IiNdumiso 45:1-17

  • Umtshato kakumkani okhethiweyo

    • Unamazwi amyoli (2)

    • “UThixo uyitrone yakho ngonaphakade” (6)

    • Ukumkani ubufuna shushu ubuhle bomtshakazi (11)

    • Oonyana baza kuba ziinkosana emhlabeni wonke (16)

Kumalathisi; mayidlalwe “ngeeNyibiba.” Eyoonyana bakaKora.+ IMaskili.* Ingoma yothando. 45  Intliziyo yam ivuselelwa yinto emnandi. Ndithi: “Ingoma yam* ingokumkani.”+ Kwanga ulwimi lwam lungaba lusiba+ lomkhupheli* olichule.+   Uyeyona nzwana phakathi koonyana babantu. Emilebeni yakho kuphuma amazwi amyoli.+ Yiyo le nto uThixo ekusikelele ngonaphakade.+   Bhinqa ikrele lakho+ ecaleni, wena unamandla,+Ngesidima nangobukhulu bakho.+   Hamba uyokoyisa* ngobukhulu bakho;+Phalisa endleleni yenyaniso nokuthobeka nobulungisa,+Yaye isandla sakho sasekunene siza kwenza* izinto ezimangalisayo.   Iintolo zakho zibukhali, ziwisa izizwana ngaphantsi kwakho;+Zigqobhoza iintliziyo zeentshaba zikakumkani.+   UThixo uyitrone yakho ngonaphakade kanaphakade;+Nentonga yobukumkani bakho yintonga yobulungisa.+   Ubuthandile ubulungisa,+ wabucaphukela ububi.+ Yiyo le nto uThixo, uThixo wakho, ekuthambise+ ngeoli yovuyo+ ngaphezu kwabanye abantu.   Zonke iimpahla zakho ziqholwe ngemore nekhala nekasiya;Kwindlu kakumkani enkulu ehonjiswe ngeempondo zendlovu, kudlalwa imirhubhe ekwenza wonwabe.   Phakathi kwamanenekazi akho abekekileyo, kukho iintombi zookumkani. Ukumkanikazi umi ngasekunene kwakho, ehombe ngegolide yakwaOfire.+ 10  Mamela, ntombi yam, qaphela uze usondeze indlebe yakho;Balibale abantu bakowenu nendlu katata wakho. 11  Ukumkani uza kubufuna shushu ubuhle bakho,Kuba uyinkosi yakho,Ngoko qubuda kuye. 12  Intombi yaseTire iza kuza iphethe isipho;Ezona zityebi phakathi kwabantu ziza kuzicengezela kuwe.* 13  Phakathi endlini kakumkani intombi yokumkani iyakhazimla;Isinxibo sayo sihonjiswe ngegolide. 14  Iza kuziswa kukumkani inxibe iimpahla ezilukiweyo.* Iintombi eziyilandelayo ezingazange zalala nandoda ziziswa kuwe. 15  Ziza kuziswa ngemihlali nokuvuya;Ziza kungena kwindlu kakumkani. 16  Oonyana bakho baza kuthatha indawo yookhokho bakho. Uza kubenza iinkosana emhlabeni wonke.+ 17  Ndiza kulazisa igama lakho kuzo zonke izizukulwana ezizayo.+ Yiyo le nto izizwana ziza kukudumisa ngonaphakade kanaphakade.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “Imisebenzi yam.”
Okanye “yipeni yombhali.”
Ngokoqobo, “siza kukufundisa.”
Okanye “uyokuphumelela.”
Okanye “ziza kubenza buthambe ubuso bakho.”
Okanye kusenokwenzeka, “ezihonjisiweyo.”