoko xelelani utata ngalo lonke uzuko lwam eYiputa, nayo yonke into eniyibonileyo. Khawulezani ke niyokulanda utata, nimzise apha.” 14  Emva koko wawola uBhenjamin* umntakwabo zaza zazehlela iinyembezi, noBhenjamin walila emangile.+ 15  Wabaphuza* bonke abantakwabo waza wabalilela, emva koko abantakwabo bathetha naye. 16  Ezi ndaba zavakala endlini kaFaro, kusithiwa: “AbantakwaboYosefu bafikile!” Le nto yayilungile kuFaro nakwizicaka zakhe. 17  Ngoko uFaro wathi kuYosefu: “Yithi kubantakwenu, ‘Yenzani le nto: Layishani amaqegu enu, niye kwilizwe lakwaKanan, 18  nithathe utata wenu neentsapho zenu, nize apha kum. Ndiza kuninika izinto ezintle zeli lizwe laseYiputa, ibe niza kutya eyona* ndawo ichumileyo* yeli lizwe.’+ 19  Uze uthi kubo:+ ‘Yenzani le nto: Thathelani abantwana benu nabafazi benu iinqwelo+ kwilizwe laseYiputa, nikhwelise utata wenu kwenye yazo, nize apha.+ 20  Ningazikhathazi ngezinto zenu,+ kuba eyona ndawo intle kweli lizwe yeyenu.’ ” 21  Bayenza ke loo nto oonyana bakaSirayeli, yaye uYosefu wabanika iinqwelo ngokwemiyalelo kaFaro, wabanika nomphako. 22  Wanika ngamnye wabo iimpahla zokutshintsha, kodwa yena uBhenjamin wamnika amaqhosha esilivere ayi-300 neempahla zokutshintsha ezintlanu.+ 23  Yena utata wakhe wamthumelela ezi zinto: iidonki ezilishumi ezithwele izinto ezintle zaseYiputa, iimazi zeedonki ezilishumi ezithwele ukutya okuziinkozo, isonka nomphako katata wakhe wendlela. 24  Wabakhulula abantakwabo, xa behamba wathi kubo: “Nize ningaxabani endleleni.”+ 25  Benyuka bemka eYiputa, bafika kuYakobi utata wabo kwilizwe lakwaKanan. 26  Emva koko bambalisela bathi: “Usaphila uYosefu, kwaye uphethe lonke ilizwe laseYiputa!”+ Kodwa wama nematha kuba wayengabakholelwa.+ 27  Bathi bakumxelela yonke into eyayithethwe nguYosefu, wabona neenqwelo awayezithumele ukuba zizokumthatha, watsho waziva ngcono. 28  USirayeli wakhwaza wathi: “Kwanele! Unyana wam uYosefu usaphila! Mandihambe ndiye kumbona ngaphambi kokuba ndife!”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “elizweni.”
Ngokoqobo, “ndibe ngutata kuFaro.”
Ngokoqobo, “wawa entanyeni kaBhenjamin.”
Ukuphuza umntu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.
Okanye “kuphila ngeyona.”
Okanye “ityebileyo.”