IiNdumiso 56:1-13

  • Umthandazo waxa utshutshiswa

    • “Ndithembele kuThixo” (4)

    • ‘Faka iinyembezi zam kwibhotile yakho yofele’ (8)

    • “Angandenza ntoni na umntu?” (4, 11)

Kumalathisi; mayidlalwe “NgeHobe Elithe Cwaka Elikude.” EkaDavide. IMiktam.* Xa wabanjwa ngamaFilisti eGati.+ 56  Yhini Thixo, ndenzele inceba, kuba abantu bayandihlasela.* Balwa nam, bendicinezela imini le yonke.   Iintshaba zam zindigragramela imini yonke,Baninzi abandivuyelelayo.   Ndithembela kuwe+ xa ndisoyika.+   Ndithembele kuThixo endidumisa ilizwi lakhe,Ndithembele kuThixo; andoyiki. Angandenza ntoni na umntu?+   Imini le yonke bahlelele ukuphazamisana nobomi bam;Eyona nto bacinga ngayo kukundenzakalisa.+   Bandilalele;Bagade yonke indawo endinyathela kuyo,+Befuna ukundicima igama.+   Balahle kuba bakhohlakele. Owu yhini Thixo, zitshabalalise ngomsindo izizwana.+   Undigadile ekubhaduleni kwam.+ Qokelela iinyembezi zam, uzifake kwibhotile yakho yofele.+ Azibhalwanga encwadini yakho na?+   Iintshaba zam ziza kurhoxa mhla ndicela uncedo.+ Nantsi into endiqiniseke ngayo: uThixo usecaleni lam.+ 10  Ndithembele kuThixo endidumisa ilizwi lakhe;Ndithembele kuYehova endidumisa ilizwi lakhe. 11  Ndithembele kuThixo; andoyiki.+ Angandenza ntoni na umntu?+ 12  Isifungo sam sindibophelele kuwe Thixo wam;+Ndiza kukutyibela ngemibulelo.+ 13  Kuba undisindisile ekufeni+Wanqanda neenyawo zam ukuba zingakhubeki,+Ukuze ndihambe phambi koThixo, ekukhanyeni kwabaphilayo.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “bayandingqavula.”