IiNdumiso 124:1-8

  • “Ukuba uYehova ebengekho kunye nathi”

    • Ukuqhwesha kwisibatha esaphukileyo (7)

    • ‘Igama likaYehova luncedo lwethu’ (8)

Ingoma Yokunyuka. EkaDavide. 124  “Ukuba uYehova ebengekho kunye nathi,”+ USirayeli makathi:   “Ukuba uYehova ebengekho kunye nathi+Xa abantu bebefuna ukusihlasela,+   Ngebesiginye siphila,+Ngoxa bebenomsindo.+   Ngesikhukuliswe ngamanzi,Semka* nomsinga.+   Ngesitshone* kumanzi alwayo.   Makadunyiswe uYehova,Kuba akasiyekelanga sangamaxhoba emazinyweni abo.   Sifana* nentaka eqhwesheKwisibatha somzingeli;+Isibatha besaphukile,Saza thina saqhwesha.+   Uncedo lwethu lukwigama likaYehova,+UMenzi wezulu nomhlaba.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Umphefumlo wethu wemka.”
Okanye “Umphefumlo wethu ngewutshone.”
Okanye “Umphefumlo wethu ufana.”