IiNdumiso 32:1-11

  • Bonwabile abaxolelweyo

    • “Ndasivuma isono sam kuwe” (5)

    • UThixo ukubonisa indlela (8)

EkaDavide. IMaskili.* 32  Wonwabile lowo ubuxolelweyo ububi abenzileyo, waxolelwa* nesono sakhe.+   Wonwabile umntu ongabekwa tyala nguYehova,+Ongenayo kwaphela inkohliso.   Ndathi ndakuthi cwaka, ndasuka ndaphelelwa ngamandla ngenxa yokugcuma kwam imini yonke.+   Kuba imini nobusuku isandla sakho sasindisinda.*+ Athi shwaka amandla am* oku kwamanzi atshiswe lilanga lasehlotyeni. (Selah)   Ekugqibeleni ndasivuma isono sam kuwe;Andizange ndibufihle ububi endabenzayo.+ Ndathi: “Ndiza kuzivuma izono zam kuYehova.”+ Waza wena wazixolela izono zam.+ (Selah)   Yiyo le nto wonke umntu okuthanda ngokungagungqiyo eza kuthandaza kuwe+Ngoxa usafumaneka.+ Xa kunjalo, nkqu nezikhukula zamanzi soze zimenze nto.   Wena uyindawo yam yokuzifihla;Uza kundikhusela xa ndisebunzimeni.+ Ndiza kujikelezwa yintswahla yovuyo ngenxa yokuba undisindisa.+ (Selah)   “Ndiza kukubonisa ndize ndikuyalele indlela omele uhambe ngayo.+ Ndiza kukucebisa, ilihlo lam likuwe.+   Sukuba njengehashe okanye imeyile engenakuqonda,+Emele ilawulwe ngomkhala ukuze ingaxhuma-xhumiNgaphambi kokuba isondele kuwe.” 10  Zininzi iintlungu anazo umenzi-bubi;Kodwa lowo uthembele ngoYehova uphahlwe luthando lwakhe olungagungqiyo.+ 11  Vuyani, nina malungisa, nonwabe ngenxa kaYehova,Nitsho ngentswahla yovuyo, nonke nina baneentliziyo ezilungileyo.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “sogqunywa.”
Okanye “ukungakholwa kwakho ndim kwakundisinda.”
Okanye “Kwaphela ukufuma kobomi bam.”