Genesis 50:1-26
50 UYosefu waziphosa kutata wakhe,+ wamlilela waza wamphuza.*
2 Emva koko uYosefu wayalela izicaka zakhe, oogqirha bakhe, ukuba baqhole+ utata wakhe. Ngoko aba gqirha bamqhola uSirayeli,
3 ibe bathatha iintsuku eziyi-40, kuba ukuqhola kwakuthatha ixesha elingako, yaye amaYiputa aqhubeka emlilela iintsuku eziyi-70.
4 Zathi zakuphela iintsuku zokuzilela uYakobi, uYosefu wathi kumagosa* kaFaro: “Ukuba niyandithanda, dlulisani lo myalezo kuFaro:
5 ‘Utata wandifungisa+ wathi: “Jonga! Ndiyafa,+ ngoko uze undingcwabe kwindawo yam yokungcwaba+ endazimbela yona kwilizwe lakwaKanan.”+ Ngoku ke ndicela ukuyokungcwaba utata, ndiza kubuya xa ndigqibile.’ ”
6 UFaro wathi: “Hamba uyokumngcwaba utata wakho kanye njengoko wayekufungisile.”+
7 UYosefu wahamba wayokumngcwaba, ekhatshwa zizo zonke izicaka zikaFaro, abadala+ bendlu* yakhe, bonke abadala belizwe laseYiputa,
8 yonke indlu kaYosefu, abantakwabo nendlu katata wakhe.+ EGoshen bashiya kuphela abantwana babo, imihlambi yabo yeegusha nemihlambi yabo yeenkomo.
9 Wanyuka nazo neenqwelo+ nabakhweli-mahashe, ngoko baba liqela elikhulu kakhulu.
10 Bafika kwibala lokubhula laseAtadi, elikummandla waseYordan, batsho ngesijwili esikrakra nesikhulu kakhulu, yaye uYosefu waqhubeka emzilele utata wakhe iintsuku ezisixhenxe.
11 Abemi belo lizwe amaKanan, bababona bezilile kwibala lokubhula laseAtadi, baza bakhuza besithi: “Ayayizila into ke la maYiputa!” Yiloo nto loo ndawo kwathiwa yiAbheli-mitserayim,* ekummandla waseYordan.
12 Oonyana bakaYakobi bamenzela yonke into awayebayalele yona.+
13 Bamthwalela kwilizwe lakwaKanan baza bamngcwaba kumqolomba wentsimi yaseMakaphela, ephambi kweMamre. Le ntsimi yathengwa nguAbraham kuEfron umHiti, ukuze ibe yindawo yokungcwaba.+
14 Akugqiba ukungcwaba utata wakhe, uYosefu wabuyela eYiputa kunye nabantakwabo, nabo bonke abantu ababehambe naye ukuya kungcwaba utata wakhe.
15 Bakubona abantakwaboYosefu ukuba utata wabo ufile, bathi: “Kusenokwenzeka ukuba uYosefu usasizonda, yaye uza kuziphindezela ngayo yonke into embi esamenza yona.”+
16 Ngoko bathumela umyalezo kuYosefu, bathi: “Utata wakho wayolela ngaphambi kokuba afe wathi:
17 ‘Nantsi into eniza kuyithetha kuYosefu: “Ndiyakucela, sixolele isono sabantakwenu nento abakwenza yona bekuzisela ububi obungaka.” ’ Ngoku ke siyakucela, sixolele isono sabakhonzi boThixo katata wakho.” Bathe bakuthetha naye, zazehlela iinyembezi kuYosefu.
18 Emva koko abantakwabo beza kuye, baqubuda phambi kwakhe, bathi: “Sithi aba singamakhoboka akho!”+
19 UYosefu wathi kubo: “Ningoyiki, ayingoThixo na ogwebayo?
20 UThixo wayeneenjongo ezintle, ibe wayefuna kusinde abantu abaninzi njengokuba esenza namhlanje,+ nangona nina nanifuna ukundivisa ubuhlungu.+
21 Ngoko ke sanukoyika. Ndiza kuqhubeka ndininika ukutya nina nabantwana benu.”+ Ngaloo ndlela wabathuthuzela, wathetha nabo ebaqinisekisa.
22 UYosefu waqhubeka ehlala eYiputa, yena nendlu katata wakhe, yaye waphila iminyaka eyi-110.
23 Wabona oonyana bakaEfrayim besizukulwana sesithathu,+ noonyana bakaMakire+ unyana kaManase. Bakhulela emadolweni kaYosefu.*
24 Ekuhambeni kwexesha uYosefu wathi kubantakwabo: “Sele ndiza kufa, kodwa ngokuqinisekileyo uThixo uza kuninceda,+ yaye uza kuninyusa niphume kweli lizwe, anise kwilizwe awafunga ngalo kuAbraham, kuIsake nakuYakobi.”+
25 Ngoko uYosefu wabafungisa oonyana bakaSirayeli wathi: “Ngokuqinisekileyo uThixo uza kuninceda. Nize nihambe namathambo am xa nihamba apha.”+
26 UYosefu wafa eneminyaka eyi-110, ibe bamqhola+ umfi lowo waza wafakwa kwibhokisi yesidumbu eYiputa.
Umbhalo osemazantsi
^ Ukuphuza umntu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.
^ Okanye “kwindlu.”
^ Okanye “benkundla.”
^ Ethetha ukuthi “Ukuzila KwamaYiputa.”
^ Oko kukuthi, bakhuliswa njengoonyana bakaYosefu, yaye baphathwa ngokukhethekileyo.