IiNdumiso 38:1-22
Ingoma emnandi kaDavide, esisikhumbuzo.
38 Owu Yehova, ungandiluleki ucaphukile,Undilungise unomsindo.+
2 Kuba iintolo zakho zingene zatshona kum,Nesandla sakho sindicinezele kabuhlungu.+
3 Wonke umzimba wam uyagula ngenxa yokucaphuka kwakho.
Akukho luxolo emathanjeni am ngenxa yesono sam.+
4 Kuba ndintyumpa-ntyumpeka ezonweni zam;+Zindisinda okomthwalo onzima.
5 Izilonda zam zinuka phu, ziyachizaNgenxa yobudenge bam.
6 Ndineentlungu neenzingo;Imini yonke ndihamba-hamba ndibuhlungu.
7 Ndiyapena-pena ziintlungu;*Umzimba wam wonke uyagula.+
8 Ndisuke ndandindisholo, ndatyumka ngokupheleleyo;Ndiyagcuma* ngenxa yentliziyo ebuhlungu.
9 Owu Yehova, uzazi zonke izinto endizifunayo,Uyakuva konke ukuncwina kwam.
10 Ndinovalo, ndiphelelwe ngamandla,Namehlo am abona luzizi.+
11 Abahlobo bam bahambela kude kum ngenxa yesibetho sam,Nabo ndibaqhelileyo bahambela kude.
12 Abo bazingela ubomi bam bandibekele imigibe;Abo bafuna ukundenzakalisa bandenzela amayelenqe;+Bathetha ubuxoki imini yonke.
13 Kodwa zange ndibamamele, oku komntu ongevayo;+Ndaba ngathi andikwazi kuthetha, andawuvula umlomo wam.+
14 Ndaba njengomntu ongevayo,Andakhupha nelimdaka ukuze ndizithethelele.
15 Kuba ndandilindele kuwe, Yehova,+Ibe wandiphendula, Yehova Thixo wam.+
16 Kuba ndathi: “Mabangaze baqhayise ngamOkanye bahlekise ngam xa unyawo lwam lutyibilika.”
17 Kuba kwakusele kancinci ukuba ndiwe,Ibe ndandityiwa ziintlungu.+
18 Ndasivuma isiphoso sam;+Ndakhathazeka ngenxa yesono sam.+
19 Kodwa iintshaba zam zizigantsontso* ezinamandla,*Baninzi nabo bandicaphukela ndingabenzanga nto.
20 Izinto ezilungileyo endazenzayo bazibuyekeza ngezimbi;Bazama ukundiyekisa ukwenza izinto ezilungileyo.
21 Sukundishiya, Yehova.
Owu Thixo wam, sukuchasela kum.+
22 Khawuleza uzokundinceda,Owu Yehova, wena undisindisayo.+
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “Isinqe sam siyatshisa.”
^ Okanye “Ndiyakhonya.”
^ Ngokoqobo, “ziphilile.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “Kodwa zininzi iintshaba ezindicaphukela ngaphandle kwesizathu.”