IiNdumiso 128:1-6

  • Bonwabile aboyika uYehova

    • Umfazi unjengomthi weediliya oqhamileyo (3)

    • “Kwanga ungayibona iYerusalem iphumelela” (5)

Ingoma Yokunyuka. 128  Bonwabile bonke abantu aboyika uYehova,+Abahamba ngeendlela zakhe.+   Wena uza kutya wonke umsebenzi wezandla zakho. Uza konwaba uze uphumelele.+   Umfazi wakho uza kuba njengomthi weediliya oqhamileyo endlini yakho;+Oonyana bakho baza kuba njengezithole zomthi womnquma etafileni yakho.   Jonga! Iza kusikelelwa ngaloo ndlelaIndoda emoyikayo uYehova.+   UYehova uza kukusikelela eZiyon. Kwanga ungayibona iYerusalem iphumelela ubomi bakho bonke,+   Uze ubone noonyana boonyana bakho. Makubekho uxolo phezu koSirayeli.

Umbhalo osemazantsi