KumaHebhere 7:1-28
7 Kuba lo Melkitsedeki, ukumkani waseSalem, ongumbingeleli wOyena Thixo Uphakamileyo, wadibana noAbraham owayevela kubulala ookumkani, waza wamsikelela.+
2 UAbraham wamnika isishumi sayo yonke into. Okokuqala nje, igama lakhe xa liguqulelwa lithi, “uKumkani Wobulungisa,” yaye ukwangukumkani waseSalem, oko kukuthi, “uKumkani Woxolo.”
3 Akaziwa utata nomama wakhe, nomlibo wakhe wokuzalwa awaziwa, yaye asaziwa nesiqalo seentsuku zakhe nokuphela kobomi bakhe, kodwa wenziwe wanjengoNyana kaThixo, ngoko uhlala engumbingeleli ngonaphakade.+
4 Lo mntu wanikwa isishumi sazo zonke izinto ezisemgangathweni ezathinjwa nguAbraham intloko-ntsapho, wayemkhulu nyhani.+
5 Ewe kona, ngokutsho koMthetho, oonyana bakaLevi+ abenziwa ababingeleli bafumana umyalelo wokuba baqokelele izishumi ebantwini,+ kubantakwabo, nangona nabo beyinzala ka-Abraham.
6 Kodwa yena uMelkitsedeki, owayengaveli kulo mnombo, wathatha izishumi kuAbraham waza wamsikelela. Ngoko wasikelela umntu owayefumene izithembiso.+
7 Yinto engenakuphikwa ke ukuba osikelelayo mkhulu kunosikelelwayo.
8 AbaLevi babefumana izishumi, ibe bangabantu abafayo, kodwa yona le ndoda yayizifumana izishumi, ibe iZibhalo zithi iyaphila.+
9 Ngoko kunokutshiwo ukuba uLevi, onikwa izishumi, uye wazibhatala izishumi ngoAbraham,
10 kuba wayeseza kuba yinzala ka-Abraham xa uAbraham wadibana noMelkitsedeki.+
11 Ngoko ukuba kwakufuneka umntu aphume kubabingeleli abangabaLevi ukuze agqibelele,+ (ngoba le nto yayikuMthetho owanikwa abantu), yintoni ke eyayibangela kufuneke kuvele omnye umbingeleli ekuthiwa unjengoMelkitsedeki,+ kungekhona njengoAron?
12 Ngoko ekubeni butshintshiwe ububingeleli, kufuneka noMthetho utshintshwe.+
13 Kuba umntu ezithethwa ngaye ezi zinto uphuma kwesinye isizwe, isizwe ekungekho mntu kuso owakha wasebenza esibingelelweni.+
14 Kuba icacile into yokuba iNkosi yethu iphuma kwisizwe sakwaYuda,+ kodwa uMoses zange athethe ngababingeleli abaphuma kweso sizwe.
15 Le nto itsho icace kakuhle xa kuvela omnye umbingeleli+ ofana noMelkitsedeki,+
16 oye wangumbingeleli, hayi kuba ephuma kumnombo wabantu njengokuba umthetho wawufuna njalo, kodwa ngenxa yamandla obomi obungenakutshatyalaliswa,+
17 kuba esinye isibhalo sithi ngaye: “Ungumbingeleli ngonaphakade njengoMelkitsedeki.”+
18 Ngoko umyalelo wangaphambili uye wabekwa ecaleni kuba awunamandla futhi awusebenzi.+
19 Kuba ayikho into eyenziwe yagqibelela nguMthetho,+ kodwa ukubakho kwethemba+ kwenze yonke into yagqibelela. Elo themba lisenza sisondele kuThixo.+
20 Kwakhona, uThixo wafunga xa wayemisela uYesu,
21 (kuba nyhani ke kukho abantu abaye baba ngababingeleli bengafungelwanga, kodwa yena uye wenzelwa isifungo nguLowo wathi: “UYehova* ufungile, ibe akazukujika,* wathi, ‘Ungumbingeleli ngonaphakade’”),+
22 ngoko uYesu uye waba sisiqinisekiso sesivumelwano esibhetele.+
23 Ngaphezu koko, ekubeni ababingeleli babesifa+ baze bangakwazi ukuqhubeka bengababingeleli, kwakufuneka kubekwe abanye emva kwabo,
24 kodwa ekubeni yena ephila ngonaphakade,+ akukho mbingeleli uya kuze angene endaweni yakhe.
25 Ngoko uyakwazi nokubasindisa ngokupheleleyo abo basondela kuThixo egameni lakhe, kuba uyakwazi ukubacengela kuba ephila ngonaphakade.+
26 Kuba bekufuneka ukuba sibe nombingeleli omkhulu onjalo, umbingeleli othembekileyo, ongenzi bubi, ongenachaphaza,+ ongafaniyo naboni, waza waphakanyiswa ngaphezu kwawo amazulu.+
27 Yena akafani nababingeleli abakhulu, ababebingelela yonke imihla,+ besenzela izono zabo kuqala baze benzele izono zabantu,+ kuba yena wazinikela kwaba kanye.+
28 Kuba uMthetho ubeka abantu abanesono babe ngababingeleli abakhulu,+ kodwa lona ilizwi lesifungo+ elafungwa emva koMthetho libeka uNyana, owenziwa wagqibelela+ ngonaphakade.