IiNdumiso 21:1-13
Kumalathisi. Ingoma emnandi kaDavide.
21 Owu Yehova, ayamvuyisa ukumkani amandla akho;+Ukuvuyela ngendlela engathethekiyo ukusindiswa nguwe!+
2 Uye wamnika into efunwa yintliziyo yakhe,+Ibe khange umvimbe izinto azicelayo. (Selah)
3 Kuba umhlangabeza ngentabalala yeentsikelelo;Umthwalisa isithsaba segolide yodidi.*+
4 Ukucele ubomi waza wamnika,+Ubomi obude,* unaphakade kanaphakade.
5 Ukusindiswa nguwe kumenza azukiswe ngeyona ndlela.+
Umnika isidima nobukhulu.
6 Umenza asikelelwe ngonaphakade;+Umenza avuyiswe kukonwaba kunye nawe.*+
7 Kuba ukumkani uthembele ngoYehova;+Ngenxa yokuba ethandwa ngokungagungqiyo ngOyena Uphakamileyo, soze agungqiswe.*+
8 Isandla sakho siza kuzifumana zonke iintshaba zakho;Isandla sakho sasekunene siza kubafumana abo bakucaphukelayo.
9 Uza kubenza babe ngathi baphoswe kwiziko lomlilo ngexesha olimisele ukugagana nabo.
UYehova uza kubaginya enomsindo, baze baqwengwe ngumlilo.+
10 Uza kusitshabalalisa singabikho emhlabeni isizukulwana sabo,*Nenzala yabo phakathi koonyana babantu.
11 Kuba bebefuna ukukwenza into embi;+Baqulunqe amayelenqe angazukusebenza.+
12 Kuba uza kubenza barhoxe+Ngokubakhomba ngotolo lwakho.
13 Phakama ngamandla akho, owu yhini Yehova.
Siza kubudumisa ngengoma* ubukhulu bakho.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “esulungekileyo.”
^ Ngokoqobo, “Imihla emide.”
^ Ngokoqobo, “kukonwabela ubuso bakho.”
^ Okanye “soze agxadazele (ahambe nzima).”
^ Ngokoqobo, “isiqhamo sabo.”
^ Ngokoqobo, “kubuculela size sibuqambele ingoma.”