IiNdumiso 125:1-5
Ingoma Yokunyuka.
125 Abo bamthembayo uYehova+BanjengeNtaba YeZiyon engenakugungqiswa,Kodwa ehleli ngonaphakade.+
2 Njengoko iYerusalem ijikelezwe ziintaba,+NoYehova ubajikelezile abantu bakhe+Ngoku nangonaphakade.
3 Intonga yobubi ayizukuhlala ikho kumhlaba osikelwe amalungisa,+Ukuze amalungisa angajiki enze izinto ezimbi.+
4 Yenza okulungileyo Yehova, kwabo balungileyo,+Kwabo baneentliziyo ezilungileyo.+
5 Bona abo bajika bahambe ngeendlela zabo ezingalunganga,UYehova uza kubasusa kunye nabenzi-bubi.+
Makubekho uxolo phezu koSirayeli.