IiNdumiso 17:1-15

  • Umthandazo wokucela ukukhuselwa

    • “Uyigocagocile intliziyo yam” (3)

    • “Emthunzini wamaphiko akho” (8)

Umthandazo kaDavide. 17  Ndiyakucela Yehova, kuve ukucela kwam ukwenzelwa ubulungisa;Kumamele ukukhalela kwam uncedo;Wuve umthandazo wam ongenankohliso.+   Kwanga ungandigweba ngobulungisa;+Kwanga amehlo akho angabona izinto ezilungileyo.   Uyigocagocile intliziyo yam, wandihlolisisa ebusuku;+Undisulungekisile,+Uza kubona ukuba andicebanga nantoni na embi,Nomlomo wam awuthethanga nkohliso.   Andenzanga njengabanye abantu,Ndithobele ilizwi lemilebe yakho, ndaziphepha iindlela zootsotsi.+   Mandihlale ndihamba ngeendlela zakhoUkuze unyawo lwam lungakhubeki.+   Ndizibika kuwe Thixo wam, kuba uza kundiphendula.+ Vula iindlebe,* uweve amazwi am.+   Bonisa uthando lwakho olungagungqiyo ngendlela emangalisayo,+Wena Msindisi wabo bathembele ngesandla sakho sasekunene,Ubakhusele kwabo bangakuthobeliyo.   Ndikhusele njengelihlo lakho;+Ndifihle emthunzini wamaphiko akho.+   Ndikhusele kubenzi-bubi abandihlaselayo,Nakwiintshaba zam ezindijikelezileyo.+ 10  Azinalusizi;*Ngomlomo wazo zithetha ngekratshi; 11  Ngoku zisirhangqile;+Zisithe ntsho zifuna ithuba lokusiwisa. 12  Ngalunye kuzo lunjengengonyama engxamele ukuqwenga ixhoba layo,Lunjengengonyama encathame engontsini. 13  Khawuphakame Yehova, umelane nalo+ uze uluwise;Ndikhusele kumenzi-bubi ngekrele lakho; 14  Nceda undikhusele ngesandla sakho Yehova,Kubantu beli hlabathi, abaphilela obu bomi,+Abo ubanika izinto ezintle ozenzileyo+Nabashiyela oonyana babo abaninzi ilifa. 15  Kodwa mna, ngenxa yobulungisa bam ndiza kububona ubuso bakho;Ndaneliswa kukubona wena* xa ndivuka.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Goba uze umamele.”
Okanye “Zifuthaniselwe ngamanqatha azo.”
Okanye “ubunjani bakho.”