IiNdumiso 44:1-26

  • Ukuthandazela uncedo

    • ‘Nguwe owasisindisayo’ (7)

    • ‘Njengeegusha zokuxhelwa’ (22)

    • “Vuka usincede!” (26)

Kumalathisi. Eyoonyana bakaKora.+ IMaskili.* 44  Owu Thixo, sivile ngeendlebe zethu,Basibalisele ookhokho bethu+Izinto owazenza ngemihla yabo,Ngemihla yakudala.   Wazigxotha ngesakho isandla iintshaba,+Wabahlalisa apho ookhokho bethu.+ Wazikroboza iintlanga waza wazigxotha.+   Abazange balifumane ngelabo ikrele ilizwe,+Ingazange ibe zizixhobo zabo ezabenza boyisa.+ Kodwa kwaba ngesandla sakho sasekunene, ingalo yakho+ nokukhanya kobuso bakho,Kuba wawubathanda.+   Owu Thixo, unguKumkani wam;+Yalela ukuba uYakobi oyise ngokupheleleyo.*   Siza kuzigxotha ngamandla akho iintshaba zethu;+Siza kubanyathela egameni lakho abo basihlaselayo.+   Kuba andithembelanga ngesam isaphetha,Nekrele lam alikwazi kundisindisa.+   Nguwe owasisindisa kwiintshaba zethu,+Wahlaza nabo basicaphukelayo.   Siza kumdumisa imini yonke uThixo,Ibe siza kulibulela ngonaphakade igama lakho. (Selah)   Kodwa ngoku usilahlile waza wasihlazisa,Futhi awuphumi nemikhosi yethu. 10  Uqhubeka usenza sirhoxe kutshaba lwethu;+Abo basicaphukelayo bazenzela unothanda kwizinto zethu. 11  Usinikela kwabo basiqwenga okweegusha,Kwaye usisasaze ezintlangeni.+ 12  Ubathengisa ngento engekhoyo abantu bakho;+Awenzi kwanzuzo ngexabiso obathengisa ngalo. 13  Usenza intlekisa kubamelwane bethu,Into yokugxekwa nokugezelwa ngabo basingqongileyo. 14  Usenza into yokuthukwa* ziintlanga,+Into yokunikinelwa intloko zizizwana. 15  Ndiziva ndihlazekile imini yonke,Iintloni zindongamele, 16  Ngenxa yokuva ilizwi labo basinxwalayo, besithuka,Ngenxa yotshaba lwethu oluziphindezelayo. 17  Nakuba sehlelwe yiyo yonke le nto, khange sikulibale,Khange sisaphule nesivumelwano sakho.+ 18  Intliziyo yethu ayibhadulanga,Singakhange siyishiye nendlela yakho. 19  Kodwa wena usityumzele kwindawo yoodyakalashe,Wasogquma ngethunzi elimnyama thsu. 20  Ukuba sililibele igama likaThixo wethuOkanye solulela izandla zethu komnye uthixo, 21  Akazukuyibhaqa na uThixo loo nto? Kaloku uyazazi iimfihlelo ezisentliziyweni.+ 22  Sibulawa yonke le mihla ngenxa yakho;Sesifana nje neegusha zokuxhelwa.+ 23  Khawuvuke, yhini Yehova, uleleleni?+ Phakama! Sukusilahla umphelo.+ 24  Kutheni ubufihlile nje ubuso bakho? Kutheni uyilibala indlela esisentlungwini nesicinezelwe ngayo? 25  Kuba sithotyelwe eluthulini;Imizimba yethu icinezelwe phantsi.+ 26  Vuka usincede!+ Sisindise* ngenxa yothando lwakho olungagungqiyo.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Msindise ngokupheleleyo uYakobi.”
Ngokoqobo, “isaci.”
Ngokoqobo, “Sikhulule.”