IMizekeliso 24:1-34
24 Sukubamonela abenzi-bubi,Ungakunqweneli nokuba phakathi kwabo,+
2 Kuba intliziyo yabo icinga ubundlobongela,Nemilebe yabo ivusa udushe.
3 Indlu* yakhiwa ngobulumko,+Ize ikhuselwe ngokuqonda.
4 Ngokusebenzisa ulwazi, amagumbi ayo agcwaliswaNgeendidi ngeendidi zezinto ezintle zexabiso.+
5 Umntu osisilumko unamandla,+Ibe ngokusebenzisa kwakhe ulwazi, uya esomelela ngokomelela.
6 Xa ufumana amacebiso obulumko uza koyisa emfazweni,+Naxa unabacebisi abaninzi uza kuphumelela.*+
7 Isidenge asinakukwazi tu ukufumana ubulumko bokwenene;+Asinanto yakuthetha ezigeyithini zesixeko.
8 Nabani na oceba ukwenza izinto ezimbi,Uza kubizwa ngokuba ngusomaqhingashe.+
9 Amacebo obudenge* asisono,Yaye abantu bayamonyanya umntu othanda ukugxeka.+
10 Ukuba uyatyhafa ngamaxesha eenkathazo,Uza kuphelelwa ngamandla.
11 Basindise abo basiwa ekufeni,Ubanqande nabo bagxadazelela ekubulaweni.+
12 Ukuba uthi, “Kodwa besingazi ngale nto,”
Akayiboni na loo nto Lowo uhlolisisa iintliziyo?*+
Kaloku, Lowo ukujongileyo uza kwaziAze abuyekeze mntu ngamnye ngezenzo zakhe.+
13 Nyana wam, yitya ubusi, kuba bulungile;Incindi yobusi inencasa emlonyeni.
14 Yazi ukuba, ngendlela efanayo, nobulumko bukulungele.+
Ukuba uye wabufumana, uza kuba nekamva elihle,Ibe ithemba lakho alizukunqunyulwa.+
15 Uze ungancathami kufutshane nendlu yelungisa uneenjongo ezimbi;Uze ungayitshabalalisi indawo yalo yokuphumla.
16 Kuba ilungisa nokuba liwa kasixhenxe, liphinda livuke,+Kodwa bona abenzi-bubi baza kwehlelwa yintlekele.+
17 Sukuvuya xa utshaba lwakho lusiwa,Mayingavuyi intliziyo yakho xa ulubona lukhubeka;+
18 Kuba uYehova uza kuyibona loo nto angayithandi,Aze awehlise umsindo wakhe kulo.*+
19 Sukucatshukiswa* ngabenzi-bubi;Sukubamonela abantu abangalunganga,
20 Kuba nabani na owenza izinto ezimbi akanalo ikamva;+Isibane sabenzi-bubi siza kucinywa.+
21 Nyana wam, yoyika uYehova nokumkani.+
Ungazidibanisi nabo bangathobeliyo,*+
22 Kuba intlekele yabo iza kubafikela ngequbuliso.+
Ngubani na oyaziyo intlekele abaza* kubazisela yona?+
23 Nazi ezinye izinto ezithethwa zizilumko:
Ukukhetha ubuso xa ugweba akulunganga.+
24 Nabani na othi kumenzi-bubi, “Ulilungisa wena,”+
Uza kuqalekiswa zizizwe, agxekwe naziintlanga.
25 Kodwa baza kulungelwa abo bamohlwayayo;+Baza kusikelelwa ngezinto ezintle.+
26 Abantu baza kuyiphuza imilebe yalowo uthetha inyani.*+
27 Lungisa umsebenzi wakho ngaphandle, ulungise yonke into emasimini;Emva koko wakhe indlu* yakho.
28 Sukunikela ubungqina obungenasihlahla ngommelwane wakho.+
Sukuyisebenzisela ukuqhatha abanye imilebe yakho.+
29 Uze ungathi: “Ndiza kumenza le nto andenze yona;Ndiza kuziphindezela ngale nto ayenzileyo.”+
30 Ndagqitha ngakwintsimi yevila,+Intsimi yeediliya yomntu ongayisebenzisiyo ingqondo.*
31 Ndayibona igcwele lukhula;Yonke nje yogqunywe ngamarhawu,*Nodonga lwayo lwamatye ludilikile.+
32 Ndayijongisisa le nto, ndacinga nzulu,Ndaza ndafunda esi sifundo:*
33 Ngenxa yentwana yobuthongo, ukozela kancinci,Ukusonga izandla kancinci ukuze uphumle,
34 Ubuhlwempu buza kukuqubula njengotsotsi,Nokuswela kukuhlasele njengendoda exhobileyo.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Intsapho.”
^ Okanye “kusinda.”
^ Okanye “esidenge.”
^ Okanye “iinjongo zabantu.”
^ Oko kukuthi, utshaba.
^ Okanye “Sukwenziwa umsindo.”
^ Okanye “nabo bafuna utshintsho.”
^ Oko kukuthi, uYehova nokumkani.
^ Okanye kusenokwenzeka, “Ukuphendula into ecacileyo kufana nokuphuza.”
^ Okanye “intsapho.”
^ Ngokoqobo, “oswele intliziyo.”
^ Okanye “ngurhelejane.”
^ Ngokoqobo, “ndamkela uqeqesho.”