Genesis 46:1-34
46 Ngoko uSirayeli wathatha konke okwakhe* waza wemka. Ukufika kwakhe eBher-shebha,+ wanikela imibingelelo kuThixo katata wakhe uIsake.+
2 Emva koko uThixo wathetha noSirayeli embonweni ebusuku, wathi: “Yakobi, Yakobi!” Wathi yena: “Nkosi!”
3 Wathi: “NdinguThixo wokwenene, uThixo katata wakho.+ Sukoyika ukuya eYiputa, kuba ndiza kukwenza uhlanga olukhulu apho.+
4 Mna lo ndiza kuhla nawe ukuya eYiputa, ndize kwamna ndikukhuphe apho,+ yaye uYosefu uza kukuvala amehlo.”*+
5 Emva koko uYakobi wemka eBher-shebha, yaye oonyana bakaSirayeli babekhwelise uYakobi utata wabo, abantwana babo, nabafazi babo, kwiinqwelo ezazithunyelwe nguFaro ukuba zibathuthe.
6 Babehamba nemihlambi yabo nazo zonke izinto zabo ababeziqwebe kwilizwe lakwaKanan. Bafika ke eYiputa, uYakobi nayo yonke inzala yakhe.
7 Weza eYiputa noonyana bakhe, abazukulwana bakhe abangabafana, iintombi zakhe nabazukulwana bakhe abangamantombazana, yonke nje inzala yakhe.
8 La ngamagama oonyana bakaSirayeli abafikayo eYiputa,+ uYakobi noonyana bakhe: Izibulo likaYakobi yayinguRubhen.+
9 Oonyana bakaRubhen yayinguHanoki, uPalu, uHetseron noKarmi.+
10 Oonyana bakaSimeyon+ yayinguYemuweli, uYamin, uOhadi, uYakin, uTsohare noShawule+ unyana womfazi ongumKanan.
11 Oonyana bakaLevi+ yayinguGershon, uKohati noMerari.+
12 Oonyana bakaYuda+ yayinguEre, uOnan, uShela,+ uPeretse+ noZera.+ Noko ke, uEre no-Onan bafela kwilizwe lakwaKanan.+
Oonyana bakaPeretse yayinguHetseron noHamuli.+
13 Oonyana bakaIsakare yayinguTola, uPuva, uIyobhi noShimron.+
14 Oonyana bakaZebhulon+ yayinguSerede, uElon noYaleli.+
15 Aba ke ngoonyana bakaLeya, awabazalela uYakobi ePadan-aram, kunye nentombi yakhe uDina.+ Oonyana neentombi zikaYakobi babeyi-33.
16 Oonyana bakaGadi+ yayinguTsifiyon, uHagi, uShuni, uEtsebhoni, uEri, uArodi noAreli.+
17 Oonyana baka-Ashere+ yayinguImna, uIshva, uIshvi noBheriya, yaye udadewabo yayinguSera.
Oonyana bakaBheriya yayinguHebheri noMalekiyeli.+
18 Aba ke ngoonyana bakaZilipa,+ lo uLabhan wamnika uLeya intombi yakhe. Naba awabazalela uYakobi: abantu abayi-16.*
19 Oonyana bakaRakeli, umfazi kaYakobi, yayinguYosefu+ noBhenjamin.+
20 Kwilizwe laseYiputa uYosefu wazalelwa uManase+ noEfrayim,+ ebazalelwa nguAsenati+ intombi kaPotifera, umbingeleli waseOni.*
21 Oonyana bakaBhenjamin+ yayinguBhela, uBhekere, uAshbheli, uGera,+ uNahaman, uEhi, uRoshe, uMupim, uHupim+ noArdi.+
22 Aba ke ngoonyana bakaRakeli awabazalela uYakobi: abantu abayi-14.*
23 Unyana* kaDan+ yayinguHushim.+
24 Oonyana bakaNafetali+ yayinguYatseli, uGuni, uYetsere noShilem.+
25 Aba ke ngoonyana bakaBhiliha, lo uLabhan wamnika uRakeli intombi yakhe. Naba awabazalela uYakobi: abantu abasixhenxe.*
26 Bayi-66 abantu* abayinzala kaYakobi abaya naye eYiputa, xa bengabalwa abafazi boonyana bakhe.+
27 Oonyana uYosefu awabazalelwa eYiputa babini.* Abantu* bendlu kaYakobi abaya eYiputa babeyi-70.+
28 UYakobi wathumela uYuda+ ukuba ahambe phambili ayokuxelela uYosefu ukuba usendleleni. Bathi xa befika kwilizwe laseGoshen,+
29 uYosefu walungisa inqwelo yakhe waza wayokumhlangabeza uSirayeli utata wakhe eGoshen. Wathi akufika kuye, wamwola* waza walila ixeshana.*
30 Emva koko uSirayeli wathi kuYosefu: “Nokuba ndingafa ke ngoku; ndibubonile ubuso bakho futhi ndiyayazi ukuba usaphila.”
31 Wathi ke uYosefu kubantakwabo nakwindlu katata wakhe: “Mandihambe ndiyokuxelela uFaro,+ ndithi kuye, ‘Abantakwethu nendlu katata, ababeselizweni lakwaKanan bafikile.+
32 La madoda angabelusi,+ afuyile,+ yaye eze nemihlambi yawo yeegusha neyeenkomo, nayo yonke into anayo.’+
33 Xa enibiza uFaro aze anibuze athi, ‘Uyintoni na umsebenzi wenu?’
34 nize nithi, ‘Izicaka zakho bezifuya ukususela ebutsheni bazo de kube ngoku, thina kunye nookhokho bethu,’+ ukuze nihlale kwilizwe laseGoshen,+ kuba amaYiputa ayabenyanya bonke abelusi beegusha.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “bonke abakhe.”
^ Oko kukuthi, uza kuwavala xa uYakobi esifa.
^ Okanye “imiphefumlo eyi-16.”
^ Oko kukuthi, waseHeliyopolisi.
^ Okanye “imiphefumlo eyi-14.”
^ Ngokoqobo, “Oonyana.”
^ Okanye “imiphefumlo esixhenxe.”
^ Okanye “imiphefumlo.”
^ Okanye “yimiphefumlo emibini.”
^ Okanye “Imiphefumlo.”
^ Ngokoqobo, “wawa entanyeni yakhe.”
^ Okanye “walilela entanyeni yakhe kaninzi-ninzi.”