Hezekile 20:1-49
20 Ngonyaka wesixhenxe, ngenyanga yesihlanu, ngomhla weshumi kuloo nyanga, abanye kubadala bakwaSirayeli beza kuhlala phambi kwam ukuze babuzise kuYehova.
2 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:
3 “Nyana womntu, thetha nabadala bakwaSirayeli, uthi kubo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Nize kubuzisa kum na? ‘Ndiphila nje, andizukuniphendula,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”’
4 “Ukulungele na ukubagweba?* Ukulungele na ukubagweba, nyana womntu? Bazise izinto ezenyanyekayo ezenziwa ngookhokho babo.+
5 Yithi kubo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ngemini endamkhetha ngayo uSirayeli,+ ndafunga* nakwinzala* yendlu kaYakobi ndaza ndazazisa kubo elizweni laseYiputa.+ Ewe, ndabafungela ndathi, ‘NdinguYehova uThixo wenu.’
6 Ngaloo mini ndafunga ukuba ndiza kubakhupha kwilizwe laseYiputa ndibase kwilizwe endabakhangelela* lona, eligcwele ubisi nobusi.+ Lalilihle* ngaphezu kwawo onke amanye amazwe.
7 Emva koko ndathi kubo, ‘Ngamnye wenu makalahle izinto ezenyanyekayo eziphambi kwamehlo akhe, ningazingcolisi ngezithixo ezenyanyekayo* zaseYiputa.+ NdinguYehova uThixo wenu.’+
8 “‘“Kodwa bandijikela, yaye babengazimiselanga kundimamela. Abazange bazilahle izinto ezenyanyekayo ezaziphambi kwabo, nezithixo ezenyanyekayo zaseYiputa abazange bazishiye.+ Ngoko ndathembisa ukuphalazela kubo ukucaphuka kwam, ndize ndiwukhuphele kubo wonke umsindo wam kwilizwe laseYiputa.
9 Kodwa ndazinqanda ngenxa yegama lam, ukuze lingangcoliswa phambi kweentlanga ababephila phakathi kwazo.+ Kuba ndazazisa kubo* phambi kwazo xa ndabakhupha* kwilizwe laseYiputa.+
10 Ngoko ndabakhupha kwilizwe laseYiputa, ndabazisa entlango.+
11 “‘“Ndabanika imithetho nemiyalelo yam,+ ukuze umntu oyithobelayo afumane ubomi ngenxa yayo.+
12 Ndabanika neesabatha zam,+ ukuba zibe luphawu phakathi kwam nabo,+ ukuze bazi ukuba ndim, mna Yehova, obenza ngcwele.
13 “‘“Kodwa indlu kaSirayeli yandijikela entlango.+ Ayizange iyithobele imithetho yam, nemiyalelo yam ayizange iyamkele, leyo imenza afumane ubomi umntu oyithobelayo. Neesabatha zam yazingcolisa kakhulu. Ngoko ndathembisa ukuwukhuphela kuyo entlango umsindo wam, ukuze ndiyitshabalalise.+
14 Ndazinqanda ngenxa yegama lam ukuze lingangcoliswa phambi kweentlanga, endandiwakhuphe phambi kwazo amaSirayeli.+
15 Ndafunga entlango ndathi soze ndiwase kwilizwe endandiwanike lona,+ ilizwe eligcwele ubisi nobusi,+ elona lihle* kuwo onke,
16 kuba akayamkelanga imiyalelo yam, akayithobela imithetho yam, aza azingcolisa iisabatha zam, kuba iintliziyo zawo zazilandela izithixo zawo ezenyanyekayo.+
17 “‘“Kodwa ndawasizela* ndaza andawatshabalalisa; andizange ndiwacime igama entlango.
18 Ndathi koonyana bawo entlango,+ ‘Sanukuhamba ngemithetho yookhokho benu,+ ningayigcini nemiyalelo yabo okanye nizingcolise ngezithixo zabo ezenyanyekayo.
19 NdinguYehova uThixo wenu. Thobelani imithetho yam nize nigcine imiyalelo yam, niyenze.+
20 Zenzeni zibe ngcwele iisabatha zam,+ kwaye ziza kuba luphawu phakathi kwam nani, ukuze nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.’+
21 “‘“Kodwa abo nyana bandijikela.+ Abazange bayithobele imithetho yam nemiyalelo yam, leyo imenza afumane ubomi umntu oyithobelayo. Neesabatha zam bazingcolisa. Ngoko ndathembisa ukuwukhuphela kubo entlango umsindo wam nokucaphuka kwam.+
22 Kodwa ndazinqanda+ ndaza ndenza ngako konke ngenxa yegama lam,+ ukuze lingangcoliswa phambi kweentlanga, endandibakhuphe* zijongile.
23 Ndabafungela nasentlango ndisithi ndiza kubachitha-chitha ezintlangeni, ndibathi saa emazweni,+
24 kuba bengazange bayithobele imiyalelo yam baza bayidelela imithetho yam,+ bangcolisa iisabatha zam baza balandela* izithixo ezenyanyekayo zookhokho babo.+
25 Ndabayeka balandela nemiyalelo engalunganga nemithetho eyayingazukubanceda baphile.+
26 Ndabayeka bangcoliswa yiminikelo yabo, xa babingelela* ngawo onke amazibulo abo emlilweni,+ ukuze ndibatshabalalise, batsho bazi ukuba ndinguYehova.”’
27 “Ngoko ke nyana womntu thetha kwindlu kaSirayeli, uthi kuyo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Nookhokho benu balingcolisa igama lam ngokungathembeki kum.
28 Ndabazisa kwilizwe endandifunge ukuba ndiza kubanika lona.+ Bathi bakubona zonke iinduli eziphakamileyo nemithi enamagqabi,+ baqalisa ukwenza imibingelelo neminikelo yabo ecaphukisayo. Banikela apho amavumba abo amnandi neminikelo yabo eselwayo.
29 Ngoko ndababuza, ‘Ithetha ntoni na le ndawo iphakamileyo niza kuyo? (Kusathiwa yiNdawo Ephakamileyo nanamhlanje.)’”’+
30 “Ngoku yithi kwindlu kaSirayeli, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ngaba nani nizingcolisa ngendlela abenza ngayo ookhokho benu xa bathengisa ngomzimba, balandela izithixo ezenyanyekayo baza bazikhonza?+
31 Ngaba nisazingcolisa nangoku ngokubingelela kwizithixo zenu ezenyanyekayo, nibingelela* ngoonyana benu emlilweni?+ Ngaba ke mna ndifanele ndiphendule xa nibuza kum, ndlu kaSirayeli?”’+
“‘Ndiphila nje,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘andizukuniphendula.+
32 Ayizukwenzeka nale nto niyicingayo xa nisithi, “Masibe njengeentlanga, njengeentsapho zamazwe akhonza imithi namatye.”’”+
33 “‘Ndiphila nje,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘Ndiza kuba ngukumkani wenu ndize ndinilawule ngegqudu, ngengalo eyoluliweyo nangomsindo.+
34 Ndiza kunikhupha kwizizwana nakumazwe enisasazelwe kuwo ngesandla esomeleleyo, ngengalo eyoluliweyo nangomsindo.+
35 Yaye ndiza kunizisa kwintlango yezizwana ndize ndinigwebe apho ubuso ngobuso.+
36 “‘Kanye njengokuba ndabagwebayo ookhokho benu entlango yelizwe laseYiputa, ndiza kunigweba nani,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.
37 ‘Ndiza kunidlulisa phantsi kwentonga yomalusi+ ndize ndinibophelele ngesivumelwano.
38 Kodwa ndiza kubasusa kuni abantu abangathobeliyo nabo bandonayo.+ Ndiza kubakhupha kwilizwe abaphambukele kulo, kodwa abazukungena kumhlaba wakwaSirayeli;+ ibe niza kutsho nazi ukuba ndinguYehova.’
39 “Nina ke, ndlu kaSirayeli, ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ngamnye kuni makaye kukhonza izithixo zakhe ezenyanyekayo.+ Kodwa ukuba anindimameli emva koko, anizukuphinda nikwazi ukungcolisa igama lam elingcwele ngemibingelelo yenu nangezithixo zenu ezenyanyekayo.’+
40 “‘Kuba entabeni yam engcwele, entabeni ephakamileyo yakwaSirayeli,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘kulapho yonke indlu kaSirayeli iza kundikhonza khona elizweni.+ Ndiza kukholiswa ngabo kuloo ndawo, ibe ndiza kuyifuna apho iminikelo yenu nesivuno sokuqala seminikelo yenu kuzo zonke izinto zenu ezingcwele.+
41 Ngenxa yevumba elimnandi, ndiza kukholwa nini xa ndinikhupha kwizizwana ndize ndiniqokelele nivela kumazwe enanichithachithwe kuwo;+ ndenziwe ngcwele phakathi kwenu phambi kwamehlo eentlanga.’+
42 “‘Niza kutsho nazi ukuba ndinguYehova+ xa ndinizisa kwilizwe lakwaSirayeli,+ endafunga ukuba ndiza kulinika ookhokho benu.
43 Apho niza kuyikhumbula indlela enaniziphethe ngayo nazo zonke izenzo zenu enazingcolisa ngazo,+ ibe niza kuzenyanya* ngenxa yazo zonke izinto ezimbi enazenzayo.+
44 Niza kutsho nazi ke ukuba ndinguYehova xa ndisenza yonke le nto kuni ngenxa yegama lam,+ hayi ngokweendlela zenu ezimbi okanye ngokwezenzo zenu zamaqhinga, ndlu kaSirayeli,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”
45 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:
46 “Nyana womntu, jonga kwicala lasemzantsi uze uthethe ubhekisa emzantsi, uprofete kwihlathi lommandla osemzantsi.
47 Yithi kwihlathi lasemzantsi, ‘Live ilizwi likaYehova. Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndiza kukutshisa ngomlilo,+ kwaye wona uza kuqwenga yonke imithi eluhlaza nayo yonke imithi eyomileyo. Idangatye elivuthayo alizukucinywa,+ yaye bonke ubuso buza kutshiswa lilo, ukususela emzantsi ukusa emntla.
48 Bonke abantu baza kubona ukuba mna, Yehova, ndiwubasile, kangangokuba awuzukucinywa.”’”+
49 Ndaza ndathi ke: “Owu Nkosi enguMongami Yehova! Bathi ngam, ‘Akazithetheli ngezafobe* na kodwa?’”
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ukubaxelela isigwebo?”
^ Okanye “ndaphakamisa isandla sam.”
^ Ngokoqobo, “nakwimbewu.”
^ Okanye “endabahlolela.”
^ Okanye “Lalingumhombiso.”
^ Kusenokwenzeka ukuba igama lesiHebhere liyelelene nelo lithetha “ubulongwe,” yaye lisetyenziswa xa kuthethwa ngento eyenyanyekayo.
^ Oko kukuthi, kubantu bakwaSirayeli.
^ Oko kukuthi, abantu bakwaSirayeli.
^ Okanye “elingumhombiso.”
^ Ngokoqobo, “ilihlo lam lawasizela.”
^ Oko kukuthi, amaSirayeli.
^ Ngokoqobo, “aza amehlo abo alandela.”
^ Ngokoqobo, “badlulisa.”
^ Ngokoqobo, “nidlulisa.”
^ Ngokoqobo, “niza kubenyanya ubuso benu.”
^ Okanye “ngezaci.”