Hezekile 27:1-36
-
Ingoma yokuzilela ukutshona kwenqanawa yaseTire (1-36)
27 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:
2 “Wena ke nyana womntu, culela iTire ingoma yokuzila,+
3 uthi kwiTire,‘Wena ohlala ekungeneni elwandle,Somashishini wezizwana kwiziqithi ezininzi,Ithi iNkosi enguMongami uYehova:
“Wena Tire uthe, ‘Ndigqibelele ngobuhle.’+
4 Imimandla yakho iphakathi elwandle,Nabakhi bakho babenze bagqibelela ubuhle bakho.
5 Onke amaplanga akho, wena uyinqanawa, bawenza ngemithi yejunipha yaseSenire,+Bathatha umsedare waseLebhanon ukuze baxhome iiseyile zenqanawa kuwo.
6 Amaphini akho okubheqa bawenza ngemioki yaseBhashan,Umphambili wakho bawenza ngomsipres ohonjiswe ngeempondo zendlovu ezivela kwiziqithi zaseKitim.+
7 Iiseyile zakho zenziwa ngelinen emibala-bala evela eYiputa,Uphahla lweveranda yakho lwenziwa ngomsonto oluhlaza* noboya obumsobo* obuvela kwiziqithi zakwaElishaha.+
8 Abahlali baseSidon nabaseArvadi+ babengababheqi bakho.
Amadoda akho angamachule Tire, ayengoomatiloshe bakho.+
9 Amadoda anamava* nangamachule aseGebhali+ ayengabangcibi bakho.+
Zonke iinqanawa zaselwandle nabaqhubi bazo babesiza kuwe ukuze bashishine.
10 Amadoda asePersi, eLudi nasePuti+ ayesemkhosini wakho, engamadoda akho emfazwe.
Ayewaxhoma kuwe amakhaka nezigcina-ntloko zawo, ibe ayekwenza ube nobuqaqawuli.
11 Macala onke eendonga zakho kwakumi amadoda aseArvadi awayesemkhosini wakho,Ibe kwakukho amadoda angamakroti kwiinqaba zakho.
Axhoma amakhaka arawundi macala onke eendonga zakhoAza abenza bagqibelela ubuhle bakho.
12 “‘“ITarshishe+ yashishina nawe ngenxa yobutyebi bakho obuninzi.+ Yashishina nawe ngesilivere, intsimbi, inkcenkce nelothe.+
13 UYavan, uTubhali+ noMesheki+ bathenga impahla yakho ngamakhoboka+ nempahla yekopolo.
14 Indlu kaTogama+ yashishina nawe ngamahashe okukhwela nawemfazwe neemeyile.
15 Abantu bakwaDedan+ bashishina nawe; waqesha oosomashishini kwiziqithi ezininzi; zakupha iimpondo zendlovu+ namaplanga omsimbithi.
16 Abemi bakwaEdom bashishina nawe ngenxa yemveliso yakho eninzi. Bashishina nawe ngetekoyisi, uboya obumsobo,* izinto zokuhomba ezimibala-bala, amalaphu odidi, iikorale neerubhi.
17 “‘“ElakwaYuda nelizwe lakwaSirayeli lashishina nawe+ ngengqolowa yaseMiniti,+ ukutya okukhethekileyo, ubusi,+ ioli nebhalsam.+
18 “‘“IDamasko+ yashishina nawe ngenxa yemveliso yakho eninzi nabo bonke ubutyebi bakho, yashishina ngewayini yaseHelbhon noboya baseTsahare.*
19 UVedan noYavan baseUzali bashishina nawe ngentsimbi ekhandiweyo, ikasiya* nengcongolo.*
20 UDedan+ washishina nawe ngamalaphu eesali.*
21 Waqesha ama-Arabhu nazo zonke iinkosi zaseKedare,+ ezazishishina nawe ngamatakane eegusha, iinkunzi zeegusha neebhokhwe.+
22 Oosomashishini bakwaShebha nabakwaRahama+ bashishina nawe; bashishina ngazo zonke iintlobo zeziqholo ezikhethekileyo, amatye axabisekileyo negolide.+
23 IHaran,+ iKane, iEden,+ oosomashishini bakwaShebha,+ abaseAshuri+ nabaseKilimade bashishina nawe.
24 Bashishina kwindawo yakho ekuthengiswa kuyo, beshishina ngempahla entle, izambatho ezenziwe ngelaphu eliluhlaza* nezimibala-bala, nangeekhaphethi ezimibala-bala, zonke zibotshwe ngeentambo ezomeleleyo.
25 Iinqanawa zaseTarshishe+ zazikuthuthela impahla yakho,Kangangokuba wagcwala qhu wasindwa ngumthwalo* phakathi elwandle.
26 Ababheqi bakho bakuzise kulwandle olulwayo;Umoya wasempuma ukwaphulele phakathi elwandle.
27 Ubutyebi bakho, impahla yakho, izinto zakho, abaqhubi bakho noomatiloshe bakho,Abangcibi bakho, abo ubushishina nabo,+ nawo onke amadoda emfazwe,+Bonke abo bahlala kuwe,*Baza kutshona phakathi elwandle ngemini yokuwa kwakho.+
28 Xa oomatiloshe bakho bekhala, aza kungcangcazela amazwe aselunxwemeni.
29 Bonke ababheqi, abaqhubi noomatilosheBaza kuhla ezinqanaweni zabo beme emhlabeni.
30 Baza kukwenzela isijwili, batsho ngesikhalo esikrakra+Njengoko begalela uthuli kwiintloko zabo, bezibhuqa-bhuqa eluthuthwini.
31 Baza kucheba iinkqayi, babhinqe namalaphu okwenza ingxowa;Baza kukulilela, batsho ngesikhalo esikrakra.
32 Baza kwenza isijwili bakuculele ingoma yokuzila bathi:
‘Ngubani na onjengeTire, ethe cwaka ngoku phakathi elwandle?+
33 Wanelisa izizwe ezininzi ngokuzithumela impahla yakho ivela elwandle.+
Ubutyebi bakho obuninzi nempahla yakho yabenza bazizityebi ookumkani bomhlaba.+
34 Ngoku waphukile phakathi elwandle, emanzini anzulu,+Yonke impahla yakho nabantu bakho batshone kunye nawe.+
35 Bonke abantu abaseziqithini baza kukujonga bemangalisiwe,+Nookumkani babo baza kungcangcazela kukoyika,+ bunxube ubuso babo.
36 Oosomashishini abaphakathi kwezizwana baza kubetha umlozi ngenxa yento eyenzeke kuwe.
Siza kufika ngesiquphe isiphelo sakho esoyikekayo,Ibe uza kutshabalala ngonaphakade.’”’”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “oblu.”
^ Okanye “obupepuli.”
^ Ngokoqobo, “Iingwevu.”
^ Okanye “obupepuli.”
^ Okanye “obungwevu bubomvu.”
^ Umthi ofana nowesinamon.
^ Ingcongolo yeziqholo.
^ Okanye “iimpahla ezenziwe ngamalaphu alukiweyo.”
^ Okanye “eliblu.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “uzukile.”
^ Ngokoqobo, “Lonke ibandla elikuwe.”